Izibhalo
1 Nifayi 12


Isahluko 12

UNifayi ubona kumbono ilizwe lesithembiso; ubulungisa, ubugwenxa, kwaye nentshabalalo yabemi balo, ukuza kweMvana kaThixo phakathi kwabo; uhlobo abaFundi abaLishumi elinaMbini naBapostile abaLishumi elineSibini abaya kumgweba ngalo uSirayeli; nemo yokucekiseka nobunyhuku-nyhuku babo bathi baya buphelela ekungakholweni. Malunga 600–592 P.K.

1 Kwaye kwenzekile okokuba ingelosi ithi kum: Khangela, kwaye ubone imbewu yakho, kanjalo nembewu yabakhuluwa bakho. Ndaza ndakhangela ndabona ailizwe lesithembiso; ndaza ndabona izihlwele zabantu, ewe, ngokokude kubengathi ngamanani amaninzi kangangentlabathi yolwandle.

2 Kwaye kwenzekile okokuba ndiqaphele izihlwele zihlanganisene kunye ukulwa idabi, esinye ngokuchasene nesinye; ndaza ndaqaphela aiimfazwe, kwaye namarhe eemfazwe, nokuxhelana okukhulu ngekrele phakathi kwabantu bam.

3 Kwaye kwenzekile okokuba ndiqaphele izizukulwana ezininzi zidlula, ngokohlobo lweemfazwe neembambano elizweni; ndaza ndaqaphela izixeko ezininzi, ewe, kangangokuba andibanganako ukuzibala.

4 Kwaye kwenzekile okokuba ndibone ainkungu byobumnyama ebusweni belizwe lesithembiso; ndaza ndabona imibane, ndaze ndeva neendudumo, neenyikima, nazo zonke iintlobo zeziphithiphithi zeengxolo; ndaza ndawubona umhlaba namawa, okokuba akrazuka; ndaza ndabona iintaba zidilika zisiba ziingceba; ndaze ndabona amathafa omhlaba, okokuba ayecandekile; kwaye ndabona nezixeko ezininzi okokuba czazizikile; kwaye ndabona ezininzi okokuba zazitshiswe ngumlilo; kwaye ndabona ezininzi okokuba zadilikela emhlabeni ngenxa yokunyikima kwawo.

5 Kwaye kwenzekile emva kokuba ndibone ezi zinto, ndawubona aumphunga wobumnyama, okokuba waye wagqitha kubuso bomhlaba; kwaye qaphela, ndabona izihlwele ezithe azawa ngenxa yezigwebo ezikhulu nezoyikekayo zeNkosi.

6 Kwaye ndawabona amazulu evuleka, aneMvana kaThixo isehla iphuma ezulwini; yaza yehla yaza yazibonakalisa kubo.

7 Kwaye ndabona kanjalo kwaye ndinika ubungqina bokuba uMoya oyiNgcwele wehla phezu kwabanye aabalishumi elinambini, kwaye bamiswa nguThixo baze bonyulwa.

8 Yaza ingelosi yathetha nam, isithi: Qaphela abafundi abalishumi elinambini beMvana, abonyulwe ukuze balungiselele kuyo imbewu yakho.

9 Yaza yathi kum: Uyabakhumbula na aabapostile beMvana abalishumi elinambini? Qaphela ngabo abo abaya bkugweba izizwe ezilishumi elinambini zakwaSirayeli; ngako oko, abalishumi elinambini abalungiseleli bembewu yakho baya kugwetywa ngabo; kuba nina ningabendlu kaSirayeli.

10 Kwaye aba balungiseleli aabalishumi elinambini enibabonayo baya kugweba imbewu yakho. Kwaye, qaphela, bangamalungisa ngonaphakade; kuba ngenxa yokholo lwabo kuyo iMvana kaThixo biingubo zabo zenziwa mhlophe egazini layo.

11 Yaza ingelosi yathi kum: Khangela! Ndaza ndakhangela, ndaza ndabona aizizukulwana ezithathu zidlulela ebulungiseni; kwaye iingubo zazo zazimhlophe ngokokude zifane nezo zeMvana kaThixo: Yaza ingelosi yathi kum: Aba benziwe mhlophe egazini leMvana, ngenxa yokholo lwabo kuyo.

12 Ndaza mna, Nifayi, ndabona kanjalo abaninzi abesizukulwana sesine abathi badlulela ebulungiseni.

13 Kwaye kwenzekile okokuba ndibone izihlwele zomhlaba zihlanganisene kunye.

14 Yaza ingelosi yathi kum: Qaphela imbewu yakho, kwaye kanjalo nembewu yabakhuluwa bakho.

15 Kwaye kwenzekile okokuba ndikhangele ndaza ndabona abantu bembewu yam behlanganisene kunye bezizihlwele angokuchaseneyo nembewu yabakhuluwa bam; kwaye babehlanganisene kunye ukulwa idabi.

16 Yaza ingelosi yathetha nam, isithi: Qaphela umthombo wamanzi aanyhuku-nyhuku athe wawabona uyihlo; ewe, kwa nawo bumlambo awathi wathetha ngawo; nobunzulu bawo bubunzulu cbesihogo.

17 Kwaye aiinkungu zobumnyama zizihendo zomtyholi, bezimfamekisa amehlo, kwaye ziqaqadekise iintliziyo zabantwana babantu, zize zibakhokelele kude ckwiindlela eziphangaleleyo, ukuze batshabalale kwaye balahleke.

18 Kwaye aisakhiwo esikhulu nesiphangaleleyo, awathi wasibona uyihlo, bziingcinga zokuzingca kwaye cnekratshi labantwana babantu. Kwaye dumsantsa omkhulu nowoyikekayo uyabohlula; ewe, kwanalo ilizwi elobulungisa likaThixo waNaphakade, noMesiya oyiMvana kaThixo, othi uMoya oyiNgcwele unike ubungqina ngaye, ukususela ekuqalekeni kwehlabathi kude kube leli lixa, nokusuka kweli lixa ukuya phambili nangonaphakade.

19 Kwaye ngeli lixa ingelosi yathetha la mazwi, ndaqaphela kwaye ndabona ukuba imbewu yabakhuluwa bam yayinembambano nembewu yam, ngokwelizwi lengelosi; kwaye nangenxa yekratshi lembewu yam, anezihendo zomtyholi, ndaqaphela okokuba imbewu yabakhuluwa bam byabongamela abantu bembewu yam.

20 Kwaye kwenzekile okokuba ndaqaphela, ndabona abantu bembewu yabakhuluwa bam okokuba bayoyisa imbewu yam; kwaye babheka phambili bezizihlwele phezu kobuso bomhlaba.

21 Kwaye ndababona behlanganisene kunye bezizihlwele; kwaye ndabona aiimfazwe kwanamarhe eemfazwe phakathi kwabo; kwaye kwiimfazwe namarhe eemfazwe ndabona izizukulwana ezininzi zidlula.

22 Yaza ingelosi yathi kum: Qaphela aba baya kuya abephelela ekungakholweni.

23 Kwaye kwenzekile okokuba ndiqaphele, emva kokuba besiya bephelela ekungakholweni baba ngabantu aabantsundu, kwaye abacekisekayo, kwaye bbenyhuku-nyhuku, bezele cbubunqenerha kwanalo lonke uhlobo lwamasikizi.