Izibhalo
Mormoni 7


Isahluko 7

UMormoni umema amaLeymenayithi emihla yokugqibela ukuba akholelwe kuKrestu, amkele ivangeli Yakhe, aze asindiswe—Bonke abakholelwayo kuyo iBhayibhile baya kuyikholelwa kanjalo iNcwadi kaMormoni. Malunga E.K. 385.

1 Kwaye ngoku, qaphelani, ndiza kuthetha nje noko kuyo intsalela yaba bantu abasindileyo, ukuba kuyenzeka okokuba uThixo angayinika amazwi am, ukuze ibe nokwazi ngezinto zooyise; ewe, ndibhekisa kuni, nina niyintsalela yendlu kaSirayeli; kwaye la ngamazwi endiwathethayo:

2 Yazini okokuba ningabendlu kaSirayeli.

3 Yazini okokuba kufuneka nize enguqukweni, okanye aninako ukusindiswa.

4 Yazini okokuba kufuneka nizibeke phantsi izikhali zenu zemfazwe, kwaye ningabe niphinde nivuyiswe yimpalalo-gazi, kwaye ningazithabathi kwakhona, ngaphandle kokuba uThixo uya kuniyalela.

5 Yazini okokuba kufuneka nize kulwazi looyihlo, nize niguquke kuzo zonke izono zenu nobugwenxa, nize nikholelwe kuYesu Krestu, okokuba unguNyana kaThixo, nokokuba wabulawa ngamaYuda, kwaye ngamandla kaBawo uvukile kwakhona, athe ngako wazuza uloyiso phezu kwengcwaba; kananjalo ngaye ulwamvila lokufa luginyiwe.

6 Kwaye wenza ukuba kwenzeke uvuko lwabafileyo, ekuya kuthi ngalo uluntu kufuneke luvuswe ukuze lume phambi kwesihlalo sakhe sokugweba.

7 Kwaye wenza ukuba kwenzeke inkululeko yehlabathi, ekuya kuthi ngayo lowo ufunyenwe engenatyala phambi kwakhe ngomhla womgwebo kunikwe kuye ukuhlala ebusweni bukaThixo kubukumkani bakhe, ukuze avume iindumiso ezingenasiphelo kunye neekwayari phezulu, kuye uBawo, nakuye uNyana, nakuwo uMoya oyiNgcwele, abanguThixo omnye, kwimo yolonwabo olungenaso isiphelo.

8 Ke ngoko guqukani, nize nibhaptizelwe egameni likaYesu, nize namkele ivangeli ikaKrestu, eya kubekwa phambi kwenu, kungekuyo le mbali kuphela kodwa kanjalo kuyo imbali eya kuthi ize kubo abeeNtlanga isuka kumaYuda, imbali leyo eya kuza isuka kwabeeNtlanga ize kuni.

9 Kuba qaphelani, oku kubhalwe ngenjongo yokokuba nibe nokukholelwa kuko; kwaye ukuba niyakholelwa kuko niya kukholelwa koku kanjalo; kwaye ukuba niya kukholelwa koku niya kwazi malunga nooyihlo, kananjalo nemisebenzi emangalisayo eyathi yasetyenzwa ngamandla kaThixo phakathi kwabo.

10 Kwaye niya kuthi kanjalo nazi okokuba niyintsalela yembewu kaYakobi; ke ngoko nibalelwa phakathi kwabantu bomnqophiso wokuqala; kwaye ukuba kuyenzeka okokuba nikholelwe kuKrestu, nize nibhaptizwe, kuqala ngamanzi, nize ke ngomlilo nangawo uMoya oyiNgcwele, nilandela umzekelo woMsindisi wethu, ngokwa loo nto athe wasiyalela yona, kuya kulunga kuni ngomhla womgwebo. Amen.