Izibhalo
Enoshe 1


INcwadi kaEnoshe

Isahluko 1

UEnoshe uthandaza ngamandla amakhulu kwaye ufumana ukuxolelwa kwezono zakhe—Izwi leNkosi liza engqondweni yakhe, lithembisa ukusindiswa kwamaLeymenayithi kwimihla ezayo—AmaNifayithi azama ukubuyisa amaLeymenayithi—UEnoshe uyavuyiswa nguMkhululi wakhe. Malunga 420 P.K.

1 Qaphelani, kwenzekile okokuba mna, Enoshe, ndazi okokuba ubawo ebengumntu onobulungisa—kuba wandifundisa ngolwimi lwakhe, waza kanjalo wandikhulisa ngezilumkiso zeNkosi—kwaye malisikelelwe igama likaThixo wam ngenxa yaloo nto—

2 Kwaye ndiza kunixelela ngemizamo endibenayo phambi koThixo, phambi kokuba ndifumane uxolelo lwezono zam.

3 Qaphelani, ndiye ndaya kuzingela izilo ehlathini; aza amazwi endidla ngokuweva rhoqo ethethwa ngubawo malunga nobomi banaphakade, novuyo lwabangcwele, angena nzulu entliziyweni yam.

4 Umphefumlo wam uye walamba; ndaza ndaguqa phambi koMenzi wam, ndakhala kuye ngomthandazo onamandlakazi nokucengela umphefumlo wam; ndakhala imini yonke kuye; ewe, naxa bufika ubusuku bendisaphakamisela izwi lam phezulu ukuze lifike emazulwini.

5 Kwaye kwafika izwi kum, lisithi: Enoshe, izono zakho zixolelwe, kwaye uya kusikelelwa.

6 Ndaza mna, Enoshe, ndayazi okokuba uThixo akanakuxoka; ngako oko, ityala lam latshayelwa.

7 Ndaza ndathi: Nkosi, yenzeke njani?

8 Yaza yathi kum: Ngenxa yokholo lwakho kuKrestu, ongazange umve ngaphambili okanye umbone. Kwaye mininzi iminyaka eya kudlula phambi kokuba azibonakalise esenyameni; ngako oko, hamba, ukholo lwakho lukusindisile.

9 Ngoku, kwenzekile okokuba emva kokuba ndiwavile la mazwi ndaqalisa ukuba nomnqweno wentlalontle yabazalwana bam, amaNifayithi; ngako oko, ndawuphalaza umphefumlo wam wonke kuThixo ngenxa yabo.

10 Kwaza kwathi ngeli lixa ndisaxakekile emoyeni, qaphela, izwi leNkosi laphinda leza kum engqondweni, lisithi: Ndiya kubavelela abazalwana bakho ngokunxulumene nenkuthalo yabo ekuyigcineni imiyalelo yam. Ndibanike eli lizwe, kwaye lilizwe elingcwele; kwaye andiliqalekisi ngaphandle kwesizathu sobugwenxa; ngako oko, ndiya kubavelela abazalwana bakho ngokunxulume noko ndikuthethileyo; kwaye izigqitho zabo ndiya kuzibuyekeza ngosizi phezu kweentloko zabo.

11 Kwaza emveni kokuba mna, Enoshe, ndiwavile la mazwi, ukholo lwam luye lwaqalisa ukungagungqi eNkosini; ndaza ndathandaza kuyo ngemizamo emininzi emide ngenxa yabazalwana bam, amaLeymenayithi.

12 Kwaye kwenzekile okokuba emveni kokuba ndithandazile ndasebenza ngayo yonke inkuthalo, iNkosi yathi kum: Ndiya kukupha ngokweminqweno yakho, ngenxa yokholo lwakho.

13 Kwaye ngoku qaphelani, lo yaye ingumnqweno endandiwucela kuyo—wokokuba xa kunokwenzeka okokuba abantu bam, amaNifayithi, bangawela ekoneni, baze batshatyalaliswe nangayiphi na indlela, aze amaLeymenayithi angatshatyalaliswa, inga iNkosi uThixo ingayilondoloza imbali yabantu bam, amaNifayithi; nokuba oko kungenzeka ngokwamandla engalo yayo engcwele, ukuze iziswe ngaphambili kwimihla ezayo kumaLeymenayithi, ukuze, mhlawumbi, abe nokuziswa elusindisweni—

14 Kuba okwangoku imizamo yethu yaba lilize ekubavuseleleni elukholweni lwenyani. Kwaye bafungile ngomsindo wabo ukuba, xa sukuba kunokwenzeka, bangazitshabalalisa iimbali zethu kunye nathi, kwanazo zonke izithethe zooyise.

15 Ngako oko, ekubeni ndisazi ukuba iNkosi uThixo inako ukuzilondoloza iimbali zethu, ndiye ndasoloko ndikhala kuyo, kuba yayithe kum: Nantoni na oya kuyicela ngokholo, ukholelwa okokuba uya kuyifumana egameni likaKrestu, uya kuyifumana.

16 Kwaye bendinalo ukholo, ndaza ndakhala kuThixo okokuba alondoloze iimbali; wenza umnqophiso kunye nam wokokuba uya kuzizisa kumaLeymenayithi ngexesha lakhe.

17 Kwaye mna, Enoshe, ndayazi okokuba kuya kuba njengoko ebewenzile umnqophiso; ngako oko umphefumlo wam waphumla.

18 Yaza iNkosi yathi kum: Ooyihlo nabo babenze esi sicelo kum; kwaye kuya kwenziwa kubo ngokokholo lwabo; kuba ukholo lwabo belufana nolwakho.

19 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba mna, Enoshe, ndijikeleze kubantu bakaNifayi, ndiprofetha ngezinto eziya kwenzeka, ndingqina ngezinto endizivileyo nendizibonileyo.

20 Ndaye ndanika ubungqina bokokuba abantu bakaNifayi bazama ngenkuthalo ukubuyisela amaLeymenayithi elukholweni lokwenyani kuThixo. Kodwa iinzame zethu zawa phantsi; intiyo yabo yayinzulu, kwaye babekhokelwa yimikhwa yabo emibi kangangokuba babendlongondlongo, babeneengcwangu, babengabantu abanxanelwe igazi, bezele kukunqula izithixo nokungcola; besitya amarhamncwa, behlala ezintenteni, bezulazula entlango ngemibhinqo emifutshane yezikhumba ezinqeni neentloko zabo zichetyiwe; kwaye ubuchule babo babukwizaphetha, kwaye nangamakrelana, nezembe. Uninzi lwabo lwalungatyi nto ngaphandle kwenyama ekrwada; kwaye babesoloko bezama ukusitshabalalisa.

21 Kwaye kwenzekile okokuba abantu bakaNifayi baye bawulima umhlaba, baza balima zonke iintlobo zeenkozo, nolweziqhamo, bafuya nemihlambi yenkomo, kwaye nemihlambi yazo zonke iintlobo zeenkomo, neebhokhwe, neebhokhwe zasendle, kananjalo namahashe amaninzi.

22 Kwaye kukho abaprofeti abaninzi ngokugqithisileyo phakathi kwethu. Kwaye nabantu babengabantu abaneentamo ezilukhuni, kunzima ukuba baqonde.

23 Kwaye kwakungekho nto ngaphandle koburhabaxa obugqithileyo, ukushumayela nokuprofetha ngeemfazwe, neembambano, nentshabalalo, nokubakhumbuza rhoqo ngokufa, kwaye nangobude bexesha lanaphakade, nezigwebo namandla kaThixo, nazo zonke ezi zinto—zibashukumisa rhoqo ukubagcina benoloyiko lweNkosi. Ndithi kwakungekho nanye into ngaphandle kwezi zinto, kwaye namazwi acace kakhulu ngokugqithisileyo, awayenokubanqanda ekuyeni ezantsi ekutshabalaleni ngokukhawuleza. Kwaye ndibhala ngolu hlobo ngabo.

24 Kwaye ndibone iimfazwe phakathi kwamaNifayithi namaLeymenayithi kwimihla yobomi bam.

25 Kwaye kwenzekile okokuba ndaqalisa ukuba mdala, kwaye elikhulu namashumi asixhenxe anethoba eminyaka yayisele idlule ukususela xa ubawo wethu uLihayi eshiya iYerusalem.

26 Kwaye ndabona okokuba kufuneka kungekudala ndehlele ezantsi engcwabeni lam, ekubeni bendiye ndafikelwa ngamandla kaThixo ukuba ndishumayele ndiprofethe kwabo bantu, kwaye ndivakalise ilizwi ngokulandela inyaniso ekuKrestu. Kwaye ndiyivakalisile ngayo yonke imihla yam, kwaye ndivuyile kuyo ngaphezu koko kwasehlabathini.

27 Kwaye kungekudala ndiya endaweni yam yokuphumla, loo ndawo ikuMkhululi wam; kuba ndiyazi okokuba kuye ndiya kuphumla. Kwaye ndiyawuvuyela loo mhla xa sukuba owam umzimba onokufa uya kwambatha ukungafi, kwaye uya kuma phambi kwakhe; ngoko ndiya kububona ubuso bakhe ndinolonwabo, kwaye uya kuthi kum: Yiza kum, wena usikelelweyo, ikhona indawo elungiselelwe wena ezindlwini ezinkulu zikaBawo. Amen.