Uncedo lweZifundo
8. Khaya likaJohn Johnson


8. Khaya likaJohn Johnson

Umfanekiso
ifoto 8

Ikhaya likaJohn noAlice Johnson lalime eHiram, eOhio. Eli gumbi likumgangatho wesibini.

Izehlo eziBalulekileyo: UMprofeti uJoseph Smith nomfazi wakhe, uEmma, babehlala kweli khaya. UJoseph noSidney Rigdon bafumana umbono ongumangaliso wamaqondo obuqaqawuli bekho nabanye abahlukeneyo ngoFebruwari 16, 1832 (I&M 76). UMprofeti uJoseph kanjalo wasebenza kuGuqulelo lweBhayibhile lukaJoseph Smith (GJS) kweli khaya. Ngobusuku bukaMatshi 24, 1832, ngethuba uJoseph noEmma babehlala apha, iqela lezaphuli-mthetho lokreqo nabachasi-ziMormoni labetha ngokumandla kwaye babagalela itela neentsiba uJoseph noSidney.