Uncedo lweZifundo
GJS, ULuka 12


GJS, ULuka 12:9–12. Thelekisa noLuka 12:9–10; khangela kanjalo GJS, noMateyu 12:37–38 kuye I&M 132:26–27

UYesu uchaza ukuba unyeliso ngokuchasene noMoya oyiNgcwele aluyi kuxolelwa.

9 Kodwa lowo undikhanyelayo phambi kwabantu, uya kukhanyelwa phambi kwezithunywa zikaThixo.

10 Ngoku abafundi bakhe bakwazi okokuba wakuthetha oku, ngenxa yokuba babethethe ububi ngokuchasene naye phambi kwabantu; kuba babesoyika ukumvuma phambi kwabantu.

11 Kwaye ke babonisana phakathi kwabo, besithi, Uyazazi iintliziyo zethu, kwaye uthethe ngokugwetywa kwethu, kwaye ke asiyi kuxolelwa. Kodwa wabaphendula, kwaye ke wathi kubo,

12 Nabani na oya kuthetha ilizwi elichasene noNyana womntu, aze aguquke, uya kuxolelwa; kodwa kulowo owonyelisa uMoya oyiNgcwele, akayi kuxolelwa.

GJS, ULuka 12:41–57. Thelekisa noLuka 12:37–48

UYesu ufundisa okokuba abakhonzi Bakhe mabasoloko bekulungele ukuza Kwakhe.

41 Kuba, qaphela, iyeza ngowokuqala umlindo wobusuku, kwaye iya kuza kanjalo kowesibini umlindo, kwaye kwakhona iya kuza kowesithathu umlindo.

42 Kwaye inene ndithi kuni, Isele izile, njengoko kubhaliwe ngayo; kwaye kwakhona iya kuza ngowesibini umlindo, okanye ize ngowesithathu umlindo, banoyolo abo bakhonzi xa iya kuza, ize ibafumanise besenza njalo;

43 Kuba iNkosi yabo bakhonzi iya kuzibhinqisa, ize ibenze bahlale phantsi badle, kwaye iya kuza ngaphambili ize ibalungiselele.

44 Kwaye ngoku, inene ndithetha ezi zinto kuni, ukuze nibe nokwazi oku, ukuba ukuza kweNkosi kunjengesela ebusuku.

45 Kwaye ifanekiswa nomntu ongumninindlu, othi, ukuba akayilindanga impahla yakhe, isela lize ngelixa angalicingelanga, lize lithabathe iimpahla zakhe, lize lizohlule phakathi kwabalingane balo.

46 Kwaye bathi phakathi kwabo, Ukuba umntu olungileyo wendlu ebelazile ukuba leliphi ilixa isela eloza ngalo, ange elindile, aze angayekeli indlu yakhe igqojozwe nelahleko yezinto zakhe.

47 Kwaye wathi kubo, Inene ndithi kuni, nani ngoko yibani nilungile kanjalo; kuba uNyana womntu uza ngelixa eningalikhumbuleliyo.

48 Ngoko ke wathi uPetros kuye, Nkosi, lo mzekeliso uwuthetha kuthi, okanye kubo bonke?

49 Kwaye iNkosi yathi, ndiwuthetha kwabo iNkosi iya kubenza abalawuli phezu kwendlu yayo, ukuze inike abantwana bayo isohlulelo sabo sokudla ngexesha elifanelekileyo.

50 Kwaye bathi, Ngubani ngoko ke loo mkhonzi uthembekileyo nolumkileyo?

51 Kwaye iNkosi yathi kubo, Ngumkhonzi olindayo, aze anikele isohlulelo sakhe sokudla ngexesha elifanelekileyo.

52 Unoyolo loo mkhonzi eyothi yakufika iNkosi yakhe, imfumane, esenjenjalo.

53 Ngokwenyaniso ndithi kuni, okokuba iya kumenza umlawuli phezu kwako konke enako.

54 Kodwa umkhonzi onobubi ngulowo ungafunyenwanga elindile. Kwaye ukuba loo mkhonzi akafunyenwanga elindile, uya kuthi entliziyweni yakhe, INkosi yam iyakulibazisa ukuza kwayo; kwaye iya kuqalisa ukubetha abakhonzi, nabakhonzazana, baze badle, baze basele, baze banxile.

55 INkosi yaloo mkhonzi iya kuza ngemini angayilindeleyo, nangelixa angalaziyo, ize imnqumele phantsi, kwaye iya kumisela isabelo sakhe nabangakholwanga.

56 Kwaye loo mkhonzi ubekwazi ukuthanda kweNkosi yakhe, waza akalungiselela ukuza kweNkosi yakhe, akenza ngokuthanda kwayo, uya kutyatyulwa ngemivumbo emininzi.

57 Kodwa lowo ebengazi ntando yaNkosi yakhe, kwaye engenzanga ngokufanele imivumba, uya kutyatyulwa ibe mbalwa. Kuba kubo bonke abanikwe okukhulu, kuya kufunwa okukhulu kubo; nakulowo iNkosi ibeke okukhulu, kuye abantu baya kubiza okungaphezulu.