Uncedo lweZifundo
GJS, UMateyu 13


GJS, UMateyu 13:39–44. Thelekisa noMateyu 13:39–42; khangela kanjalo I&M 86:1–7

Phambi kwesiphelo sehlabathi (ukutshatyalaliswa kwabakhohlakeleyo), izithunywa ezithunywe ezulwini ziya kuhlanganisa amalungisa phakathi kwabakhohlakeleyo.

39 Ukuvuna sisiphelo sehlabathi, okanye ukutshatyalaliswa kwabakhohlakeleyo.

40 Abavuni ziingelosi, okanye izithunywa ezithunywe ezulwini.

41 Ke ngoko, njengokuba, umdiza ubuthwa uze utshiswe emlilweni, siya ngokubanjalo isiphelo seli hlabathi, okanye ukutshatyalaliswa kwabakhohlakelelyo.

42 Kuba ngaloo mhla, phambi kokuba uNyana womntu eya kuza, uya kuthumela ngaphambili iingelosi zakhe nezithunywa zezulu.

43 Kwaye ziya kuhlanganiselwa ngaphandle kobukumkani bakhe zonke izinto ezikhubekisayo, kwaye nezo zenza inkohlakalo, kwaye ziya kuphoselwa ngaphandle phakathi kwabakhohlakeleyo; kwaye kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.

44 Kuba ihlabathi liya kutshiswa ngomlilo.