Izibhalo
Yakobi 6


Isahluko 6

INkosi iya kumbuyisela uSirayeli ngemihla yokugqibela—Ihlabathi liya kutshiswa ngomlilo—Abantu kufuneka balandele uKrestu ukuphepha idike lomlilo nesalfure. Malunga 544–421 P.K.

1 Kwaye ngoku, qaphelani, bazalwana bam, njengoko nditshilo kuni okokuba ndiya kuprofetha, qaphelani, esi sisiprofetho sam—esokokuba izinto ezithe zathethwa ngulo mprofeti auZenoshe, ngokunxulumene nendlu kaSirayeli, apho abafanekisa nomthi womnquma olinyiweyo, kufuneka ngokwenene zenzeke.

2 Kwaye umhla aya kuthi aqalise ngawo kwakhona aukubuyisela abantu bakhe okwesibini, ngumhla, ewe, kwanelokugqibela ilixa, eziya kuthi bizicaka zayo iNkosi zibheke phambili cemandleni ayo, ukuze dzondle kwaye zithene eisidiliya sayo; kwaye emva koko fisiphelo siya kufika kwakamsinya.

3 Kwaye basikeleleke kangakanani abo bathe basebenza ngenkuthalo esidiliyeni sayo; baza baqalekiseka kangakanani abo baya kuthi balahlelwe ngaphandle kweyabo indawo! Kwaye ihlabathi liya akutshiswa ngomlilo.

4 Kwaye ikangakanani inceba kaThixo wethu kuthi, kuba uyayikhumbula indlu akaSirayeli, kunye iingcambu namasebe; kwaye uzolulile bizandla zakhe kubo ebudeni bemini yonke; kwaye cbangabantu abantamo zilukhuni; nabaphikayo; kodwa njengokuba abaninzi bengayi kuziqaqadekisa iintliziyo zabo baya kusindiswa ebukumkanini bukaThixo.

5 Ngako oko, bazalwana bam abathandekayo, ndiya nibongoza ngamazwi andilisekileyo okokuba niguquke, kwaye nize ngenjongo egqibeleleyo yentliziyo, kwaye aninamathele kuye uThixo njengoko naye enamathele kuni. Kwaye ngeli lixa bingalo yakhe yenceba yolulekele ngakuni ekukhanyeni kwemini, musani ukuziqaqadekisa iintliziyo zenu.

6 Ewe, ngalo mhla, ukuba niya kuliva ilizwi lakhe, zeningaziqaqadekisi iintliziyo zenu; kuba kungani na niya akufa?

7 Kuba qaphelani, emva kokuba niya kondliwa ngelizwi elilungileyo likaThixo ebudeni bemini yonke, ingaba niya kuvelisa isiqhamo esibi kusini na, ukuze anigawulelwe phantsi kwaye niphoswe emlilweni?

8 Qaphelani, ingaba niya kuwala kusini na la mazwi? Ingaba niya kuwala kusini na amazwi abaprofeti; kwaye ingaba niya kuwala kusini na onke amazwi athethiweyo ngokunxulumene noKrestu, emva kokuba abaninzi kangaka bethethile ngokunxulumene naye; kwaye nilikhanyele ilizwi elilungileyo likaKrestu, namandla kaThixo, anesipho soMoya oyiNgcwele, nize niwucime uMoya oyiNgcwele, nize nilenze intlekisa icebo lenkululeko, elamiselwa nina?

9 Anazi na okokuba ukuba niya kuzenza ezi zinto, ukuze amandla enkululeko novuko, olukuKrestu, aya kunizisa ekubeni nime ngehlazo anetyala eloyikekayo phambi bkwesihlalo sokugweba sikaThixo?

10 Kwaye ngokwamandla aobulungisa, kuba ubulungisa abunakho ukuphikiswa, kufuneka nimke niye bedikeni lomlilo nesalfure, elimlilo walo ungacimiyo, nelimsi walo unyukela phezulu ngonaphakade kanaphakade, idike lomlilo nesalfure elo celiyintuthumbo dengenasiphelo.

11 Owu ke, bazalwana bam abathandekayo, guqukani, nize ningene ngaphakathi kulo aisango elimxinwa, nize niqhubeke endleleni leyo icutheneyo, nide nibe niya kubuzuza ubomi obungunaphakade.

12 Owu yibani anobulumko; ingaba yintoni na endingayithethayo engakumbi?

13 Okokugqibela, ndiyanibulisa nisale kakuhle, ndide ndibonane nani phambi kwesihlalo sokugweba esikholisayo sikaThixo, isihlalo-sokugweba eso esikhwankqisa abakhohlakeleyo angenkxalabo eyoyikekayo noloyiko. Amen.