Uncedo lweZifundo
GJS, UMateyu 9


GJS, UMateyu 9:18–21. Thelekisa noMateyu 9:16–17

UYesu akalwamkelanga ubhaptizo lwabaFarisi; alunaxabiso kuba abamamkeli Yena. Ubhengeza okokuba Yena unguye owanika umthetho kaMoses.

18 Ngoko bathi abaFarisi kuye, Kutheni ungasamkeli nobhaptizo lwethu, ubone ukuba sigcina wonke umthetho?

19 Kodwa uYesu wathi kubo, Aniwugcini umthetho. Ukuba beniwugcinile umthetho, ngenindamkele mna, kuba ndingulowo wanika umthetho.

20 Andinamkeli nobhaptizo lwenu, ngoba alunincedi lutho.

21 Kuba xa ke olo lutsha lufikile, oludala lulungele ukubekelwa kude.