2021
UBubingeleli bungaMandla kaThixo
EyeThupha 2021


“UBubingeleli bungaMandla kaThixo,” Liyahona, EyeThupha 2021

UMyalezo wangeNyanga weLiyahona, EyeThupha 2021

UBubingeleli bungaMandla kaThixo

UThixo usisikelela ngamandla obubingeleli. Iintsikelelo zobubingeleli ziyafumaneka kuye wonke umntu.

Ububingeleli bungamandla kaThixo. Usebenzisa la mandla ukusikelela bonke abantwana baKhe kwaye nokubanceda babuyele bayokuphila naYe. UThixo unike amandla obubingeleli kubantwana baKhe emhlabeni. Ngala mandla, iinkokheli zobubingeleli zingakhokela iBandla, kwaye abaphathi bobubingeleli banokwenza imimiselo engcwele, efana nobhaptizo, esinceda ukuba sisondele kuThixo. Yonke indoda nomfazi abafumana ngokufanelekileyo imimiselo yobubingeleli kwaye bagcine iminqophiso (izithembiso ezingcwele) bayafikelela kumandla kaThixo.

Umfanekiso
umthendeleko

Amandla oBubingeleli Anikwa uJoseph Smith

Xa uYesu Krestu wayesemhlabeni, Yena wayekhokela iBandla laKhe ngamandla obubingeleli. Wanika la mandla kubaPostile baKhe. Kwiinkulungwane emva kokuba beswelekile, amalungu amaninzi akreqa eBandleni. Aye atshintsha ngokungalunganga ivangeli kwakunye nendlela iBandla elalisebenza ngayo. Ububingeleli bukaThixo babungasekho emhlabeni. Ngo–1829, uYesu wathumela uYohane uMbhaptizi kunye nabaPostile uPetros, noYakobi, kunye noYohane ukuba banike uJoseph Smith ububingeleli. IBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela kuphela kombutho emhlabeni oneligunya elivela kuThixo.

Umfanekiso
ubuyiselo loBubingeleli bukaMelkitsedeke

The Voice of Peter, James, and John (Ilizwi likaPetros, noYakobi kunye noYohane), nguLinda Curley Christensen noMichael T. Malm

Izitshixo zoBubingeleli

Izitshixo zobubingeleli ziligunya lokukhokela ukusetyenziswa kobubingeleli, okufana nokunika imvume yokwenza imimiselo. UYesu Krestu ubambe zonke izitshixo zobubingeleli. UMongameli weBandla nguye kuphela umntu emhlabeni onokuthi asebenzise izitshixo zobubingeleli ukukhokela iBandla liphela. Ngaphantsi kolawulo lwakhe, abanye banokusebenzisa izitshixo ezithile ukwenza umsebenzi kaThixo. Iinkokheli ezinjengoobhishophu kunye nabongameli beengqokelela zamasebe basebenzisa izitshixo zobubingeleli ukukhokela emasebeni abo nakwiingqokelela zamasebe abo. Ngenxa yokuba ubizo lokuncedisa luvela kwiinkokheli ezinezitshixo zobubingeleli, amadoda nabafazi abasebenza kubizo basebenzisa igunya lobubingeleli njengoko besenza imisebenzi yabo.

UBubingeleli bukaMelkitsedeke kunye noBubingeleli buka-Aroni

Ububingeleli bunamacandelo amabini: UBubingeleli bukaMelkitsedeke noBubingeleli buka-Aron. NgoBubingeleli bukaMelkitsedeke, iinkokheli zeBandla zikhokela wonke umsebenzi wokomoya weBandla, ofana nomsebenzi wobufundisi kunye nowasetempileni. UBubingeleli buka-Aron busebenza phantsi kwegunya loBubingeleli bukaMelkitsedeke. Busetyenziselwa ukwenza imimiselo efana nokubhaptizwa kunye nomthendeleko.

Umfanekiso
ubhaptizo

Iintsikelelo zoBubingeleli

Ngeminqophiso nangemimiselo, uThixo wenza iintsikelelo zobubingeleli ukuba zifumaneke kubo bonke abantwana baKhe. Ezi ntsikelelo zibandakanya ubhaptizo, isipho soMoya oyiNgcwele, umthendeleko, kunye nemimiselo yasetempileni. Amadoda nabafazi abafumene izipho ezizezabo etempileni bafumana isipho samandla obubingeleli bukaThixo ngeminqophiso yabo. Singafumana kwakhona iintsikelelo zobubingeleli zempiliso, zentuthuzelo, kunye nenkokhelo.

Umfanekiso
abatshatileyo abatsha etempileni

Ingaba Zithini IziBhalo Ezingcwele malunga noBubingeleli?

Ububingeleli obabukho kwimihla yakudala buyafana nobu bukhona ngoku (bona Moses 6:7).

Izitshixo zobubingeleli ziyanceda ukuqinisekisa ukuba siyawufeza umsebenzi weNkosi ngendlela enocwangco (bona IMfundiso neMinqophiso 42:11).

Amadoda awabamba ububingeleli angabusebenzisa “kuphela phezu kwezilawuli zobulungisa” (IMfundiso neMinqophiso 121:36).

Eminye yemisebenzi yabo babamba ububingeleli ichaziwe kwi–IMfundiso neMinqophiso 20:38–67.