Uncedo lweZifundo
4. Shicilelo lukaGrandin neVenkile yokuShicilela


4. Shicilelo lukaGrandin neVenkile yokuShicilela

Umfanekiso
ifoto 4

Ivenkile yokushicilela eyabuyiselwayo kaEgbert B. Grandin ePalmyra, eNew York, apho uhlelo lokuqala lweNcwadi kaMormoni lwapapashwa khona ngowe-1830. UMartin Harris wabambisa ngefama yakhe waza wathengisa inxenye yayo ukuze ahlawule indleko yokushicilela iikopi ezi-5,000 eeNcwadi zikaMormoni. Udityaniso loonobumba abaza kushicilelwa lwaqaliswa ngoAgasti 1829, zaza iikopi ezigqityiweyo zafumaneka ngowa-26 Matshi 1830.

Isehlo esiBalulekileyo: UMartin Harris wayeyalelwe ukuba anikise ngokukhululekileyo ngepropathi yakhe ukuze ahlawule ityala lokushicilela iNcwadi kaMormoni (I&M 19:26–35).