Uncedo lweZifundo
GJS, ULuka 17


GJS, ULuka 17:21. Thelekisa noLuka 17:20–21

Ubukumkani bukaThixo sebufikile.

21 Bengasayi kuthi, Yabonani, apha! okanye, Yabonani, phaya! Kuba, qaphelani, ubukumkani bukaThixo sele bufikile kuni.

GJS, ULuka 17:36–40. Thelekisa noLuka 17:37

UYesu ubalisa umzekeliso wamaxhalanga ukucacisa ukuhlanganiswa kwabaNgcwele Bakhe ngemihla yokugqibela.

36 Kwaye baphendula kwaye bathi kuye, Nkosi, baya kusiwa phi?

37 Kwaye wathi kubo, Apho sikhona umzimba; okanye, ngamanye amazwi naphina, apho abangcwele bahlanganisana khona, kulapho aya kuhlanganiswa kunye amaxhalanga; okanye, kulapho intsalela iya kuhlanganisana kunye.

38 Oku wakuthetha, eqondisa ukuhlanganiswa kwabangcwele bakhe; nangeengelosi zisehla kwaye zihlanganisela intsalela kubo; omnye emandlalweni, omnye ekusileni, nomnye entsimini, nabani na onqwenayo.

39 Kuba inene kuya kubakho amazulu amatsha, nomhlaba omtsha, apho kumi ubulungisa.

40 Kwaye akuyi kubakho nto engacocekanga; kuba umhlaba usiya uguga, nkqu njengesambatho, usiba nokwanda ekonakaleni, ngako oko uthi shwaka, size isihlalo seenyawo sihlale singcwalisiwe, sicocwe kuso sonke isono.