Uncedo lweZifundo
GJS, UMateyu 3


GJS, UMateyu 3:4–6. Thelekisa noMateyu 2:4–6

Abaprofeti baxela ngaphambili okokuba iBhetelehem iya kuba yindawo yokuzalwa kukaMesiya.

4 Kwaye xa yathi yahlanganisa kunye bonke ababingeleli abakhulu, kunye nababhali babantu, yabanga kubo, isithi, Iphi indawo leyo kubhalwe ngayo ngabaprofeti, kuyo ekuya kuzalelwa uKrestu? Kuba yoyika kakhulu, nakubeni yayingabakholelwa abaprofeti.

5 Kwaye bathi kuye, Kubhaliwe ngabaprofeti, ukuba uya kuzalelwa eBhetelehem yakwaYuda, njalo ke bathi batsho,

6 Ilizwi leNkosi leza kuthi, lisithi, Kwaye, wena Bhetelehem, elele kwilizwe lakwaYuda, kuwe kuya kuzalwa inkosana, engeyiyo neyona incinane phakathi kweenkosana zakwaYuda; kuba kuwe kuya kuphuma uMesiya, oya kusindisa abantu bam uSirayeli.

GJS, UMateyu 3:24–26. Thelekisa noMateyu 2:23

UYesu ukhula aze alindele eNkosini phambi kokuqalisa ubufundisi Bakhe.

24 Kwaye kwenzekile okokuba uYesu wakhula nabantakwabo, kwaye baba nokomelela, kwaye balindela eNkosini ixesha lobufundisi bayo lifike.

25 Kwaye wakhonza phantsi kukayise, kwaye ke akathethanga njengabanye abantu, kungabanga nako ukuba afundiswe; kuba akubanga yimfuneko okokuba nabani na unokumfundisa.

26 Kwaye emva kweminyaka emininzi, ilixa lobufundisi bakhe lasondela kufuphi.

GJS, UMateyu 3:34–36. Thelekisa noMateyu 3:8–9

Abo bawalayo umyalezo kaYohane uMbhaptizi bala uKrestu. UThixo unako ukwenza abantu bomnqophiso kwabo bangengabo abakaSirayeli.

34 Kungokuba kutheni ningakwamkeli nje ukushumayela kwalowo uThixo athe wamthumela? Ukuba anikwamkeli oku ezintliziyweni zenu, anamkeli mna; kwaye ukuba anindamkeli, animamkeli lowo ondimthumeleyo aze anike ubungqina; kwaye ke ngokwezono zenu aninaso isambatho.

35 Guqukani, ke ngoko, nize nizise ngaphambili iziqhamo ezifanele inguquko.

36 Kwaye musani ukucinga ukuthi ngaphakathi eziqwini zenu, Singabantwana baka-Abraham, kwaye sinamandla kuphela okuzisa imbewu kubawo wethu uAbraham; kuba ndithi kuni loo Thixo unako kula matye ukuvelisela abantwana kuAbraham.

GJS, UMateyu 3:38–40. Thelekisa noMateyu 3:11–12

UYohane uMbhaptizi ungqina ngokuba uYesu unamandla okubhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo.

38 Mna ngokwenene ndinibhaptiza ngamanzi, ekuguqukeni kwenu; kwaye xa lowo ndinika ubungqina ngaye ozayo, onamandla ngakumbi kunam, ozimbadada zakhe ndingafanele nokuziphatha, (okanye ondawo yakhe ndingenako ukuyizalisa,) njengokuba ndatshoyo, mna ngokwenene ndinibhaptiza phambi kokuba eze, ukuze xa ezile abe nokunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nomlilo.

39 Kwaye ke ngulowo endiya kunika ubungqina ngaye, omyazi wokwela uya kuba sesandleni sakhe, kwaye uya kusicokisa ngokupheleleyo isanda sakhe, aze ayibuthele ingqolowa yakhe kuvimba; kodwa ekuzalisekeni kwexesha elilelakhe uya kuwutshisa umququ ngomlilo ongacimiyo.

40 Njalo ke weza uYohane, eshumayela kwaye ebhaptiza emlanjeni weYordan; enika ubungqina, okokuba lowo uzayo emva kwakhe unamandla okubhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nomlilo.

GJS, UMateyu 3:43–46. Thelekisa noMateyu 3:15–17

UYohane ubhaptiza uYesu ngontywiliselo, ubona uMoya oyiNgcwele usihla njengehobe, kwaye uva ilizwe likaBawo.

43 Waze uYesu, ephendula, wathi kuye, Vuma ndibhaptizwe nguwe, kuba kusifanele thina ukwenjenjalo ukuzalisa bonke ubulungisa. Ngoko ke wamvumela.

44 Kwaye uYohane wehlela emanzini waze wambhaptiza.

45 Ebhaptiziwe ke uYesu, wenyuka kwa oko emanzini; kwaye uYohane wabona, kwaye yabona, amazulu avuleka kuye, kwaye wambona uMoya kaThixo esihla njengehobe waye wahlala phezu koYesu.

46 Kwaye yabona, weva ilizwi livela ezulwini, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda endikholisiweyo nguye. Mveni yena.