Izibhalo
UBungqina baMangqina asiBhozo


UBungqina baMangqina asiBhozo

Makwazeke kuzo zonke izizwe, izalamane, iilwimi, nabantu, abo oya kuthi lo msebenzi ufike kubo: Okokuba uJoseph Smith, Omnci., umguquli walo msebenzi, usibonisile amacwecwe esekuthethwe ngawo, anenkangeleko yegolide; kwaye ngobuninzi bawo amasebe awaguquleyo uSmith esekuthethwe ngaye sibe nokuwaphatha ngezandla zethu; saza sayibona nayo imikrolo leyo, iyonke inenkangeleko yomsebenzi wamandulo, nomsebenzi ocikizekileyo. Kwaye ngako oku sinika ubungqina ngamazwi azolileyo, bokokuba uSmith esekuthethwe ngaye usibonisile, kuba siwabonile sawaphakamisa, kwaye siyazi ngokuqinisekileyo ukuba uSmith esekuthethwe ngaye unawo amacwecwe esithethileyo ngawo. Kwaye sinika amagama ethu ehlabathini, ukuze singqine ehlabathini oko sithe sakubona. Kwaye asixoki, uThixo engqina ngako oku.

Christian Whitmer

Jacob Whitmer

Peter Whitmer, Omnci.

John Whitmer

Hiram Page

Joseph Smith, Omkhu.

Hyrum Smith

Samuel H. Smith