Uncedo lweZifundo
GJS, UMarko 14


GJS, UMarko 14:20–26. Thelekisa noMarko 14:22–25

UYesu uqalisa umthendeleko kuyo inkumbulo yomzimba negazi Lakhe.

20 Kwaye njengoko babesidla, uYesu wathabatha isonka waza wasisikelela, kwaye wasiqhekeza, waza wabanika, waza wathi, Thabathani, nize nidle.

21 Qaphelani, oku kokwenu emanikwenze ekukhumbuleni umzimba wam; kuba njengoko nisenza rhoqo oku niya kulikhumbula eli lixa endandikunye nani.

22 Kwaye ke wathabatha indebe, waza xa wayesenzae umbulelo, wayinikela kubo; baze basela kuyo bonke.

23 Kwaye wathi kubo, Esi sisikhumbuzo segazi lam elaphalala ngenxa yabaninzi, nomnqophiso omtsha endininika wona; kuba ngam niya kunika ubungqina kulo lonke ihlabathi.

24 Kwaye njengoko niwenza rhoqo lo mmiselo, niya kundikhumbula ngeli lixa ndandikunye nani ndaye ndasela nani kule ndebe, nkqu kwixesha lokugqibela ebufundisini bam.

25 Inene ndithi kuni, Koku niya kunika ubungqina; kuba andisayi kubuya ndisele esiqhameni somdiliya kunye nani, kude kube yiloo mini endiya kube ndisisela sisitsha ebukumkanini bukaThixo.

26 Kwaye ngoku babebuhlungu, kwaye ke bamlilela.

GJS, UMarko 14:36–38. Thelekisa noMarko 14:32–34

EGetsemane, nkqu abanye babaLishumi elineSibini abayiqiqi ngokuzeleyo indima kaYesu njengoMesiya.

36 Kwaye bafika kwindawo egama liyiGetsemane, eyayisisitiya; kwaye ke abafundi baqhiphuka umbilini, nokuba nokudandatheka kakhulu, nokukhalaza ezintliziyweni zabo, bemangalisiwe ukuba ingaba unguMesiya na.

37 Kwaye uYesu ezazi iintliziyo zabo, wathi kubafundi bakhe, Hlalani phantsi apha, ndikhe ndiye kuthandaza.

38 Kwaye ke wathabatha naye, uPetros, noYakobi, noYohane, uye wabakhalimela, kwaye wathi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha nize nilinde.