Izibhalo
Mormoni 8


Isahluko 8

AmaLeymenayithi azingela aze atshabalalise amaNifayithi—INcwadi kaMormoni iya kuza ngaphambili ngamandla kaThixo—Iziqalekiso ziyavakaliswa phezu kwabo bafutha umsindo nengxabano ngokuchasene nomsebenzi weNkosi—Imbali yamaNifayithi iya kuza ngaphambili ngomhla wenkohlakalo, ukuwa, nokreqo. Malunga E.K. 400–421.

1 Qaphelani mna, Moronayi, ndiya yigqibezela imbali kabawo, uMormoni. Qaphelani, ndinezinto nje ezimbalwa zokuba ndizibhale, izinto ezo endiziyalelwe ngubawo.

2 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba emva kwedabi elikhulu nelikhwankqisayo eKhumora, qaphelani, amaNifayithi abalekele kulo ilizwe elisemazantsi ezingelwa ngamaLeymenayithi, ada onke atshatyalaliswa.

3 Nobawo kanjalo wabulawa ngawo, kwaye mna ndikwasele ndedwa ukuba ndibhale ibali elilusizi lokutshatyalaliswa kwabantu bam. Kodwa qaphelani, bemkile, kwaye mna ndizalisekisa umyalelo kabawo. Kwaye nokokuba baya kundibulala, andazi.

4 Ke ngoko ndiza kuzibhala kwaye ndizifihle iimbali emhlabeni; kwaye nokuba ndiyephi na akunamsebenzi.

5 Qaphelani, ubawo uyenzile le mbali, kwaye uyibhalile nenjongo yayo. Kwaye qaphelani, bendiya kuyibhala kanjalo ukuba bendinayo indawo phezu kwamacwecwe, kodwa andinayo; nesinyithi esikrwada andinaso, kuba ndindodwa. Ubawo ubulewe edabini, nazo zonke izizalwana zam, kwaye andinazihlobo nandawo yakuya kuyo; kwaye ukuba kuya kuba kangakanani na iNkosi iya kundivumela ukuba ndiphile andazi.

6 Qaphelani, amakhulu amane eminyaka adlule ukususela ekuzeni kweNkosi yethu noMsindisi.

7 Kwaye qaphelani, amaLeymenayithi abazingele abantu bam, amaNifayithi, ukuhla ukusuka kwisixeko ukuya kwisixeko nokusuka kwindawo ukuya kwindawo, kwanokude babe abasekho; kwaye kwaba kukhulu ukuwa kwabo; ewe, inkulu kwaye iyamangalisa intshabalalo yabantu bam, amaNifayithi.

8 Kwaye qaphelani, sisandla seNkosi esiyenzileyo. Kwaye qaphelani kanjalo, amaLeymenayithi asemfazweni omnye kunye nomnye; kwaye bonke ubuso beli lizwe bungumjikelo omnye oqhubekayo wokubulala nempalalo-gazi; kwaye akukho usaziyo isiphelo semfazwe.

9 Kwaye ngoku, qaphelani, andiphindi ndithethe malunga nabo, kuba akukho bani ngaphandle kokuba kube ngamaLeymenayithi nabaphangi abakhoyo phezu kobuso belizwe.

10 Kwaye akukho nawuphina owaziyo ngoThixo wokwenene ngaphandle kokuba kube ngabafundi bakaYesu, abaye basala elizweni yada inkohlakalo yabantu yabankulu kakhulu kangangokuba iNkosi ayizange ibavumele ukuba bahlale kunye nabantu; kwaye nokuba baphina phezu kobuso belizwe akukho mntu waziyo.

11 Kodwa qaphelani, ubawo kunye nam sibabonile, kwaye basilungiselele.

12 Kwaye nabani na oyamkelayo le mbali, kwaye engayi kuyigweba ngenxa yeziphene ezikuyo, kwayena lowo uyakwazi ngezinto ezinkulu ngaphezulu kunezi. Qaphelani, mna ndinguMoronayi; kwaye ukuba bekunokwenzeka, bendingazenza zonke izinto zazeke kuni.

13 Qaphelani, ndiyapheza ukuthetha ngokunxulumene naba bantu. Ndingunyana kaMormoni, kwaye ubawo waye eyinzala kaNifayi.

14 Kwaye ndikwanguye ofihlela le mbali eNkosini; amacwecwe ayo awanalo ixabiso, ngenxa yomyalelo weNkosi. Kuba ngokwenene utsho ukuthi akukho bani oya kuwafumanela ukuba azuze ingeniso; kodwa imbali yawo yeyexabiso elikhulu; kwaye nabani na oya kuyizisa ekukhanyeni, yena iNkosi iya kumsikelela.

15 Kuba akukho bani onokuba namandla okuyizisa ekukhanyeni ngaphandle kokuba awanikwe nguThixo; kuba uThixo unqwenela okokuba iya kwenziwa ngeliso elingenakumbi kuphela kuzuko lwakhe, okanye intlalo-ntle yabo bamandulo nabasasazwa kudala abantu bomnqophiso weNkosi.

16 Kwaye makasikelelwe lowo uya kuzisa le nto ekukhanyeni; kuba iya kukhutshwa ebumnyameni iziswe ekukhanyeni, ngokwelizwi likaThixo; ewe, iya kukhutshwa emhlabeni, kwaye iya kukhanyisa iphuma ebumnyameni, kwaye ize kulwazi lwabantu; kwaye iya kwenziwa ngamandla kaThixo.

17 Kwaye ukuba kukho iziphene ziya kuba ziziphene zomntu. Kodwa qaphelani, asazi siphene; nangona kunjalo uThixo wazi zonke izinto; ke ngoko, lowo ugwebayo, makaqonde hleze abe uya kuba sengozini yomlilo wesihogo.

18 Kwaye lowo uthi: Ndibonise, okanye uya kubethwa—makalumke hleze ayalele oko kwalelweyo yiNkosi.

19 Kuba qaphelani, kwayena lowo ugweba ngobutyhuthu-tyhuthu uya kugwetywa ngobutyhuthu-tyhuthu kwakhona; kuba ngokwemisebenzi yakhe umvuzo wakhe uya kuba njalo; ke ngoko, lowo ubethayo uya kubethwa kwakhona, yiNkosi.

20 Qaphela oko izibhalo zikutshoyo—umntu akasayi kubetha, engasayi kugweba; kuba umgwebo ngowam, itsho iNkosi, nempindezelo kanjalo yeyam, kwaye ndiya kubuyekeza.

21 Kwaye lowo uya kufutha umsindo neengxabano ngokuchasene nomsebenzi weNkosi, nangokuchasene nabantu bomnqophiso weNkosi abayindlu kaSirayeli, kwaye eya kuthi: Siya kuwutshabalalisa umsebenzi weNkosi, kwaye iNkosi ayisayi kuwukhumbula umnqophiso ewenzileyo kuyo indlu kaSirayeli—kwayena lowo usengozini yokugawulelwa phantsi aze aphoswe emlilweni.

22 Kuba iinjongo zanaphakade zeNkosi ziya kuqhubekela phambili, kude kube zonke izithembiso zayo ziya kuzalisekiswa.

23 Ziphengululeni iziprofetho zikaIsaya. Qaphelani, mna andinako ukuzibhala. Ewe, qaphelani nditsho kuni, ukuthi abo bangcwele abahambileyo ngaphambi kwam, ababelilawula eli lizwe, baya kukhala, ewe, kwanaseluthulini baya kukhala eNkosini, kwaye njengoko iNkosi iphila iya kuwukhumbula umnqophiso eyathi yawenza kunye nabo.

24 Kwaye iyayazi imithandazo yabo, okokuba yayingenxa yabazalwana babo. Kwaye iyalwazi ukholo lwabo, kuba egameni lakhe babenako ukushenxisa iintaba; kwaye egameni lakhe babenako ukuwubangela umhlaba ukuba unyikime; kwaye ngamandla elizwi layo baye bazibangela iintolongo ukuba zidilikele emhlabeni; ewe, kwanalo iziko elivuthayo lalingenako ukubonzakalisa, nazilo zasendle nanyoka zinobuhlungu, ngenxa yamandla elizwi layo.

25 Kwaye qaphelani, imithandazo yabo kanjalo yayingenxa yakhe lowo iNkosi iya kuthi imvumele ukuba azise ezi zinto ngaphambili.

26 Kwaye akukho namnyei onokuthi azisayi kuza, kuba ngokuqinisekileyo ziya kuza, kuba iNkosi ikuthethile; kuba ziphuma emhlabeni ziya kuza, ngesandla seNkosi, kwaye akukho bani unako ukukuithintela; kwaye iya kuza ngomhla ekuya kuba kusitshiwo ukuthi imimangaliso iphelisiwe; kwaye iya kuza kwanokungathi ubani angathetha ekwabafileyo.

27 Kwaye iya kuza ngomhla xa sukuba igazi labangcwele liya kukhala kuyo iNkosi, ngenxa yamayelenqe afihlakeleyo nemisebenzi yobumnyama.

28 Ewe, iya kuza ngomhla xa sukuba amandla kaThixo eya kukhanyelwa, namabandla esuke onakaliswa kwaye aphakamele kwikratshi lentliziyo zawo; ewe, kwanangomhla eziya kuba iinkokeli zamabandla nootishala ziya kuphakama ngekratshi leentliziyo zazo, kwanasekumoneleni abo bangabamabandla azo.

29 Ewe, iya kuza ngomhla xa sukuba kuya kuvakala ngemililo, noqhwithela, nemiphunga yomsi emazweni asemzini;

30 Kananjalo kuya kuvakala ngeemfazwe, amarhe eemfazwe, neenyikima kwiindawo ezahlukeneyo.

31 Ewe, iya kuza ngomhla xa sukuba kuya kubakho ukungcola okukhulu phezu kobuso bomhlaba; kuya kubakho ukubulala, nokuphanga, nokuxoka, neenkohliso, nohenyuzo, kwanalo lonke uhlobo lwamasikizi; xa sukuba kuya kubakho abaninzi abaya kuthi: Yenza oku, okanye yenza okuya, kwaye akunamsebenzi, kuba iNkosi iya kubaxhasa abanjalo ngomhla wokugqibela. Kodwa yeha kwabanjalo, kuba bakwinyongo yobukrakra nakumakhamandela obugwenxa.

32 Ewe, iya kuza ngomhla xa sukuba kuya kubakho amabandla akhiweyo aya kuthi: Yizani kum, kwaye ngemali yakho uya kuxolelwa izono zakho.

33 Owu nina bakhohlakeleyo nabagqwethekileyo nabantu abantamo zilukhuni, kungani ukuba nizakhele amabandla ukuba nizuze ingeniso? Kungani niliguqule ilizwi elingcwele likaThixo, ukuze nibe nokuzisa isigwebo phezu kwemiphefumlo yenu? Qaphelani, khangelani kuzo izityhilelo zikaThixo; kuba qaphelani, ilixa liyeza ngaloo mhla xa sukuba zonke ezi zinto kufuneka zizalisekisiwe.

34 Qaphelani, iNkosi indibonise ezinkulu nezimangalisayo izinto malunga noko kufuneka kwakufutshane kuzile, ngaloo mhla xa sukuba ezi zinto ziya kuza ngaphambili phakathi kwenu.

35 Qaphelani, ndithetha nani ngokungathi nikhona, kanti ke anikho. Kodwa qaphelani, uYesu Krestu unibonisile kum, kwaye ndiyazazi izenzo zenu.

36 Kwaye ndiyazi okokuba nithi nihambe ngekratshi leentliziyo zenu; kwaye akukho namnye ngaphandle nje kwabambalwa abangaziphakamiseli kwikratshi leentliziyo zabo, ngokunxiba izivatho ezisulungekileyo, ngoomona, neengxabano, nenzondo, neentshutshiso, kwanalo lonke uhlobo lobugwenxa; kwaye amabandla enu, ewe, kwanawo onke, asuke onakala ngenxa yekratshi leentliziyo zenu.

37 Kuba qaphelani, nithi nithande imali, nezinto zenu, nezivatho zenu ezisulungekileyo, nokuhombisa izindlu zenu zokukhonzela, ngaphezulu kunokuba nithanda amahlwempu nabasweleyo, abagulayo nababandezelekileyo.

38 Owu nina bangcolileyo, nina bahana-hanisi, nina zititshala, abazithengisela oko kuya kudliwa ngumhlwa, kungani na nilingcolisile ibandla elingcwele likaThixo? Kungani na ukuba nibe neentloni ukuthabathela kuni igama likaKrestu? Kungani na ningacingi okokuba likhulu ngaphezulu ixabiso lolonwabo olungenasiphelo kunaloo nkxwaleko engaze ife—kungenxa yodumo lwehlabathi?

39 Kungani nizihombisa ngoko kungenabo ubomi, kanti ke niyekele abalambileyo, nabasweleyo, nabaze, nabagulayo nababandezelekileyo ukuba badlule ngakuni, nize ningabaniki ngqalelo?

40 Ewe, kungani na nizakhela amasikizi enu afihlakeleyo ukuze nizuze ingeniso, nize nibangele okokuba abahlolokazi mababelusizi phambi kweNkosi, kananjalo neenkedama ukuba zibelusizi phambi kweNkosi, kananjalo negazi looyise nabayeni babo ukuba bakhale kuyo iNkosi ukusuka emhlabeni, ngempindezelo phezu kweentloko zenu?

41 Qaphelani, ikrele lempindezelo lilengalenga phezu kwenu; kwaye ilixa kwakamsinyane liyeza lokokuba aliphindezele igazi labangcwele phezu kwenu, kuba akasayi kube aphinde azinyamezele izikhalo zabo.