Izibhalo
Yakobi 4


Isahluko 4

Bonke abaprofeti banqula uBawo egameni likaKrestu—Ukunikela kuka-Abraham ngoIsake kwakufuzisela uThixo noWakhe oKuphela koZelweyo—Abantu kufanele bazixolelanise noThixo ngendlela yeNtlawulelo—AmaYuda aya kulikhanyela ilitye lesiseko. Malunga 544–421 P.K.

1 Ngoku qaphelani, kuye kwenzeka okokuba mna, Yakobi, ekubeni ndikhonzile kakhulu kubo abantu bam ngelizwi, (kwaye andinako ukubhala kodwa amancinane nje amazwi am, ngenxa yobunzima bokukrola amazwi ethu phezu kwamacwecwe) kwaye siyazi okokuba izinto esithi sizibhale phezu kwamacwecwe kufuneka zihlale;

2 Kodwa nazinto zini na esizibhalayo phezu kwayo nantoni na engengawo amacwecwe iya konakala ize iye iphela ingabikho; kodwa sinako ukuwabhala ambalwa amazwi phezu kwamacwecwe, anokuthi anike abantwana bethu, nabazalwana bethu abathandekayo kananjalo, isuntswana nje lolwazi ngokunxulumene nathi, okanye ngokunxulumene nooyise—

3 Ngoku kule nto siyagcoba; kwaye siya sebenza ngenkuthalo ukuze sikrole la mazwi phezu kwamacwecwe, sinethemba lokokuba abazalwana bethu abathandekayo nabantwana bethu baya kuwamkela ngeentliziyo ezinombulelo, baze bakhangele kuwo ukuze babe nokufunda ngemincili kwaye kungabi ngosizi, kungabi ngayo nendelelo, malunga nabazali babo bokuqala.

4 Kuba, kungale njongo ukuba sizibhale ezi zinto, yokokuba babe nokwazi ukuba asasisazi ngoKrestu, kwaye sasinethemba lozuko lwakhe amakhulu amaninzi eminyaka phambi kokuba afike; kwaye yayingesithi sodwa ababenethemba lozuko lwakhe, kodwa kanjalo bonke babaprofeti abangcwele ababekho phambi kwethu.

5 Qaphelani, babekholelwa kuKrestu kwaye abemnqula uYise egameni lakhe, kanjalo sinqula uYise egameni lakhe. Kwaye kungale njongo siwugcina bumthetho kaMoses, kuba cwolathisa imiphefumlo yethu kuye; kwaye kungesi sizathu ungcwalisiwe kuthi ngobulungisa, nanjengoko wawucacisiwe kuAbraham entlango ukuba azithobele iziyalo zikaThixo ngokunikela phezulu unyana wakhe uIsake, engumfuziselo kaThixo nalowo doKuphela koZelweyo uNyana.

6 Ngako oko, siyabaphendla abaprofeti, kwaye sinazo izityhilelo ezininzi nomoya awesiprofetho; kwaye ke kuba sinawo onke la bmangqina sizuza ithemba, kwaye ukholo lwethu alugungqiswa, kangangokuba sinako ngokwenene cukuyalela degameni likaYesu ize imithi ngokwayo isithobele, okanye iintaba, okanye amaza olwandle.

7 Nangona kunjalo, iNkosi uThixo iyasibonisa aubuthathaka bethu ukuze sazi okokuba kungobabalo lwayo, nokuzithoba kwayo okukhulu kubantwana babantu, ukuba sibe namandla okwenza ezi zinto.

8 Qaphelani, mikhulu kwaye iyamangalisa imisebenzi yeNkosi. Hayi aukungagocagoceki kwazo iinzulu bzeemfihlakalo zayo; kwaye kuyinto engenakwenzeka ukuba umntu angazifumanisa zonke iindlela zayo. Kwaye akukho mntu cuzaziyo diindlela zayo ngaphandle kokuba zibe nokutyhilwa kuye; ngako oko, bazalwana, ningazideli izityhilelo zikaThixo.

9 Kuba qaphelani, ngamandla aelizwi lakhe bumntu weza phezu kobuso bomhlaba, umhlaba lowo owadalwa ngamandla elizwi lakhe. Ngako oko, ukuba uThixo unako ukuthetha lize ihlabathi libekho, kwaye athethe aze umntu adalwe, Owu ke, kungani angabinako ukuyalela cumhlaba, okanye umsebenzi wezandla zakhe phezu kobuso bawo, ngokwentando yakhe nolonwabo lwakhe?

10 Ngako oko, bazalwana, musani ukuzama aukucebisa iNkosi, kodwa zamani ukuthabatha icebiso esandleni sayo. Kuba qaphelani, nina ngokwenu niyazi okokuba icebisa bngobulumko, nangobulungisa, nangayo imfesane enkulu, kuyo yonke imisebenzi yayo.

11 Ngako oko, bazalwana abathandekayo, zixolelaniseni kunye naye ngendlela ayentlawulelo kaKrestu, boKuphela koZelweyo uNyana, kwaye ningazuza cuvuko, ngokwamandla ovuko olukuye uKrestu, nize ninikezelwe nje dngeziqhamo zokuqala zikaKrestu kuye uThixo, ninokholo, kwaye nizuze ithemba elilungileyo lozuko kuye phambi kokuba azibonakalise esenyameni.

12 Kwaye ngoku, bathandekayo, musani ukumangaliswa ukuba ndinixelela ezi zinto; kuba kungani aningathethi ngentlawulelo kaKrestu, nize nizame ukuzuza ulwazi olugqibeleleyo ngaye, nanjengokuzuza ulwazi ngovuko nangehlabathi elizayo?

13 Qaphelani, bazalwana bam, lowo uprofethayo, mvumeleni aprofethe ukuze abantu baqonde; kuba auMoya uthetha inyaniso kwaye awuxoki. Ngako oko, uthetha ngezinto njengoko bzinjalo, nangezinto njengoko ngokwenene ziya kuba njalo; ngako oko, ezi zinto zibonakalisiwe kuthi cngokucacileyo, ukuze kusindiswe imiphefumlo yethu. Kodwa qaphelani, asingawo mangqina sodwa kwezi zinto; kuba uThixo kanjalo wazithetha kubo abaprofeti bakudala.

14 Kodwa qaphelani, amaYuda aayengabantu abantamo zilukhuni; kwaye bbabewadelela amazwi okucaca, kwaye bebabulala abaprofeti, kwaye bekhangela izinto ababengenako ukuziqonda. Ngako oko, ngenxa cyobumfama babo, ubumfama obo obeza ngokuthi bakhangele ngaphaya kwento ebonakalayo, kuyimfuneko ke ukuba mabawe; kuba uThixo ukuthabathile ukucaca kwakhe kubo, waza wanikezela kubo izinto ezininzi dabangenako ukuziqonda, ngenxa yokuba benqwenela oko. Kwaye ngenxa yokuba bakunqwenela oko uThixo ukwenzile, ukuze bakhubeke.

15 Kwaye ngoku mna, Yakobi, ndikhokelwa nguMoya ngokude ndiprofethe; kuba ndibona ngemisebenzi yoMoya okum, okokuba angokukhubeka kwamaYuda aya bkulikhanyela cilitye abanokuthi bakhele phezu kwalo baze babe nesiseko esikhuselekileyo.

16 Kodwa qaphelani, ngokwasezibhalweni, eli alitye liya kuba lelikhulu, nelokugqibela, nelisesona bsiseko siqinisekileyo, anokuthi amaYuda akhele phezu kwaso.

17 Kwaye ngoku, bathandekayo, kunokwenzeka njani ukuba aba, emva kokuba besalile isiseko esiqinisekileyo, abangaze bakhe phezu kwaso, ukuze sibe yintloko yembombo yabo?

18 Qaphelani, bazalwana bam abathandekayo, ndiza kuyityhila le mfihlelo kuni; ukuba andenzi njalo, nangaluphina uhlobo, andigungqiswa ekuzinzeni kwam eMoyeni, ndize ndikhubeke ngenxa yenkxalabo yam enkulu ngani.