Izibhalo
Mormoni 4


Isahluko 4

Imfazwe nendyikityha ziyaqhubeka—Abakhohlakeleyo bohlwaya abakhohlakeleyo—Inkohlakalo engaphezulu yongama ngaphezulu kunokuba yayikhe yanjalo ngaphambili kuye wonke uSirayeli—Abafazi nabantwana banikelwa kwizithixo—AmaLeymenayithi aqalisa ukuwatshayela amaNifayithi phambi kwawo. Malunga E.K. 363–375.

1 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba kowamakhulu amathathu anamashumi amathandathu anesithathu unyaka amaNifayithi aye enyuka kunye nemikhosi yawo ukuya kulwa ngokuchasene namaLeymenayithi, aphuma kulo ilizwe iNkangala.

2 Kwaye kwenzekile okokuba imikhosi yamaNifayithi yadudulelwa emva kwakhona ukuya kulo ilizwe iNkangala. Aza ngeli lixa ayesadiniwe, umkhosi ohlaziyekileyo wamaLeymenayithi waye wabahlasela; baza baba nedabi elibuhlungu, kangangokuba amaLeymenayithi aye asithabatha asilawula isixeko iNkangala, kwaye aye abulala abaninzi bamaNifayithi, aza athabatha amabanjwa amaninzi.

3 Kwaye abaseleyo baye basaba baza bamanyana nabemi besixeko iTiyanikumi. Ngoku isixeko iTiyanikumi sasimi kwimida engaselunxwemeni lolwandle; kananjalo sasikufuphi nesixeko iNkangala.

4 Kwaye akwakungenxa yokuba imikhosi yamaNifayithi yenyukela kuwo amaLeymenayithi ukuze iqalise ukubethwa; kuba ukuba kwakungekuko oko, amaLeymenayithi ngewaye engabanga nako ukuba namandla phezu kwayo.

5 Kodwa, qaphelani, izigwebo zikaThixo ziya kufika kwabakhohlakeleyo; kwaye abakhohlakeleyo abohlwaywa ngabakhohlakeleyo; kuba ngabakhohlakeleyo abavuselela iintliziyo zabantwana babantu kwimpalalo-gazi.

6 Kwaye kwenzekile okokuba amaLeymenayithi aye enza amalungiselelo okuhlasela isixeko iTiyanikumi.

7 Kwaye kwenzekile ngowamakhulu amathathu anamashumi amathandathu anesine unyaka amaLeymenayithi aye asihlasela isixeko iTiyanikumi, ukuze abe nokulithabatha ulawulo lwesixeko iTiyanikumi kanjalo.

8 Kwaye kwenzekile okokuba aye abhebhethwa aza adudulelwa emva ngamaNifayithi. Aza amaNifayithi akubona okokuba awadudule amaLeymenayithi aye kwakhona azigwagwisa ngokomelela kwawo; aza abheka phambili ngawawo amandlakazi, aza aluthabatha kwakhona ulawulo lwesixeko iNkangala.

9 Kwaye ngoku zonke ezi zinto zenziwa, kwaye kwakukho amawaka abulawayo kuwo omabini amacala, kunye amaNifayithi namaLeymenayithi.

10 Kwaye kwenzekile okokuba owamakhulu amathathu anamashumi amathandathu anesithandathu unyaka wawudlule, aza amaLeymenayithi eza kwakhona phezu kwamaNifayithi ukuba alwe idabi; kanti ke amaNifayithi awazange aguquke kububi awayebewenzile kodwa azingisa ukuqhubeka ngenkohlakalo yawo.

11 Kwaye kuyinto engenakwenzeka ukuba ulwimi lukwezi ukuchazae, okanye umntu abhale inkcazelo egqibeleleyo yombono owoyikekayo wempalalo-gazi nendyikityha eyayikho phakathi kwabantu, kunye kwabamaNifayithi nakwabamaLeymenayithi; kwaye yonke intliziyo yayiqaqadekile, kangangokuba babevuyiswa yimpalalo-gazi ethe rhoqo.

12 Kwaye akuzange kwabakho ankohlakalo igqithise kangako phakathi kwabo bonke abantwana bakaLihayi, nakwaphakathi kwayo yonke indlu kaSirayeli, ngokwamazwi eNkosi, njengokuba kwakunjalo phakathi kwaba bantu.

13 Kwaye kwenzekile okokuba amaLeymenayithi aye aluthabatha ulawulo lwesixeko iNkangala, kwaye oku kungenxa yokuba inani lawo laye lalogqitha ainani lamaNifayithi.

14 Kwaye aye kanjalo amatshela phambili ngokuchasene nesixeko iTiyanikumi, kwaye aye abadudulela kude abemi baphuma kuso, kwaye aye athabatha amabanjwa amaninzi kunye abafazi nabantwana, kwaye aye abanikela nje ngeminikelo kuzo aizithixo zawo.

15 Kwaye kwenzekile okokuba ngowamakhulu amathathu anamashumi amathandathu anesixhenxe unyaka, amaNifayithi ekubeni enomsindo ngenxa yokuba amaLeymenayithi enze idini ngabafazi nabantwana bawo, kuba aye aya kuhlasela ngokuchasene namaLeymenayithi ngomsindo omkhulu ngokugqithisileyo, kangangokuba aye owoyisa kwakhona amaLeymenayithi, aza awadudulela ngaphandle kwemihlaba yawo.

16 Aza amaLeymenayithi aweza kwakhona ngokuchasene namaNifayithi kwade kwaba ngowamakhulu amathathu anamashumi asixhenxe anesihlanu unyaka.

17 Kwaye kulo nyaka aye ehlela ezantsi ngokuchasene namaNifayithi ngayo yonke imikhosi yawo; kwaye ayengabalwanga ngenxa yobukhulu benani lawo.

18 Kwaye aukususela ngeli lixa ukuya phambili awazange amaNifayithi azuze mandla phezu kwamaLeymenayithi, kodwa aqalisa ukutshayelwa ngawo kwananjengombethe phambi kwelanga.

19 Kwaye kwenzekile okokuba amaLeymenayithi aye ehlela ezantsi ngokuchasene nesixeko iNkangala; kwaza kwabakho idabi elibuhlungu ngokugqithisileyo elaliwayo kulo ilizwe iNkangala; awathi kulo awabetha amaNifayithi.

20 Aza asaba kwakhona emka phambi kwawo, aza afika kwisixeko iBhohazi; kwaye apho aye ema ngokuchasene namaLeymenayithi ngenkalipho egqithisileyo, kangangokuba amaLeymenayithi awazange awabethe ada abe ezile kwakhona okwesibini.

21 Kwaye akuba ezile okwesibini, amaNifayithi adudulwa aza abulawa ngendyikityha enkulu ngokugqithisileyo; abafazi bawo nabantwana bawo kwakhona benziwa idini kwizithixo.

22 Kwaye kwenzekile okokuba amaNifayithi aye kwakhona asaba emka phambi kwawo, ethabatha bonke abemi kunye nawo, kunye ezidolophini nakwiidolophana.

23 Kwaye ngoku mna, Mormoni, ndakubona okokuba amaLeymenayithi ayesele eza kulibhukuqa ilizwe, ke ngoko ndaye ndaya kuyo induli aiShim, kwaye ndaye ndazikhupha zonke iimbali awaye uAmaroni ezifihlele phezulu eNkosini.