Uncedo lweZifundo
GJS, UMateyu 11


GJS, UMateyu 11:13–15. Thelekisa noMateyu 11:10–11, 13–14

UYohane uMbhaptizi nguEliya ebeya kuza aze alungiselele uMsindisi indlela.

13 Kodwa imihla iya kuza, abanogonyamelo bengasayi kuba namandla; kuba bonke abaprofeti nomthetho baprofetha okokuba kuya kuba njalo kude kube nguYohane.

14 Ewe, njengokuba babebaninzi abathi baprofetha bathi bayixela ngaphambili le mihla.

15 Kwaye ukuba niya kukwamkela, inene, wayenguye uEliya, owayeza kuza aze alungiselele zonke izinto.