Uncedo lweZifundo
GJS, UMarko 3


GJS, UMarko 3:21–25. Thelekisa noMarko 3:28–30

UYesu uya kuxolela bonke aboni abaguqukayo ngaphandle kwabo banyelisa ngokuchasene noMoya oyiNgcwele.

21 Kwaye ngoko kweza amadoda athile kuye, emtyhola, esithi, Kutheni usamkela aboni nje, njengokuba wena usenza isiqu sakho uNyana kaThixo.

22 Kodwa wabaphendula kwaye wathi, Inene ndithi kuni, Zonke izono abantu abathe bazenza, xa beguquka, ziya kuxolelwa; kuba ndeza ukuze ndishumayele inguquko koonyana babantu.

23 Kwaye izinyeliso naziphi na abaya kunyelisa ngazo, ziya kuxolelwa kwabo beza kum, kwaye benze imisebenzi abandibona ndiyenza.

24 Kodwa kukho isono esingasayi kuxolelwa. Lowo uya kunyelisa ngokuchasene noMoya oyiNgcwele, akanaluxolelo; kodwa usengozini yokusikelwa phantsi ngaphandle kwehlabathi. Kwaye baya kufumana ilifa lomgwebo wanaphakade.

25 Kwaye oku wakuthetha kubo ngenxa yokuba bathi, Yena unomoya ongcolileyo.