Uncedo lweZifundo
GJS, Mateyu 12


GJS, UMateyu 12:37–38. Thelekisa noMateyu 12:43–44; khangela kanjalo GJS, Luka 12:9–12

Nabani na othetha ngokuchasene noMoya oyiNgcwele akayi kuxolelwa.

37 Ngoko ke kweza abanye bababhali kwaye bathi kuye, Mfundisi, kubhaliwe okokuba, Zonke izono ziya kuxolelwa; kodwa uthi, Nabani na othetha ngokuchasene noMoya oyiNgcwele akayi kuxolelwa. Kwaye bambuza, besithi, Zinokwenzeka kanjani ezi zinto?

38 Kwaye ke wathi kubo, Xa umoya ongcolileyo uphumile emntwini, uhamba kwiindawo ezomileyo, ufuna ukuphumla uze ungakufumani; kodwa xa umntu ethetha ngokuchasene noMoya oyiNgcwele, uthi ngoko, ndiya kubuyela endlwini yam apho ndandivela khona; aze xa efikile, ayifumane ilambatha, itshayelwe kwaye ihonjisiwe; kuba umoya olungileyo umshiya eyedwa.