Uncedo lweZifundo
3. INdlu eyaKhiwe ngeZiqu zeMithi kaJoseph Smith Omkhu.


3. INdlu eyaKhiwe ngeZiqu zeMithi kaJoseph Smith Omkhu.

Umfanekiso
ifoto 3

Umfanekiso wekhaya likaJoseph Smith Omkhu., lakhiwa kwisiza sendlu yokuqala kufutshane ePalmyra, eNew York. Usapho lakwaSmith lwakha ikhaya lokuqala elinomgangatho 1½ elenziwe ngeziqu ezigawuliweyo zemithi kungekudala emva kokuba befikile ePalmyra. Usapho lwahlala apha ukususela kowe-1819 ukuya kowe-1825.

Izehlo eziBalulekileyo: UMprofeti uJoseph Smith wafunda nzulu iBhayibhile kule ndlu njengoko wayezama ukufunda ngokuba lalileliphi ibandla elalilungile (M—JS 1:11–13). UMoronayi wabonakala kuJoseph kwaye wamxelela ngamacwecwe eNcwadi kaMormoni (M—JS 1:30–47).