“Ilizwi LoBulumko,” Umhlobo, EyeThupha 2021.
UMyalezo wangeNyanga Umhlobo, EyeThupha 2021.
Ilizwi LoBulumko
UJoseph Smith wayebamba iintlanganiso zokufundisa abantu ngevangeli. Ngamanye amaxesha amadoda ayetshaya kwaye ahlafune icuba.
Oku kwakumkhathaza u–Emma Smith. Umsi kunye necuba zazisenza ubumdaka obukhulu, kwaye into yayingavakali kakuhle ngoko. U-Emma noJoseph bazibuza ukuba uziva njani uThixo ngale nto.
UJoseph wathandaza, kwaye yaphendula iNkosi. INkosi yalumkisa amalungu eBandla ngokutshaya nangecuba. Yathi azilungelanga imizimba yethu. Wabalumkisa nangokusela iti, nekofu kunye notywala.
UThixo wathi masitye iziqhamo, nemifuno, kunye nokunye ukutya okusempilweni. Ezi mfundiso sizibiza ngokuba liLizwi loBulumko.
Ndingaliphila ILizwi LoBulumko. UBawo oseZulwini uya kundisikelela njengoko ndikhathalela umzimba wam.
© 2021 yi Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe e-USA. Isivumelo sesiNgesi: 6/19. Isivumelo senguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly Friend Message, August 2021. Xhosa. 17471 774