Uncedo lweZifundo
GJS, UMarko 9


GJS, UMarko 9:3. Thelekisa noMarko 9:4

UYohane uMbhaptizi useNtabeni yoKwenziwa kuMila Kumbi.

3 Kwaye ke apho kwabonakala kubo uEliya noMoses, okanye ngamanye amazwi, uYohane uMbhaptizi noMoses; kwaye babethetha noYesu.

GJS, UMarko 9:40–48. Thelekisa noMarko 9:43–48

UYesu uthelekisa ukunqumla isandla esikhubekisayo okanye unyawo nokuphelisa ukumanyana okunokukhokelela oyedwa ekulahlekeni.

40 Ke ngoko, ukuba isandla sakho siyakukhubekisa, sinqamle; okanye ukuba umzalwana wakho uyakukhubekisa aze angazixeli kwaye alahle, uya kunqanyulwa. Kukulungele kanye ukungena ebomini usisilima, kunokuba uthi unezandla ezimbini, umke uye esihogweni.

41 Kuba kukulungele ukungena ebomini ngaphandle komzalwana wakho, kunokuba wena nomzalwana wakho niphoswe esihogweni; emlilweni ongasayi kucimeka, apho kumpethu zabo zingafiyo, nomlilo ongacinywayo.

42 Kwaye kwakhona, ukuba unyawo lwakho luthe lwakukhubekisa, lunqamle lona; kuba lowo ngumlinganiselo wakho, wena ohamba ngawo, ukuba uba ngumoni, uya kunqanyulwa.

43 Kukulungele kanye, ukungena usisiqhwala ebomini, kunokuba uthi uneenyawo zombini uphoselwe esihogweni; emlilweni ongasayi kucinywa.

44 Ke ngoko, vumela wonke ubani eme okanye awe, ngokwakhe, kwaye ingabi ngokomnye; okanye engathembanga omnye.

45 Quqelani kuBawo, kwaye kuya kwenziwa ngeloo xesha kanye oko niya kukucela, ukuba nicela ngokholo, nikholelwa ukuba niya kuyifumana.

46 Ke ukuba iliso lakho elikujongelayo, lona elonyulelwe ukuba likulinde likubonise ukukhanya, liba ngumoni kwaye likukhubekise, likhuphe lona.

47 Kukulungele kanye ukungena ebukumkanini bukaThixo, neliso elinye, kunokuba uthi unamehlo amabini uphoswe emlilweni wesihogo.

48 Kuba kukulungele kanye ube uya kusindiswa, kunokuba uthi uphoselwe esihogweni nomzalwana wakho, apho kumpethu zabo zingafiyo, nalapho umlilo ungacinywayo.