Izibhalo
Etere 9


Isahluko 9

Ubukumkani budlula komnye ukuya komnye ngokwelifa ubuqhophololo nokubulala—UEmeri wambona uNyana woBulungisa—Abaprofeti abaninzi bamemeza inguquko—Indlala neenyoka ezinobuhlungu zikhathaza abantu.

1 Kwaye ngoku mna, Moronayi, ndiyaqhubeka nembali yam. Ke ngoko, qaphelani, kwenzekile okokuba ngenxa ayamayelenqe afihlakeleyo ka-Akhish nezihlobo zakhe, qaphelani, baye babubhukuqa ubukumkani bukaOmeri.

2 Nangona kunjalo, iNkosi yaba nenceba kuye uOmeri, kananjalo nakoonyana bakhe nakuzo iintombi zakhe ezazingayifuni intshabalalo yakhe.

3 Yaza iNkosi yamlumkisa uOmeri ephupheni okokuba makemke aphume elizweni; ngako oko uOmeri wemka waphuma elizweni kunye nosapho lwakhe, waza wahamba iintsuku ezininzi, waza wawelela ngaphesheya waza wadlula ngakwinduli aiShim, waza wawelela ngaphesheya ngakwindawo bapho amaNifayithi ayetshatyalaliswe khona, waza ukusuka apho waya ngasempumalanga, waza wafika kwindawo eyayibizwa ngokuba yiAblom, ngaselunxwemeni lolwandle, waza apho wayigxumeka intente yakhe, kananjalo noonyana bakhe neentombi zakhe, nayo yonke indlu yakhe, ngaphandle koYerede nosapho lwakhe.

4 Kwaye kwenzekile okokuba uYerede wathanjiswa waba ngukumkani phezu kwabantu, ngesandla senkohlakalo; waza wanikela kuAkhish intombi yakhe ukuba ibe ngumfazi.

5 Kwaye kwenzekile okokuba uAkhish wazungula ubomi bukayisezala; waza wacela uncedo kwabo wayebafungise ngesifungo sabamandulo, baza bayizuza intloko kayisezala, njengokuba wayehleli phezu kwetrone yakhe, ephulaphule abantu bakhe.

6 Kuba lwaba lukhulu kakhulu usasazeko lwenkohlakalo yakhe noluntu olufihlakeleyo kangangokuba wayezonakalisile iintliziyo zabo bonke abantu; ke ngoko uYerede wabulawa phezu kwetrone yakhe, waza uAkhish walawula esikhundleni sakhe.

7 Kwaye kwenzekile okokuba uAkhish waqalisa ukummonela unyana wakhe, ke ngoko wamvalela entolongweni, waza wamgcina ngokutya okuncinane okanye ngaphandle kwako wada waba uva intlungu yokufa.

8 Waza ngoku umntakwabo lowo wayeve intlungu yokufa, (kwaye igama lakhe lalinguNimra) waba nomsindo kuyise ngenxa yoko uyise wakwenzayo kumntakwabo.

9 Kwaye kwenzekile okokuba uNimra wahlanganisa kunye inani elincinci lamadoda, waza wasaba waphuma elizweni, waza wawelela ngaphesheya waza wahlala kunye no-Omeri.

10 Kwaye kwenzekile okokuba uAkhish wazala abanye oonyana, baza bazithabathekisa iintliziyo zabantu, nangona babefungile kuye ukwenza lonke uhlobo lobugwenxa ngokwaloo nto ayinqwenelayo.

11 Ngoku abantu baka-Akhish babenqwenela inzuzo, kwanjengokuba uAkhish wayenqwenela amandla; ngako oko, oonyana baka-Akhish baye babanika imali, ngayo loo ndlela bathi batsalela kubo inxalenye engakumbi yabantu yabalandela.

12 Kwaza kwaqalisa ukubakho kwemfazwe phakathi koonyana baka-Akhish noAkhish, eyathabatha kangangethuba leminyaka emininzi, ewe, ukuya kwintshabalalo yaphantse bonke abantu bobukumkani, ewe, kwanabo bonke, ngaphandle kokuba kube yimiphefumlo engamashumi amathathu, kwaye nabo basaba kunye nendlu kaOmeri.

13 Ngako oko, uOmeri wabuyiselwa kwakhona kwilizwe lelifa lakhe.

14 Kwaye kwenzekile okokuba uOmeri waqalisa ukwaluphala; nangona kunjalo, ebudaleni bakhe wazala uEmeri; waza wamthambisa uEmeri ukuba abe ngukumkani ukuze alawule esikhundleni sakhe.

15 Waza emva kokuba wathambisa uEmeri ukuba abe ngukumkani walubona uxolo elizweni kangangesithuba seminyaka emibini, waza wafa, ekubeni ebone iintsuku ezininzi ngokugqithisileyo, ezazizele lusizi. Kwaye kwenzekile okokuba uEmeri waye walawula esikhundleni sakhe, kwaye waye wanyathela emkhondweni kayise.

16 Yaza iNkosi yaqalisa kwakhona ukusithabatha isiqalekiso sasuka elizweni, yaza indlu kaEmeri yaphumelela ngokugqithisileyo phantsi kolawulo lukaEmeri; kwaye ngethuba lamashumi amathandathu anesibini eminyaka babesuke bomelela ngokugqithisileyo, kangangokuba basuka baba zizityebi ngokugqithisileyo—

17 Benazo zonke iintlobo zeziqhamo, nezeenkozo, nezesilika, nezelineni, nezegolide, nezesilivere, nezezinto ezixabisekileyo;

18 Kananjalo nalo lonke uhlobo lweenkomo, lweenkabi zenkomo, neemazi zenkomo, nezezimvu, nezeehagu, nezeebhokhwe, kananjalo neendidi ezininzi zezilwanyana ezaye ziluncedo ekutyeni kwabantu.

19 Kananjalo babenawo aamahashe, nama-esile, kwaye kwakukho neendlovu neekurelom neekhumom; zizonke zaziluncedo ebantwini, kwaye ngokungakumbi iindlovu neekurelom neekhumom.

20 Kwaye njalo iNkosi yaye yazithulula iintsikelelo phezu kwelizwe, elaye alikhethekile ngaphezu kwawo onke amanye amazwe; yaza yayalela okokuba nabani na oya kulilawula ilizwe makalilawulele eNkosini, okanye baya bkutshatyalaliswa xa sukuba bevuthelwe kubugwenxa; kuba kwabo banjalo, ithi iNkosi: Ndiya kuwuthulula umsindo wam opheleleyo.

21 Kwaye uEmeri waye wawisa isigwebo ngobulungisa yonke imihla yakhe, waza wazala oonyana neentombi; waza wazala uKoriyantam, waza wathambisa uKoriyantam ukuba alawule esikhundleni sakhe.

22 Waza emva kokuba ethambise uKoriyantam ukuba alawule esikhundleni sakhe waphila iminyaka emine, waza walubona uxolo elizweni; ewe, kwaye wabona kwa anoNyana woBulungisa, kwaye waye wagcoba kwaye wazuka ngomhla wakhe; waza wafela eluxolweni.

23 Kwaye kwenzekile okokuba uKoriyantam waye wahamba emikhondweni kayise, kwaye waye wakha izixeko ezininzi ezinkulu nezibalulekileyo, kwaye waye wabonelela ngokulungileyo kubo abantu bakhe ngayo yonke imihla yakhe. Kwaye kwenzekile okokuba akabanga nabantwana kwanokude abe woluphele ngokugqithisileyo.

24 Kwaye kwenzeka okokuba umfazi wakhe afe, ekubeni enekhulu elinambini leminyaka ubudala. Kwaye kwenzekile okokuba uKoriyantam wathabatha umfazi, ekwaluphaleni kwakhe, intombi eselula, waza wazala oonyana neentombi; ngako oko waphila wada wanekhulu elinamashumi amane anesibini eminyaka ubudala.

25 Kwaye kwenzekile okokuba wazala uKhom, waza uKhom walawula esikhundleni sakhe; kwaye walawula amashumi amane anesithoba eminyaka, waza wazala uHeti; waza naye kanjalo wazala abanye oonyana neentombi.

26 Kwaye abantu babenabele kwakhona phezu kwabo bonke ubuso belizwe, kwaza kwaqalisa kwakhona ukubakho inkohlakalo egqithisileyo kakhulu phezu kobuso belizwe, waza uHeti waqalisa ukuwamkela kwakhona ngokungxama amayelenqe afihlakeleyo akudala, ukuze atshabalalise uyise.

27 Kwaye kwenzekile okokuba waye wamsusa esikhundleni uyise, kuba wambulala ngelakhe ikrele; kwaye waye walawula esikhundleni sakhe.

28 Kwaye kwafika abaprofeti elizweni kwakhona, bememeza inguquko kubo—okokuba kufuneka bawulungiselele umendo weNkosi okanye kuya kuza isiqalekiso phezu kobuso belizwe; ewe, kwanokuba kuya kubakho indlala enkulu, ekuya kuthi kuyo batshatyalaliswe ukuba babengaguquki.

29 Kodwa abantu abawakholelwanga amazwi abaprofeti, kodwa babakhuphela ngaphandle; baza abanye babo babaphosa emihadini baza babashiya ukuze batshabalale. Kwaye kwenzekile okokuba bazenza zonke ezi zinto ngokomyalelo kakumkani, uHeti.

30 Kwaye kwenzekile okokuba kwaqalisa ukubakho kokunqaba kokutya phezu kwelizwe, baza abemi baqalisa ukutshabalala ngokukhawuleza okugqithisileyo ngenxa yokunqaba kokutya, kuba kwakungekho mvula phezu kobuso bomhlaba.

31 Kwaye kwafika iinyoka ezinobuhlungu kanjalo phezu kobuso belizwe, kwaye zaye zatyhefa abantu abaninzi. Kwaye kwenzekile okokuba imihlambi yabo yaqalisa ukusaba phambi kweenyoka ezinobuhlungu, zisiya ngakwilizwe elingasezantsi, elalibizwa ngamaNifayithi ngokuba ayiZarahemla.

32 Kwaye kwenzekile okokuba kwabakho abaninzi babo abathi bafela endleleni; nangona kunjalo, kwabakho abathile abasabela kulo ilizwe elingasemazantsi.

33 Kwaye kwenzekile okokuba iNkosi yaye yazibangela aiinyoka okokuba zingaphindi zibasukele, kodwa okokuba ziyithintele indlela ukuze abantu bangabinako ukudlula, ukuze nabani na oya kuzama ukudlula abe nokuwiswa ziinyoka ezinobuhlungu.

34 Kwaye kwenzekile okokuba abantu baye balandela umkhondo wezilwanyana, kwaye baye babimbithela izidumbu zazo ezaziwele ngasemendweni, bade bazibimbitha zonke. Ngoku bakuba abantu bebona okokuba kufuneka betshabalele baqalisa aukuguquka kubugwenxa babo baza bakhala kuyo iNkosi.

35 Kwaye kwenzekile okokuba bakuba abezithobe ngokwaneleyo phambi kweNkosi yaye yathumela imvula phezu kobuso bomhlaba; baza abantu baqalisa ukuvuseleleka kwakhona, kwaza kwaqalisa ukubakho iziqhamo kumazwe asemantla, nakuwo onke amazwe arhangqileyo. Kwaye iNkosi yaye yawabonakalisa amandla ayo kubo ngokubahlangula endlaleni.