Uncedo lweZifundo
17. IMfuduko eya eNtshonalanga


17. IMfuduko eya eNtshonalanga

Umfanekiso
ifoto 17

Ukuqaleka kwemfuduko yaseNauvoo, eIllinois, kwakucetywe ngoMatshi–Aprili, kodwa ngenxa yezoyikiso zeqela lezaphuli-mthetho uMongameli uBrigham Young walawula loo mfuduko yabaNgcwele ukuwela uMlambo iMississippi iqale ngoFebruwari 4, 1846. UMongameli Young washiyeka ngasemva elungiselela iziphiwo zabaNgcwele kwaye akazange ayishiye iNauvoo kwada kwaba phakathi kuFebruwari.

Izehlo eziBalulekileyo: Phambi kokufa kwakhe uMprofeti uJoseph Smith waprofetha, “Abanye benu baya kuphila baze bahambe ukuze bancedise ekwenzeni iindawo zokuhlala nasekwakheni izixeko baze babone abaNgcwele beba ngabantu abanamandlakazi phakathi kweRocky Mountains.” Phantse abaNgcwele abangama-12,000 bemka eNauvoo ukusuka kuFebruwari ukuya kuSeptemba 1846. Emva kokuba abaNgcwele bemka eWinter Quarters baza kamva ezindaweni, balungiswa bangamaqela angamashumi, amashumi amahlanu, nawamakhulu, phantsi komphathi qela (I&M 136:3). NgoSeptemba 1846 iqela lezaphuli-mthetho elalimalunga namadoda angama-800 neenkanunu ezintandathu langqinga iNauvoo. Emva kweentsuku eziliqela zokulwa, abaNgcwele abaseleyo banyanzeleka banikezele ukuze kusindiseke ubomi babo baze bazuze nethuba lokuwela umlambo. Amadoda amahlanu ukuya kumakhulu amathandathu, abafazi, nabantwana bawela umlambo baza benza inkampu eludongeni lomlambo. UMongameli uBrigham Young wathumela amaqela ohlangulo nezibonelelo ukufudusa aba “baNgcwele bahluphekileyo.”