Uncedo lweZifundo
GJS, ULuka 21


GJS, ULuka 21:24–26. Thelekisa noLuka 21:25–26

UYesu uthetha ngeminye imiqondiso yokubuya Kwakhe.

24 Ngoku ezi zinto wazithetha kubo, ngokunxulumene nentshabalalo yeYerusalem. Kwaye ngoko abafundi bakhe bambuza, besithi, Mfundisi, sixelele ngokunxulumene nokuza kwakho?

25 Kwaye wabaphendula, waza wathi, Kwisizukulwana ekuya kuzalisekiswa kuso amaxesha abeeNtlanga aya kuzalisekiswa, kuya kubakho imiqondiso elangeni, nasenyangeni, nasezinkwenkwezini; naphezu komhlaba kubekho ukuxinzelelwa kweentlanga zinokuthingaza, njengomgqumo wolwandle namaza. Umhlaba kanjalo uya kuzanyazanyiswa, namanzi enzonzobila enkulu;

26 Iintliziyo zabantu ziya kuma ngenxa yoloyiko, nakukulindela ezo zinto ezizayo ehlabathini. Kuba amandla ezulu aya kuzanyazanyiswa.

GJS, ULuka 21:32. Thelekisa noLuka 21:32

Konke kuya kuzaliseka xa amaxesha abeeNtlanga ezalisekisiwe.

32 Inene ndithi kuni, esi sizukulwana, isizukulwana xa amaxesha abeeNtlanga ezalisekisiwe, akasayi kudlula ade abe onke azalisekisiwe.