Izibhalo
Hilamani 2


Isahluko 2

UHilamani, unyana kaHilamani, uba ngumgwebi oyintloko—UGadiyantoni ukhokela iqela likaKhishkumeni—Izicaka zikaHilamani zibulala uKhishkumeni, lize iqela likaGadiyantoni lisabe lingene entlango. Malunga 50–49 P.K.

1 Kwaye kwenzekile kowamashumi amane anesibini unyaka wolawulo lwabagwebi, emva kokuba uMoronayiha elumisele kwakhona uxolo phakathi kwamaNifayithi namaLeymenayithi, qaphelani kwakungekho bani wokusizalisa isihlalo-sokugweba ; ke ngoko kwaqalisa ukubakho imbambano kwakhona phakathi kwabantu ngokunxulumene nalowo ufanele asizalise isihlalo-sokugweba.

2 Kwaye kwenzekile okokuba uHilamani, owayengunyana kaHilamani, wonyulwa ukuba asizalise isihlalo-sokugweba, ngezwi labantu.

3 Kodwa qaphelani, auKhishkumeni, owayebulele uPhahorani, waye walalela ukumtshabalalisa noHilamani kanjalo; kwaye wayexhaswa liqela lakhe, elalingene kumnqophiso wokokuba kungabikho bani owaziyo ngenkohlakalo yakhe.

4 Kuba kwakukho auGadiyantoni othile, owaye elichule ngokugqithisileyo ngokwamazwi amaninzi, kananjalo ngobuqhinga bakhe, bokuqhubeka ngomsebenzi wakhe ofihlakeleyo wokubulala nowokuphanga; ke ngoko waba yinkokeli yeqela likaKhishkumeni.

5 Ke ngoko waye wabakhohlisa, kananjalo noKhishkumeni, ukuze ukuba bangambeka kuso isihlalo-sokugweba angabanika abo bangabeqela lakhe ukuba babekwe emandleni nasegunyeni phakathi kwabantu; ke ngoko uKishkumeni wazama ukumtshabalalisa uHilamani.

6 Kwaye kwenzekile njengokuba wayebheka phambili ngakuso isihlalo-sokugweba ukuba amtshabalalise uHilamani, qaphelani esinye sezicaka zikaHilamani, ekubeni besingaphandle ngobusuku, kwaye nasekubeni sizuze, ngokuzifihla, ulwazi ngaloo macebo abebekiwe leli qela lokuba kutshatyalaliswe uHilamani—

7 Kwaye kwenzekile okokuba sahlangana noKhishkumeni, saza samnika umqondiso; ke ngoko uKhishkumeni wasazisa injongo yomnqweno wakhe, enqwenela okokuba simkhokelele kuso isihlalo-sokugweba ukuze abe nokumbulala uHilamani.

8 Kwaye sakuba isicaka sikaHilamani siyazile yonke intliziyo kaKhishkumeni, nokuba kwaye kuyinjongo yakhe ukubulala, kananjalo nokokuba kwakuyinjongo yabo bonke abo babengabeqela lakhe ukuba babulale, kwaye nokuba baphange, nokuba bazuze amandla, (kwaye oku kwaye akulicebo labo elifihlakeleyo, neyelenqe labo) isicaka sikaHilamani sathi kuye uKhishkumeni: Masibheke phambili kuso isihlalo-sokugweba.

9 Ngoku oku kwamkholisa uKhishkumeni ngokugqithisileyo, kuba waye wacinga okokuba anganako ukuyizalisekisa injongo yakhe; kodwa qaphelani, isicaka sikaHilamani, njengokuba babebheka phambili kuso isihlalo-sokugweba, saye samhlaba uKhishkumeni kwanasentliziyweni, ukuze awe afe ngaphandle kokuncwina. Saza sabaleka saza saxelela uHilamani zonke izinto esizibonileyo, kwaye nesivileyo, kwaye nesizenzileyo.

10 Kwaye kwenzekile okokuba uHilamani waye wathumela ukuba kuthatyathwe eli qela labaphangi nababulali abafihlakeleyo, ukuze babe nokubulawa njengesigwebo ngokwasemthethweni.

11 Kodwa qaphelani, akuba uGadiyantoni efumanise okokuba uKhishkumeni akabuyanga woyika okokuba hleze atshatyalaliswe; ke ngoko wabangela okokuba iqela lakhe malimlandele. Kwaye baye basaba baphuma kulo ilizwe, ngendlela efihlakeleyo, basinga entlango; kwaye njalo akuba uHilamani ethumela phambili ukuba bathatyathwe ababanga nakufumaneka naphina.

12 Kwaye okungakumbi ngalo Gadiyantoni kuya kuthethwa emva koku. Waza njalo waphela owamashumi amane anesibini unyaka wolawulo lwabagwebi phezu kwabantu bakaNifayi.

13 Kwaye qaphelani, ekupheleni kwale ncwadi niya kubona okokuba lo aGadiyantoni waye wakubonakalisa ukubhukuqa, ewe, phantse intshabalalo epheleleyo yabantu bakaNifayi.

14 Qaphelani andithethi ekupheleni kwencwadi kaHilamani, kodwa ndithetha ukuphela kwencwadi kaNifayi, endithabathe kuyo yonke ingxelo endithe ndayibhala.