Izibhalo
Mormoni 2


Isahluko 2

UMormoni ukhokela imikhosi yamaNifayithi—Igazi nendyikityha ziyalitshayela ilizwe—AmaNifayithi ayakhala aze azile ngosizi lwabagwetyiweyo—Umhla wabo wobabalo udlule—UMormoni uzuza amacwecwe kaNifayi—Iimfazwe ziyaqhubeka. Malunga E.K. 327–350.

1 Kwaye kwenzekile kwakuwo loo nyaka kwaqalisa ukubakho iimfazwe kwakhona phakathi kwamaNifayithi namaLeymenayithi. Kwaye nangona mna ndandiselula, ndandimde ngesithomo; ke ngoko abantu bakaNifayi bonyula mna ukuba mandibe yinkokeli yabo, okanye inkokeli yemikhosi yabo.

2 Ke ngoko kwaye kwenzekile kunyaka wam weshumi elinesithandathu mna ndaye ndabheka phambili entloko yomkhosi wamaNifayithi, ngokuchasene namaLeymenayithi; ke ngoko amakhulu amathathu anamashumi amabini anesithandathu eminyaka ayedlule.

3 Kwaye kwenzekile okokuba kowamakhulu amathathu anamashumi amabini anesixhenxe unyaka amaLeymenayithi aye asihlasela ngamandla amakhulu ngokugqithisileyo, kangangokuba aye ayoyikisa imikhosi yam; ke ngoko ayizange ivume ukulwa, yaza yaqalisa ukubuyela emva ngakumazwe angasentla.

4 Kwaye kwenzekile okokuba saye safika kwisixeko saseAngola, kwaye saye saluthabatha ulawulo lwesixeko, saza senza amalungiselelo okuzikhusela ngokuchasene namaLeymenayithi. Kwaye kwenzekile okokuba saye sasinqabisa isixeko eso ngamandlakazi ethu; kodwa nangona sinazo zonke iinqaba amaLeymenayithi aye asihlasela aza asidudulela ngaphandle kwesixeko.

5 Kwaye aye kanjalo asidudulela kude ngaphandle kwelizwe likaDavide.

6 Saza samatshela phambili saza safika kulo ilizwe likaYoshuwa, elaye lisemideni esentshona ngeselunxwemeni lolwandle.

7 Kwaye kwenzekile okokuba saye sabahlanganisela ngaphakathi abantu bethu ngokukhawuleza kangangoko sasinako, ukuze sibenako ukubahlanganisa kunye beyimbumba enye.

8 Kodwa qaphelani, ilizwe lalizaliswe ngabaphangi nangamaLeymenayithi; kwaye nangona kwakukho intshabalalo enkulu eyayijinga phezu kwabantu bam, abazange baguquke kwizenzo zabo zobubi; ke ngoko kwabakho igazi nendyhikityha eyanabela kubo bonke ubuso belizwe, kunye ngakwicala lamaNifayithi kwaye ngokunjalo nangakwicala lamaLeymenayithi; kwaye kwakuyimvukelo enye epheleleyo kubo bonke ubuso belizwe.

9 Kwaye ngoku, amaLeymenayithi ayenokumkani, kwaye igama lakhe lalinguAron; kwaye weza ngokuchasene nathi kunye nomkhosi ongamawaka angamashumi amane anesine. Kwaye qaphelani, mna ndaye ndaxhathisa kuye ngamawaka angamashumi amane anesibini. Kwaye kwenzekile okokuba ndamoyisa ngomkhosi wam kangangokuba wasaba phambi kwam. Kwaye qaphelani, konke oku kwenzeka, kwaye amakhulu amathathu anamashumi amathathu eminyaka athi adlula.

10 Kwaye kwenzekile okokuba amaNifayithi aqalisa ukuguquka kubugwenxa bawo, aza aqalisa ukukhalaza kwananjengokuba kwakuprofethiwe nguSamuweli umprofeti; kuba qaphelani akukho mntu wayenako ukukugcina oko kwakukokwakhe, ngenxa yamasela, nabaphangi, nababulali, nobugcisa bobugqi, nobugqwirha obabukulo ilizwe.

11 Njalo ke kwaqalisa ukubakho ukuzila nesililo kulo lonke ilizwe ngenxa yezi zinto, kwaye ngokungakumbi phakathi kwabantu bakaNifayi.

12 Kwaye kwenzekile okokuba ndakuba mna, Mormoni, ndibona izililo zabo nokuzila kwabo nosizi lwabo phambi kweNkosi, intliziyo yam yaye yagcoba ngaphakathi kwam, ndizazi iinceba nokuzeka kade umsindo kweNkosi, ke ngoko ndacinga okokuba angaba nenceba kubo ukuze kwakhona babe ngabantu abangamalungisa.

13 Kodwa qaphelani olu vuyo lwam lwaba lilize, kuba aukuzila kwabo kwakungekuko okokuguquka, ngenxa yokulunga kukaThixo; kodwa kwakulusizi nje noko blwabagwetyiweyo, ngenxa yokuba iNkosi ingayi kusoloko ibavumela ukuba bafumane culonwabo esonweni.

14 Kwaye abazange beze kuYesu angeentliziyo ezaphukileyo noomoya abatyumkileyo, kodwa baye bbamqalekisa uThixo, baza banqwenela ukufa. Nangona kunjalo babeya kulwa ngekrele ngenxa yobomi babo.

15 Kwaye kwenzekile okokuba usizi lwam lwaye lwabuyela kum kwakhona, ndaza ndabona okokuba aumhla bwobabalo cwawudlule kubo, kunye ngokwasenyameni nangokwasemoyeni; kuba ndabona amawaka abo egawulelwe phantsi ngemvukelo ephandle ngokuchasene noThixo wabo, kwaye befunjwe njengobulongwe phezu kobuso belizwe. Yaza njalo engamakhulu amathathu anamashumi amane anesine iminyaka yadlula.

16 Kwaye kwenzekile okokuba kwengamakhulu amathathu anamashumi amane anesihlanu iminyaka amaNifayithi aye aqalisa ukusaba phambi kwamaLeymenayithi; kwaye asukelwa ade afika kwanakwilizwe likaYashoni, phambi kokuba kubenokwenzeka ukuba angamiswa ekuhlehleni umva kwawo.

17 Kwaye ngoku, isixeko sikaYashoni sasikufuphi anelizwe apho uAmaroni wayebeke khona iimbali eNkosini, ukuze zingabi nakutshatyalaliswa. Kwaye qaphelani mna ndandihambe ngokwelizwi lika-Amaroni, ndaza ndawathabatha amacwecwe kaNifayi, kwaye ndaye ndenza imbali ngokwamazwi ka-Amaroni.

18 Kwaye phezu kwamacwecwe kaNifayi mna ndaye ndenza ingxelo ezeleyo yayo yonke inkohlakalo namasikizi; kodwa phezu kwala amacwecwe mna ndiye ndazibamba ukuba ndenze ingxelo ezeleyo yenkohlakalo yawo namasikizi, kuba qaphelani, umbono oqhubekayo wenkohlakalo namasikizi aphambi kwamehlo am okokoko mna bendinako ukuzibona iindlela zomntu.

19 Kwaye yeha kum ngenxa yenkohlakalo yabo; kuba intliziyo yam izele lusizi ngenxa yenkohlakalo yabo, yonke imihla yam; nangona kunjalo, mna ndiyazi okokuba mna ndiya akuphakanyiswa ngomhla wokugqibela.

20 Kwaye kwenzekile okokuba kuwo lo nyaka abantu bakaNifayi kwakhona bazingelwa baza badudulwa. Kwaye kwenzekile okokuba saye sadudulelwa kude sada saba sifike emantla kwilizwe elalibizwa ngokuba yiShem.

21 Kwaye kwenzekile okokuba saye sasinqabisa isixeko sikaShem, kwaye saye sabahlanganisela ngaphakathi abantu kangangoko kwakunokwenzeka, ukuze mhlawumbi singabanako ukubasindisa kwintshabalalo.

22 Kwaye kwenzekile kowamakhulu amathathu anamashumi amane anesithandathu unyaka aqalisa ukusihlasela kwakhona.

23 Kwaye kwenzekile okokuba mna ndaye ndathetha nabantu bam, kwaye ndaye ndabakhuthaza ngamandla amakhulu, okokuba bangema ngenkalipho phambi kwamaLeymenayithi kwaye abalwele abafazi babo, nabantwana babo, nezindlu zabo, namakhaya abo.

24 Kwaye amazwi am aye abavuselela noko emandleni, kangangokuba abazange basabe phambi kwamaLeymenayithi, kodwa baye bema ngenkalipho ngokuchasene nawo.

25 Kwaye kwenzekile okokuba saye salwa ngomkhosi wamawaka angamashumi amathathu ngokuchasene nomkhosi ongamawaka angamashumi amahlanu. Kwaye kwenzekile okokuba saye sema phambi kwawo ngozinzo olungako kangangokuba aye asaba emka phambi kwethu.

26 Kwaye kwenzekile okokuba akuba esabile saye sawasukela ngemikhosi yethu, kwaye saye sahlangana nawo kwakhona, kwaye saye sawoyisa; nangona kunjalo ukomelela kweNkosi kwakungekho kuthi; ewe, sasishiywe sodwa, ukuze uMoya weNkosi ungahlali kunye nathi; ke ngoko sasisuke saba buthathaka nje ngabazalwana bethu.

27 Kwaye intliziyo yam yaye yalusizi ngenxa yale ntlekele inkulu yabantu bam, ngenxa yenkohlakalo yabo namasikizi abo. Kodwa qaphelani, saye sabheka phambili ngokuchasene namaLeymenayithi nabaphangi bakaGadiyantoni, sade saba kwakhona siluthabathile ulawulo lwamazwe elifa lethu.

28 Kwaye owamakhulu amathathu anamashumi amane anesithoba unyaka wawudlule. Saza kowamakhulu amathathu anamashumi amahlanu unyaka senza isivumelwano kunye namaLeymenayithi nabaphangi bakaGadiyantoni, esathi kuso senza amazwe elifa lethu ukuba ohlulwe.

29 Kwaye amaLeymenayithi aye asinika ilizwe elingasemantla, ewe, kwanokuya akwindlela emxinwa eyaye ikhokelela kwilizwe elingasemazantsi. Kwaye saye sawanika amaLeymenayithi lonke ilizwe elingasemazantsi.