2021
Ilizwi LoBulumko
EyeThupha 2021


“Ilizwi LoBulumko,” Umhlobo, EyeThupha 2021.

UMyalezo wangeNyanga Umhlobo, EyeThupha 2021.

Ilizwi LoBulumko

Umfanekiso
UJoseph Smith ufundisa iqela lamadoda

UJoseph Smith wayebamba iintlanganiso zokufundisa abantu ngevangeli. Ngamanye amaxesha amadoda ayetshaya kwaye ahlafune icuba.

Umfanekiso
UJoseph no–Emma Smith

Oku kwakumkhathaza u–Emma Smith. Umsi kunye necuba zazisenza ubumdaka obukhulu, kwaye into yayingavakali kakuhle ngoko. U-Emma noJoseph bazibuza ukuba uziva njani uThixo ngale nto.

Umfanekiso
UJoseph Smith uyathandaza

UJoseph wathandaza, kwaye yaphendula iNkosi. INkosi yalumkisa amalungu eBandla ngokutshaya nangecuba. Yathi azilungelanga imizimba yethu. Wabalumkisa nangokusela iti, nekofu kunye notywala.

Umfanekiso
imifuno

UThixo wathi masitye iziqhamo, nemifuno, kunye nokunye ukutya okusempilweni. Ezi mfundiso sizibiza ngokuba liLizwi loBulumko.

Umfanekiso
intombazana iyatya

Ndingaliphila ILizwi LoBulumko. UBawo oseZulwini uya kundisikelela njengoko ndikhathalela umzimba wam.

Iphepha lokufakela Imibala

Ndiyakwazi ukuKhathalela uMzimba Wam

Umfanekiso
abantwana abatsiba uqgaphu

Wenza ntoni ukukhathalela umzimba wakho?

Cofa kumfanekiso ukuze ukhuphele.

Umzobo ngu-Apryl Stott