Izibhalo
Mormoni 6


Isahluko 6

AmaNifayithi ahlangana kulo ilizwe laseKhumora ngokulwa amadabi okugqibela—UMormoni ufihla iimbali ezingcwele endulini iKhumora—AmaLeymenayithi ayoyisa, kwaye isizwe samaNifayithi siyatshatyalaliswa—Amakhulu amawaka ayabulawa ngekrele. Malunga E.K. 385.

1 Kwaye ngoku ndiyayiphetha imbali yam ngokunxulumene anentshabalalo yabantu bam, amaNifayithi. Kwaye kwenzekile okokuba saye samatshela phambili phambi kwamaLeymenayithi.

2 Kwaye mna, Mormoni, ndabhalela incwadi kuye ukumkani wamaLeymenayithi, ndaza ndacela kuye okokuba makasivumele okokuba sibe nokuhlanganisana kunye abantu bethu kulo ailizwe laseKhumora, ngakuyo induli eyayibizwa ngokuba yiKhumora, kwaye apho singalwa nabo idabi.

3 Kwaye kwenzekile okokuba ukumkani wamaLeymenayithi waye wandinika into leyo endandiyinqwenela.

4 Kwaye kwenzekile okokuba saye samatshela phambili kulo ilizwe laseKhumora, kwaye saye sazigxumeka iintente zethu macala onke enduli iKhumora; kwaye yayikwilizwe lamanzi amaninzi, imilambo, nemithombo; kwaye apha sasinethemba lokuzuza ukongama phezu kwamaLeymenayithi.

5 Kwaye akuba amakhulu amathathu anamashumi asibhozo anesine eminyaka edlule, sasihlanganisele ngaphakathi yonke intsalela yabantu bethu kulo ilizwe laseKhumora.

6 Kwaye kwenzekile okokuba sakuba sibahlanganisele ngaphakathi bonke abantu bethu kwimbumba enye kulo ilizwe laseKhumora, qaphelani mna, Mormoni, ndaqalisa ukuba mdala; kwaye ndisazi okokuba iya kuba ngumlo wokugqibela wabantu bam, kwaye ekubeni ndayalelwa yiNkosi okokuba mandingaziyekeli iimbali ezazinikelwe ukuhlela ezantsi koobawo, ezazingcwele, ukuba ziwele ezandleni zamaLeymenayithi, (kuba amaLeymenayithi angazitshabalalisa) ke ngoko ndayenza ale mbali ngamacwecwe kaNifayi, ndaza bndazifihla phezulu kuyo induli iKhumora zonke iimbali endaye ndaziphathiswa ngethemba ngesandla seNkosi, ngaphandle nje ckwala ambalwa amacwecwe endaye ndawanikela kunyana wam duMoronayi.

7 Kwaye kwenzekile okokuba abantu bam, bekunye nabafazi babo nabantwana babo, baye kalokunje bayiqaphela aimikhosi yamaLeymenayithi imatshela ngakubo; baza ngolo loyiko lubi kakhulu lokufa oluthi luzalise izifuba zabo bonke abakhohlakeleyo, baye balindela ukuwamkela.

8 Kwaye kwenzekile okokuba beza ukuza kulwa idabi ngokuchasene nathi, kwaye wonke umphefumlo wawuzaliswe lunkwantyo ngenxa yobukhulu bamanani awo.

9 Kwaye kwenzekile okokuba baye bawela phezu kwabantu bam ngekrele, nangesaphetha, nangotolo, nangezembe, nangalo lonke uhlobo lwesikhali semfazwe.

10 Kwaye kwenzekile okokuba amadoda am ayegawulelwe phantsi, ewe, kwanamashumi amawaka am awaye ekunye nam, ndaza ndawa embindini ndonzakele; aza adlula ngakum kangangokuba awazange abuphelise ubomi bam.

11 Kwaye bakuba begqithile kwaye begawulele phantsi abonke abantu bam ngaphandle nje kwabangamashumi amabini anesine ethu, (phakathi kwabo kwakukho unyana wam uMoronayi) saza thina ekubeni sasisinde ekufeni kwabantu bethu, saye saqaphela ngengomso, akuba amaLeymenayithi ebuyele kuzo iinkampu zawo, kwincopho yenduli iKhumora, ishumi lamawaka labantu bam ababegawulelwe phantsi, ababekhokelwe ndim ngaphambili.

12 Kananjalo sabona abalishumi lamawaka babantu bam ababekhokelwa ngunyana wam uMoronayi.

13 Kwaye qaphelani, ishumi lamawaka likaGidigidona laliwile, naye kanjalo esembindini.

14 NoLeyma wayewile kunye namawaka akhe alishumi; noGilgali wayewile kunye namawaka akhe alishumi; noLimha wayewile kunye namawaka akhe alishumi; noYeneyam wayewile kunye namawaka akhe alishumi; noKhumenayiha, noMoronayiha, noAnteyonam, noShiblam, noShem, noYoshe, babewile kunye namawaka abo alishumi emnye.

15 Kwaye kwenzekile okokuba kwabakho ishumi elingaphezulu elaye lawa ngekrele, ngamawaka abo alishumi emnye; ewe, kwanabo abonke abantu bam ngaphandle nje kwabo bangamashumi amabini anesine ababekunye nam, kananjalo nabambalwa ababebalekele kumazwe asemazantsi, nabambalwa ababekreqele kumaLeymenayithi, babewile; yaza inyama yabo, namathambo, negazi zalala phezu kobuso bomhlaba, ekubeni zishiywe zizandla zabo bababulalayo ukuba zibole phezu kwelizwe, nokuba zivuthulukele kwaye zibuyele kunina wazo umhlaba.

16 Kwaye umphefumlo wam ukrazukile kukuthuthumbeka, ngenxa yababuleweyo abantu bam, ndaza ndakhala:

17 Owu nina bahle, kungani na nimkile kuzo iindlela zeNkosi! Owu nina bahle, kungani na nimlahlile laa Yesu, owathi wema eneengalo ezivulekileyo ukuba anamkele!

18 Qaphelani, ukuba beningakwenzanga oku, ninge ningawanga. Kodwa qaphelani, niwile, kwaye mna ndilusizi ngokulahleka kwenu.

19 Owu nina zintombi noonyana abahle, nina bobawo noma, nina bayeni nabafazi, nina bahle, kungani na ukuba niwe!

20 Kodwa qaphelani, nimkile, kwaye iintsizi zam azinako ukunibuyisa.

21 Kwaye umhla uyeza kwakamsinya wokokuba okufayo kwenu kufuneka kwambathe ukungafi, kwaye le mizimba ethi ngoku ibole kukonakala kufuneka kwakamsinya ibe aenokungonakali; kwaye ke kufuneka nime phambi kwesihlalo sokugweba sikaKrestu, ukuba nigwetywe ngokwemisebenzi yenu; kwaye ukuba kuyenzeka ukuba ningamalungisa, ke nisikelelekile kunye nooyihlo abahambileyo ngaphambi kwenu.

22 Owu ukuba beniguqukile ngaphambi kokuba le ntshabalalo inkulu ibe ifikile phezu kwenu. Kodwa qaphelani, nimkile, kwaye uBawo, ewe, uBawo onguNaphakade wasezulwini, uyayazi imeko yenu; kwaye wenza ngani angokobulungisa bnenceba yakhe.