Izibhalo
2 Nifayi 7


Isahluko 7

UYakobi uqhubekeka efunda kuIsaya: UIsaya uthetha ngokomesiya—UMesiya uya kuthetha ngolwimi lwabafundileyo—Uya kubafulathela ababethi Bakhe—Akayi kubhidaniswa—Thelekisa noIsaya 50. Malunga 559–545 P.K.

1 Ewe, kuba itsho njalo iNkosi: Ingaba ndinibekele kude na, okanye ingaba ndinilahlele kude ngonaphakade na? Kuba itsho njalo iNkosi: Liphi na iphepha loqhawulo-mtshato likanyoko? Ndikunikezele kubani, okanye nguwuphi na kwendibatyalayo endikuthengise kuye? Ewe, ndinithengise kubani na? Qaphelani, nizithengisile ngobugwenxa benu, kwaye ngenxa yokona kwenu wagxothwa unyoko.

2 Ngako oko, xa ndandifika, kwakungekho mntu; xa ndandibiza akuzange kubekho namnye usabelayo. Owu ndlu kaSirayeli, ingaba na isandla sam sifutshane nangaluphi uhlobo ukuze singabinakho ukukhulula, okanye andinamandla okuhlangulana? Qaphelani, ngokukhalima kwam ndiyalomisa ulwandle, ndiyenze imilambo yabo ibe yintlango kwaye iintlanzi zabo zinuke ngenxa yokuba amanzi etshile, kwaye zife ngenxa yokunxanwa.

3 Ndiwombathisa amazulu ngobumnyama, kwaye ndenze ingubo erhwexayo ibe sisigubungelo sawo.

4 INkosi uThixo indinike ulwimi lwabafundileyo, ukuze ndikwazi ukuthetha ilizwi ngelixa elifanelekileyo kuwe, Owu ndlu kaSirayeli. Xa nina nidiniwe iyavuka intsasa nentsasa. Iyayivusa indlebe yam ukuze ndive njengabafundileyo.

5 INkosi uThixo wam iyivulile indlebe yam, kwaye andizange ndivukele, ndingazange ndabuya mva.

6 Ndawunikela umhlana wam kubabethi, kwaye nezidlele zam kubo abo babedlathula iindevu. Andizange ndibufihle ubuso bam ehlazweni nasekutshicelweni.

7 Kuba iNkosi uThixo uya kundinceda, ke ngoko andiyi kubhidaniswa. Ke ngoko ndibubeke ubuso bam njengelitye lenyengane, kwaye ndiyazi ukuba andisayi kuba nazintloni.

8 Kwaye iNkosi ikufuphi, kwaye iyandigwebela. Ngubani na oya kubambana nam? Masimeni kunye. Ngubani na olutshaba lwam? Mvumeleni eze kufuphi nam, kwaye ndiya kumbetha ngamandla omlomo wam.

9 Kuba iNkosi uThixo iya kundinceda. Kwaye bonke abo baya kundigweba, qaphelani, bona bonke baya kuguga njengesambatho, kwaye inundu liya kubadla libagqibe.

10 Ngubani na phakathi kwenu oyoyikayo iNkosi, olithobelayo ilizwi lesicaka sayo, ohamba ebumnyameni kwaye engena kukhanya?

11 Qaphelani nonke nina baphemba umlilo, abazirhangqa jikelele ngeentlantsi, hambani ekukhanyeni komlilo wenu kwaye nakwiintlantsi enithe naziphemba. Oku niya kukufumana ngesandla sam—niya kulala phantsi niselusizini.