Uncedo lweZifundo
GJS, UMarko 16


GJS, UMarko 16:3–6. Thelekisa noMarko 16:4–7; noLuka 24:2–4

Ingelosi ezimbini zibulisa abafazi engcwabeni loMsindisi.

3 Kodwa bathi bakukhangela, babona ukuba liqengqiwe lesuka ilitye, (kuba belilikhulu kakhulu,) kwaye ke iingelosi ezimbini zihleli kulo zizithe wambu ngeengubo ezinde ezimhlophe; baza baqhiphuka umbilini.

4 Kodwa iingelosi zathi kubo, Musani ukuqhiphuka umbilini; nifuna uYesu waseNazarete, obebethelelwe emnqamlezweni; uvukile; akakho apha; nantsi indawo ababembeke kuyo;

5 Kwaye ke hambani ke niye, nibaxelele abafundi bakhe noPetros, ukuthi uyanandulela ukuya kwelaseGalili; nombona khona apho njengokuba wayetshilo kuni.

6 Kwaye bona, bengena engcwabeni, babona indawo apho babeka uYesu.