Izibhalo
3 Nifayi 27


UYesu Krestu waye wazibonakalisa kubo abantu bakaNifayi, njengokuba isihlwele sasihlanganisene kunye kulo ilizwe iNdyebo, kwaye waye wafundisa kuso; kwaye ngale ndlela waye wazibonakalisa kuso.

Iquka izahluko 11 ukuya ku 26.

Isahluko 27

UYesu ubayalela ukuba balibize iBandla ngegama Lakhe—Umsebenzi Wakhe nedini elihlawulelayo zenza ivangeli Yakhe—Abantu bayalelwa ukuba baguquke kwaye babhaptizwe ukuze babe nokungcwaliswa ngoMoya oyiNgcwele—Kufuneka babe kwanjengokuba uYesu enjalo. Malunga E.K. 34–35.

1 Kwaye kwenzekile okokuba njengokuba abafundi bakaYesu babethabatha uhambo kwaye babeshumayela izinto ababezivile kwaye bezibonile, kwaye babebhaptiza egameni likaYesu, kwenzekile okokuba abafundi babehlanganisene kunye kwaye abemanyene ngomthandazo onamandlakazi kwaye bbezile ukutya.

2 Waza uYesu kwakhona awazibonakalisa kubo, kuba babethandaza kuBawo egameni lakhe; waza uYesu weza wema embindini wabo, waza wathi kubo: Yintoni eninqwenela ukuba ndinganinika yona?

3 Baza bathi kuye: Nkosi, sinqwenela ukuba ungasixelela igama esinokuthi silibize ngalo eli bandla; kuba kukho iimpikiswano phakathi kwabantu ngokunxulumene nalo mba.

4 Yaza iNkosi yathi kubo: Inene, inene, ndithi kuni, kungani ukuba abantu mabambombozele kwaye baphikisane ngenxa yale nto?

5 Ingaba abazifundanga na izibhalo, ezithi kufuneka nizithathele phezu kwenu aigama likaKrestu, eli ligama lam? Kuba ngalo eli gama niya kwaziwa ngomhla wokugqibela;

6 Kwaye nabani na othabathela phezu kwakhe igama lam, aze aanyamezele kude kube sekupheleni, kwayena lowo uya kusindiswa ngomhla wokugqibela.

7 Ke ngoko, nantoni na eniya kuyenza, niya kuyenza ngegama lam; ke ngoko niya kulibiza ibandla ngegama lam; kwaye niya kucela kuBawo egameni lam ukuze alisikelele ibandla ngenxa yam.

8 Kwaye lingaba alibandla blam njani ngaphandle kokuba libizwe ngegama lam? Kuba ukuba ibandla libizwa ngegama likaMoses ke libandla likaMoses; okanye ukuba libizwa ngegama lomntu ke libandla lomntu; kodwa ukuba libizwa ngegama lam ke libandla lam, ukuba kuyenzeka ukuba bakhelwe phezu kwevangeli yam.

9 Inene ndithi kuni, ukuthi nina nakhelwe phezu kwevangeli yam; ke ngoko niya kucela naziphi na izinto enithi nizicele, egameni lam; ke ngoko ukuba nicela kuBawo, nicelela ibandla, ukuba kungegama lam uBawo uya kuniva;

10 Kwaye ukuba kuyenzeka ukuba ibandla lakhelwe phezu kwevangeli yam ke uBawo uya kuyibonisa eyakhe imisebenzi kulo.

11 Kodwa ukuba ayakhelwanga phezu kwevangeli yam, kwaye yakhelwe phezu kwemisebenzi yabantu, okanye phezu kwemisebenzi yomtyholi, inene ndithi kuni banovuyo ngemisebenzi yabo okwexesha, kwaye kungekudala isiphelo siyeza, kwaye abagawulelwa phantsi baze baphoswe emlilweni, apho kungekho kubuya khona.

12 Kuba imisebenzi yabo aiyabalandela, kuba kungenxa yemisebenzi yabo ukuba bagawulelwe phantsi; ke ngoko zikhumbuleni izinto ezo endinixelele zona.

13 Qaphelani, ndininikile aivangeli yam, kwaye le vangeli yam endininike yona—okokuba ndeza ehlabathini ukuba ndenze bintando kaBawo, ngenxa yokuba uBawo wandithuma.

14 Kwaye uBawo wandithuma ukuze ndibe anokuphakanyiselwa phezulu emnqamlezweni; kwaye emva kokuba ndiphakanyiselwe phezulu emnqamlezweni, ukuze ndibe bnokusondeza bonke abantu kum, ukuze njengokuba bendiphakanyiselwe phezulu ngabantu kwangokunjalo abantu baya kuphakanyiselwa phezulu nguBawo, ukuba beme phambi kwam, ukuba cbagwetywe ngemisebenzi yabo, nokuba mihle okanye nokuba mibi—

15 Kwaye kungesi sizathu ukuba andiphakanyiselwe phezulu; ke ngoko, ngokwamandla kaBawo ndiya kubasondeza bonke abantu kum, ukuze babe nokugwetywa ngokwemisebenzi yabo.

16 Kwaye kuya kwenzeka, okokuba nabani na aoguqukayo aze babhaptizwe egameni lam uya kuzaliswa; kwaye ukuba cunyamezela kuye esiphelweni, qaphelani, yena ndiya kumgweba njengongenatyala phambi koBawo ngaloo mhla xa sukuba ndiya kuma ukuba ndigwebe ihlabathi.

17 Kwaye lowo unganyamezeliyo kuye esiphelweni, kwayena ngulowo uya kuthi kanjalo agawulelwe phantsi aze aphoswe emlilweni, apho bangenakuphinda babuye khona, ngenxa ayobulungisa bukaBawo.

18 Kwaye eli lilizwi athe walinikela kubantwana babantu. Kwaye ngesi sizathu uzalisekisa amazwi athe wawanika, kwaye akaxoki, kodwa uzalisekisa onke amazwi akhe.

19 Kwaye aakukho nto iyinqambi enako ukungena kubo ubukumkani bakhe; ke ngoko ayikho into engenayo bekuphumleni kwakhe ngaphandle kokuba ibe ngabo cbazihlambileyo iingubo zabo ngegazi lam, ngenxa yokholo lwabo, nenguquko lwazo zonke izono zabo, nokuthembeka kwabo ukuya esiphelweni.

20 Ngoku lo ngumyalelo: aGuqukani, nonke nina ziphelo zomhlaba, kwaye nize kum kwaye bnibhaptizwe egameni lam, ukuze nibe cnokungcwaliswa ngolwamkelo loMoya oyiNgcwele, ukuze nibe nokuma dningenachaphaza phambi kwam ngomhla wokugqibela.

21 Inene, inene, ndithi kuni, le yivangeli yam; kwaye niyazazi izinto ekufuneka nizenze ebandleni lam; kuba imisebenzi enindibone ndiyenza leyo kanjalo niya kuyenza; kuba oko nindibone ndikwenza kwanako oko niya kukwenza;

22 Ke ngoko, ukuba niyazenza ezi zinto nisikelelwe nina, kuba niya kuphakanyiselwa phezulu ngomhla wokugqibela.

23 Zibhaleni izinto enizibonileyo naze naziva, ngaphandle kokuba kube zezo azalelweyo.

24 Yibhaleni imisebenzi yaba bantu, eya kubakho, kwananjengokuba bekubhaliwe, ngaleyo yayikho.

25 Kuba qaphelani, okuphuma kwiincwadi ebezibhaliwe, nezo ziya kubhalwa, aba bantu baya akugwetywa ngazo, kuba ngazo bimisebenzi yabo iya kwaziwa ebantwini.

26 Kwaye qaphelani, zonke izinto azibhalwe ngenxa kaBawo; ke ngoko okuphuma kuzo iincwadi eziya kubhalwa ihlabathi liya kugwetywa ngazo.

27 Kwaye yazini nina okokuba aniya kuba ngabagwebi baba bantu, ngokwesigwebo endiya kuninika sona, esiya kuba silungile. Ke ngoko, bngabantu abaluhlobo luni ekufanele nibe ngabo? Inene ndithi kuni, kwananjengokuba cndinjalo mna.

28 Kwaye ngoku andiya kuBawo. Kwaye inene ndithi kuni, nazintozini na eniya kuzicela kuBawo egameni lam niya kuzinikwa.

29 Ke ngoko, acelani, kwaye niya kuphiwa; nkqonkqozani, niya kuvulelwa, kuba lowo ucelayo, uyaphiwa; kwaye kulowo unkqonkqozayo, kuya kuvulwa.

30 Kwaye ngoku, qaphelani, uvuyo lwam lukhulu, kwanasekuphuphumaleni, ngenxa yenu, kananjalo nesi sizukulwana; ewe, kwanoBawo uyagcoba, kananjalo zonke iingelosi ezingcwele, ngenxa yenu nesi sizukulwana; kuba aakukho nabani na kuso olahlekileyo.

31 Qaphelani, ndinga ningaqonda; kuba ndithetha bona abo kaloku nje abaphilayo bbesi sizukulwana; kwaye akukho nabani na kuso olahlekileyo; kwaye ngabo cndinovuyo oluzeleyo.

32 Kodwa qaphelani, ndiva usizi ngenxa ayesizukulwana sesine ukususela kwesi sizukulwana, kuba sikhokelelwe kude ekuthinjweni nguye owaye kwanjengokuba unyana wesihogo wayenjalo; kuba siya kundithengisa ngesilivere nangegolide, nangaloo nto lithi binundu liyonakalise naleyo anokuthi amasela aqhekeze aze ayibe. Kwaye ngaloo mhla ndiya kubavelela, nangokujikela imisebenzi yabo phezu kwezabo iintloko.

33 Kwaye kwenzekile okokuba akuba uYesu ephezile ngezi ntetha wathi kubo abafundi bakhe: Ngenani nina ngaphakathi angesango elimxinwa; kuba limxinwa isango, kwaye icuthene nendlela ekhokelela ebomini, kwaye bambalwa abathi bayifumane; kodwa libanzi isango, kwaye iphangalele nendlela ekhokelela ekufeni, kwaye baninzi abahamba ngayo, kude kufike ubusuku, apho kungeko mntu unokusebenza.