Izibhalo
Mormoni 7


Isahluko 7

UMormoni umema amaLeymenayithi emihla yokugqibela ukuba akholelwe kuKrestu, amkele ivangeli Yakhe, aze asindiswe—Bonke abakholelwayo kuyo iBhayibhile baya kuyikholelwa kanjalo iNcwadi kaMormoni. Malunga E.K. 385.

1 Kwaye ngoku, qaphelani, ndiza kuthetha nje noko kuyo aintsalela yaba bantu abasindileyo, ukuba kuyenzeka okokuba uThixo angayinika amazwi am, ukuze ibe nokwazi ngezinto zooyise; ewe, ndibhekisa kuni, nina niyintsalela yendlu kaSirayeli; kwaye la ngamazwi endiwathethayo:

2 Yazini okokuba aningabendlu kaSirayeli.

3 Yazini okokuba kufuneka nize enguqukweni, okanye aninako ukusindiswa.

4 Yazini okokuba kufuneka nizibeke phantsi izikhali zenu zemfazwe, kwaye ningabe niphinde nivuyiswe yimpalalo-gazi, kwaye ningazithabathi kwakhona, ngaphandle kokuba uThixo uya kuniyalela.

5 Yazini okokuba kufuneka nize akulwazi looyihlo, nize niguquke kuzo zonke izono zenu nobugwenxa, nize bnikholelwe kuYesu Krestu, okokuba unguNyana kaThixo, nokokuba wabulawa ngamaYuda, kwaye ngamandla kaBawo uvukile kwakhona, athe ngako wazuza culoyiso phezu kwengcwaba; kananjalo ngaye ulwamvila lokufa luginyiwe.

6 Kwaye wenza ukuba kwenzeke auvuko lwabafileyo, ekuya kuthi ngalo uluntu kufuneke luvuswe ukuze lume phambi bkwesihlalo sakhe sokugweba.

7 Kwaye wenza ukuba kwenzeke ainkululeko yehlabathi, ekuya kuthi ngayo lowo ufunyenwe bengenatyala phambi kwakhe ngomhla womgwebo kunikwe kuye cukuhlala ebusweni bukaThixo kubukumkani bakhe, ukuze avume iindumiso ezingenasiphelo kunye dneekwayari phezulu, kuye uBawo, nakuye uNyana, nakuwo uMoya oyiNgcwele, eabanguThixo omnye, kwimo fyolonwabo olungenaso isiphelo.

8 Ke ngoko guqukani, nize nibhaptizelwe egameni likaYesu, nize namkele aivangeli ikaKrestu, eya kubekwa phambi kwenu, kungekuyo le mbali kuphela kodwa kanjalo kuyo bimbali eya kuthi ize kubo abeeNtlanga cisuka kumaYuda, imbali leyo eya kuza isuka kwabeeNtlanga dize kuni.

9 Kuba qaphelani, aoku kubhalwe ngenjongo yokokuba nibe bnokukholelwa kuko; kwaye ukuba niyakholelwa kuko niya kukholelwa koku kanjalo; kwaye ukuba niya kukholelwa koku niya kwazi malunga nooyihlo, kananjalo nemisebenzi emangalisayo eyathi yasetyenzwa ngamandla kaThixo phakathi kwabo.

10 Kwaye niya kuthi kanjalo nazi okokuba niyintsalela yembewu kaYakobi; ke ngoko nibalelwa phakathi kwabantu bomnqophiso wokuqala; kwaye ukuba kuyenzeka okokuba nikholelwe kuKrestu, nize nibhaptizwe, kuqala ngamanzi, nize ke ngomlilo nangawo uMoya oyiNgcwele, nilandela aumzekelo woMsindisi wethu, ngokwa loo nto athe wasiyalela yona, kuya kulunga kuni ngomhla womgwebo. Amen.