Uncedo lweZifundo
GJS, UMateyu 6


GJS, UMateyu 6:14. Thelekisa noMateyu 6:13; iinguqu ezifanayo zenziwa kuLuka 11:4

INkosi ayisingenisi ekulingweni.

14 Kwaye ungasiyekeli ekulingweni, kodwa usihlangule enkohlakalweni.

GJS, UMateyu 6:22. Thelekisa noMateyu 6:22

Ukuba amehlo athe akanakumbi kuphela kube seluzukweni lukaThixo, imizimba yethu iphela iya kuzaliswa kukukhanya.

22 Ukhanyiselo lomzimba liliso; ukuba ke ngoko iliso lakho alinakumbi kuphela kube seluzukweni lukaThixo, umzimba wakho uphela uya kuzala kukukhanya.

GJS, UMateyu 6:25–27. Thelekisa noMateyu 6:25; 10:10

UYesu ulumkisa abafundi Bakhe ngobunzima bomsebenzi wabo kodwa uthembisa okokuba Yena uya kubalungiselela indlela nokuba uBawo osemaZulwini uya kubabonelela.

25 Kwaye kwakhona, ndithi kuni, Hambani niye ehlabathini, nize ningalikhathaleli ihlabathi; kuba ihlabathi liza kunithiya, kwaye liya kunitshutshisa, kwaye liya kunigxothela ngaphandle kwezindlu zesikhungo zabo.

26 Nangona kunjalo, niya kuya phambili ukusuka kwindlu nendlu, nifundisa abantu; kwaye ndiya kuhamba phambi kwenu.

27 Kwaye uYihlo osemazulwini uya kunibonelela, nangaziphi na izinto eniya kuzifunela ukutya, oko niya kukutya; nangezambatho, eniya kuzivatha okanye nizinxibe.

GJS, UMateyu 6:38. Thelekisa noMateyu 6:33

Simele ukufuna tanci ukwakha ubukumkani bukaThixo.

38 Ngako oko, musani ukufuna izinto zehlabathi kodwa funani tanci ukwakha ubukumkani bukaThixo, nokumisa ubulungisa bakhe, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni.