Izibhalo
1 Nifayi 19


Isahluko 19

UNifayi wenza amacwecwe esinyithi esikrwada kwaye ubhala imbali yabantu bakhe—UThixo kaSirayeli uya kuza ngamakhulu amathandathu eminyaka ukusuka kwilixa awathi uLihayi walishiya elaseYerusalem—UNifayi uxela ngeembulaleko nokubethelelwa Kwakhe emnqalezweni—AmaYuda aya kucekiswa aze asasazwe kude kube yimihla yokugqibela, xa beya kuthi babuyele eNkosini. Malunga 588–570 P.K.

1 Kwaye kwenzekile okokuba iNkosi indiyalele, ngako oko ndaye ndenza amacwecwe esinyithi esikrwada ukuze ndikrole phezu kwawo imbali yabantu bam. Kwaye phezu kwamacwecwe endawenzayo ndaye ndakrola imbali kabawo, kwaye kanjalo neehambo zethu entlango, neziprofetho zikabawo; kwaye kanjalo nezininzi ezizezam iziprofetho ndizikrole phezu kwawo.

2 Kwaye ndandingazi ngeli lixa ndandiwenza ukuba ndiya kuyalelwa yiNkosi ukuba ndenze la macwecwe; ngako oko, imbali kabawo, nomlibo wooyise, nenxenye engakumbi yazo zonke iinkqubo zethu entlango zikrolwe phezu kwaloo macwecwe okuqala esele ndithethile ngawo; ngako oko, izinto ezenzekayo ngaphambi kokuba ndenze la macwecwe, zezenyaniso, ezikhankanywa ngakumbi phezu kwamacwecwe okuqala.

3 Kwaye emva kokuba ndenze la macwecwe ngokomyalelo, mna, Nifayi, ndafumana umyalelo wokuba ubufundisi neziprofetho, ezicace ngakumbi nenxenye yazo exabisekileyo, zimele zibhalwe phezu kwala macwecwe; nokokuba izinto ezazibhaliwe kufanele zigcinelwe ukufundisa imfundiso yabantu bam, abaya kulawula ilizwe, kanjalo nezinye iinjongo zobulumko, iinjongo ezo ezaziwa yiNkosi.

4 Ngako oko, ndaza mna, Nifayi, ndathi ndayenza imbali phezu kwamanye amacwecwe, anika ingxelo, okanye anika ingxelo engakumbi yeemfazwe neembambano neentshabalalo zabantu bam. Kwaye oku ndikwenzile, kwaye ndayalela abantu bam into amaze bayenze emva kokuba ndimkile; nokokuba la macwecwe amele ukuze anikezelwe ukwehla ukusuka kwesinye isizukulwana ukuya kwesinye, okanye ukusuka komnye umprofeti ukuya komnye, kude kube yeminye imiyalelo evela eNkosini.

5 Kwaye ingxelo yokwenza kwam la macwecwe iya kunikwa emva koku; kwaye ke, qaphela, ndiyaqhubeka ngokunxulumene noko besele ndikuthethile; kwaye oku ndikwenza ukuze izinto ezingcwele ngakumbi zibe nokugcinelwa ulwazi lwabantu bam.

6 Nangona kunjalo, andibhali nantoni na phezu kwamacwecwe ngaphandle kwaleyo ndicinga ukuba ingcwele. Kwaye ngoku, ukuba ndenza impazamo, nabo ngokwabo abakudala babephazama, ingengakuba ndiyazithethelela ngenxa yabanye abantu, kodwa ngenxa yobuthathaka obukum, ngokwasenyameni, ndiya kuzithethelela.

7 Kuba izinto abathi abanye abantu bazithabathe nje ngezinto zexabiso elikhulu, kunye enyameni nasemphefumlweni, abanye bazithabatha njengento engento kwaye bazinyathele phantsi kweenyawo zabo. Ewe, kwanaye ngokwakhe uThixo kaSirayeli abantu bathi bamnyathela phantsi kweenyawo zabo; ndithi, bamnyathela phantsi kweenyawo zabo kodwa ndiza kuthetha ngamanye amazwi—bamthabatha njengento engento, kwaye abaliphulaphuli ilizwi leengcebiso zakhe.

8 Kwaye qaphelani uyeza, ngokwamazwi engelosi, ngamakhulu amathandathu ukusuka ngelixa ubawo wayishiyayo iYerusalem.

9 Kwaye ihlabathi, ngenxa yobugwenxa balo, liya kumgweba njengento engento, ngako oko lamtyakatya, kwaye wabandezeleka lilo; kwaye lambetha, kwaye wabandezeleka lilo. Ewe, lamtshicela, kwaye wabandezeleka lilo, ngenxa yenceba yakhe yothando nokuzeka kade umsindo kwakhe kubantwana babantu.

10 Kwaye uThixo woobawo bethu, abakhokelwayo ukuphuma eYiputa, baphuma ebukhobokeni, kanjalo belondoloziwe entlango nguye, ewe, uThixo ka-Abraham, noIsake kwaye noThixo kaYakobi, wazinikezela, ngokwamazwi engelosi, njengomntu, ezandleni zabantu abakhohlakeleyo, ukuze aphakanyiswe, ngokwamazwi kaZenokhi, kwaye nokuba abethelelwe emnqamlezweni, ngokwamazwi kaNeyum, kwaye nokuba angcwatywe engcwabeni, ngokwamazwi kaZenoshe, awathi wawathetha ngokunxulumene neentsuku ezintathu zobumnyama, eziya kuba ngumqondiso onikiweyo ngokufa kwakhe kwabo baya kuba ngabemi kwiziqithi zolwandle, zinikelwe ngokukhethekileyo ngakumbi kwabo bangabendlu kaSirayeli.

11 Kuba wathetha njalo ke umprofeti: INkosi uThixo ngokwenene iya kuyihambela yonke indlu kaSirayeli ngaloo mhla, abanye ngelizwi lakhe, ngenxa yobulungisa babo, baya kuba novuyo olukhulu nosindiso, kwaye abanye ngeedudumo nemibane yamandla akhe, ngesaqhwithi, ngomlilo, nangomsi, nangomphunga wobumnyama, nangokuvuleka komhlaba, nangeentaba eziya kunyuselwa phezulu.

12 Kwaye zonke ezi zinto ngokwenene ziya kufika, utsho umprofeti uZenoshe. Kwaye amawa omhlaba kumele ukuba akrazuke; kwaye ngenxa yeencwina zomhlaba, abaninzi ookumkani beziqithi zolwandle baya kubangelwa ngoMoya kaThixo, ukuba badanduluke bathi: UThixo wendalo ubandezelekile.

13 Kwaye ke abo baseYerusalem, utsho umprofeti, baya kuthuthunjiswa ngabo bonke abantu, ngenxa yokuba bebethelela emnqamlezweni uThixo kaSirayeli, baze bazijikela ecaleni iintliziyo zabo, bekhanyela imiqondiso nemimangaliso namandla nozuko lukaThixo kaSirayeli.

14 Kwaye ngenxa yokuba bezijikela ecaleni iintliziyo zabo, utsho umprofeti, kwaye bemcekisile oNgcwele kaSirayeli, baya kubhadula enyameni, baze batshabalale, baze babe ngumzekelo ombi nento yokuhlekisa, kwaye bathiywe phakathi kwazo zonke izizwe.

15 Nangona kunjalo, xa uthe wafika loo mhla, utsho umprofeti, xa beya kuthi bangabuyi bazijikele ecaleni iintliziyo zabo ngokuchasene noNgcwele kaSirayeli, ngoko uya kuyikhumbula iminqophiso awathi wayenza nooyise.

16 Ewe, ngoko uya kuzikhumbula iziqithi zolwandle; ewe, kwaye bonke abantu abangabendlu kaSirayeli, ndiya kubahlanganisela ngaphakathi, itsho iNkosi, ngokwamazwi omprofeti uZenoshe, ukusuka kwiimbombo zone zomhlaba.

17 Ewe, kwaye wonke umhlaba uya kulubona usindiso lweNkosi, utsho umprofeti; sonke isizwe, isalamane, ulwimi nabantu baya kusikeleleka.

18 Kwaye mna, Nifayi, ndibabhalele ezi zinto abantu bam, ukuze mhlawumbi ndibe nokubakhuthaza ekubeni bayikhumbule iNkosi uMkhululi wabo.

19 Ngako oko, ndithetha nayo yonke indlu kaSirayeli, ukuba kuyenzeka ukuba babe nokuzifumana ezi zinto.

20 Kuba qaphela, ndineemvakalelo zokomoya, ezithi zindidube kangangokuba onke amalungu am abuthathaka, ngenxa yabo abo baseYerusalem; kuba ukuba iNkosi ibe ingenanceba, ngokuthi indibonise ngokunxulumene nabo, kwanjengoko yayenzile kubaprofeti bakudala, ndinge nditshabalele nam kanjalo.

21 Kwaye ngokwenene yababonisa abaprofeti bakudala zonke izinto ezinxulumene nabo; kananjalo yathi yababonisa nabaninzi ngokunxulumene nathi; ngako oko, bekufanele ukuba nathi sazi ngokunxulumene nabo kuba zibhaliwe phezu kwamacwecwe obhedu.

22 Ngoku kwenzekile okokuba mna, Nifayi, ndaye ndazifundisa ezi zinto kubo abakhuluwa bam; kwaye kwenzekile okokuba ndaye ndabafundela izinto ezininzi, ezaye zikroliwe phezu kwamacwecwe obhedu, ukuze bazi ngokunxulumene nezenzo zeNkosi kwamanye amazwe, phakathi kwabantu bakudala.

23 Kwaye ndaye ndabafundela izinto ezininzi ezaye zibhaliwe kuzo iincwadi zikaMoses; ukuze ndibe nokubathundeza ngokupheleleyo ukuze bakholelwe kuyo iNkosi uMkhululi wabo ndaye ndabafundela oko kwakubhaliwe ngumprofeti uIsaya; kuba ndazifanekisa zonke izibhalo kunye nathi, ukuze zibe luncedo nemfundiso kuthi.

24 Ngako oko ndathetha ngolu hlobo kubo, ndisithi: Waveni amazwi omprofeti, nina bayiyo intsalela yendlu kaSirayeli, isebe ebelithe laqetshulwa, waveni amazwi omprofeti, awayebhalelwe kuyo yonke indlu kaSirayeli, kwaye niwafanekise kunye nani, ukuze nibe nethemba kwakunye nabo bazalwana benu enathi naqetshulwa kubo; kuba wabhala ngale ndlela umprofeti.