Uncedo lweZifundo
GJS, UMateyu 27


GJS, UMateyu 27:3–6. Thelekisa noMateyu 27:3–5; Izenzo 1:18

Ukufa kukaYuda kuyachazwa.

3 Ngoko uYuda, lowo wamngcatshayo, xa wabona ukuba ugwetyiwe, wazohlwaya, kwaye ke wawabuyisela amaqhosha esilivere angamashumi amathathu kubabingeleli abakhulu nabadala,

4 Esithi, Ndonile kuko oko ndingcatshe igazi elingenatyala.

5 Kwaye bathi kuye, Iyini na kuthi loo nto? Zibonele wena; izono zakho mazibe phezu kwakho.

6 Kwaye ke wawaphosa phantsi etempileni amaqhosha esilivere, waza wemka, waza waya, kwaye wazixhoma emthini. Kwaye kwa ngoko nangoko wakhahleleka phantsi, kwaye izibilini zakhe zaphalala, waza wafa.