Uncedo lweZifundo
GJS, ULuka 6


GJS, ULuka 6:29–30. Thelekisa noLuka 6:29–30

UYesu ufundisa okokuba kulunge ngakumbi ukunyamezela intshutshiso kunokusukuzana notshaba.

29 Kwaye kulowo ukubetha esidleleni, mnike kanjalo esinye; okanye, ngamanye amazwi, kulunge ngakumbi ukunikela esinye, kunokunyelisa kwakhona. Kwaye lowo uthabatha ingubo yakho, musa ukumalela ekubeni kanjalo ayithabathe ingubo yakho.

30 Kuba kulunge ngakumbi okokuba uyekele utshaba lwakho luthathe ezi zinto, kunokusukuzana nalo. Inene ndithi kuwe, UYihlo osemazulwini obona emfihlakalweni, uya kuzisa eso sikhohlakali sinye emgwebeni.