2021
UBubingeleli bukaThixo
EyeThupha 2021


“UBubingeleli bukaThixo,” Kwenzelwe Ukomelezwa KoLutsha, EyeThupha 2021, 20–21.

UMyalezo wangeNyanga Kwenzelwe Ukomelezwa KoLutsha EyeThupha 2021

UBubingeleli bukaThixo

IMfundiso neMinqophiso 84

Into ulutsha lonke ekufuneka luyazi malunga nobubingeleli kunye nonxibelelano lwalo kubo.

Umfanekiso
ulutsha

Ingaba ukhe waqaphela ukuba kunokudideka njani xa igama elinye lisetyenziswe ngeendlela ezimbini? Umzekelo, esiNgesini igama earth (umhlaba) libhekisa kwiplanethi esihlala kuyo nakubumdaka obuphantsi kweenyawo zethu. Zombini zichanekile, kodwa into oyithethayo xa usebenzisa igama ixhomekeke kwinto othetha ngayo ngalo mzuzu. Ukwenza ukudideka ngakumbi, xa earth (umhlaba) uthetha iplanethi yethu, ikwabandakanya umbono wobumdaka, kuba ubumdaka bukwiplanethi.

Ukuchaza igama Ububingeleli

Elinye igama esilisebenzisa eBandleni ngeendlela ezimbini bububingeleli. Eli gama libhekisa kumandla apheleleyo negunya likaThixo. Nangona kunjalo, sikwasebenzisa ububingeleli ngendlela eqingqiweyo—ukubhekisa “kumandla negunya uThixo alinika ababambi bobubingeleli abamiselweyo ukuba basebenze kuzo zonke izinto eziyimfuneko ekusindisweni kwabantwana bakaThixo.”1

Ububingeleli obunikwe indoda ayingawo onke amandla kaThixo. Itshathi elandelayo ibonisa le ngongoma.

Kule tshathi ubona eminye yemizekelo yamandla kaThixo, awangenasiphelo kwaye awangenamida. Ngaphakathi kwawo, ukwabona imizekelo yamandla kunye negunya lobubingeleli bukaThixo Yena abudlulisela, okanye abunika, amadoda awafanelekileyo ukuba asebenze kwiBandla likaKrestu.

Imizekelo yeGunya lobuBingeleli eBomini baKho

Zonke iintsikelelo zobubingeleli ziyafumaneka kuzo zonke iintombi noonyana abathandekayo bakaBawo waseZulwini. Uluhlu lwesibini lubonisa nje ezo ntsikelelo ziza kuwe ngomntu onezitshixo zobubingeleli okanye onikwe igunya lobubingeleli.

Olu lucwangco uThixo alusekele uqulunqo kunye nolawulo lweBandla laKhe emhlabeni. Eminye imizekelo yegunya lobubingeleli bukaThixo ibandakanya abadikoni okanye umongameli wequmrhu labafundisi onezitshixo zokukhokela umsebenzi wequmrhu lakhe, iintsikelelo zikabawo ezinikezelwa ekhaya, kunye nemimiselo neminqophiso yasetempileni.

Amadoda, Abafazi, kunye noBubingeleli

Nangona ukumiselwa kwi–ofisi yobubingeleli kunikezelwa emadodeni kuphela, uMongameli Dallin H. Oaks, uMcebisi wokuQala kuBongameli bokuQala, ucacisile umgaqo obalulekileyo: “Ububingeleli ngamandla asulungekileyo negunya eligcinwe ethembeni lokusetyenziswa kumsebenzi kaThixo ukulungiselela isibonelelo sabo bonke abantwana baKhe. Ububingeleli asingabo abo bamiselwe kwi–ofisi yobubingeleli okanye abo basebenzisa igunya labo. Amadoda awabamba ububingeleli awabubo ububingeleli. … Asifanelanga ukubhekisa kumadoda amiselweyo njengobubingeleli.2

Nangona abafazi bengamiselwa ebubingelelini, uMongameli Russell M. Nelson wacacisa, “xa ubekelwa bucala ukuba usebenze kubizo phantsi kolawulo lomntu ophethe izitshixo zobubingeleli … unikwa igunya lobubingeleli lokuba lisebenze kolo bizo.” Eminye imizekelo ibandakanyeka abongameli beeklasi zamaNtombazana Amancincane, oodade bevangeli abashumayela ivangeli, iinkokheli emasebeni nakwiingqokelela zamasebe ezibekelwe bucala ukuba zifundise kwaye zikhokele, kunye nabasebenzi bemimiselo abasetempileni.

Amandla oBubingeleli Asikelela Wonke uMntu

Iintsikelelo enizifumanayo nina bafana namantombanzana amancinane zezenu ngeminqophiso eniyenzayo xa nibhaptizwa kunye neminqophiso eniya kuyenza etempileni. Nokokuba awunaye umbambi wobubingeleli ekhayeni lakho, usenokusikelelwa ngamandla kaThixo obubingeleli ebomini bakho njengoko ugcina iminqophiso oyenzileyo kunye naYe (bona 1 Nifayi 14:14).

Njengoko siphila ngokweminqophiso yethu, sifumana iintsikelelo ezisomelezayo kunye nezisisikelelayo. Siyakumema ukuba uzikise ukucinga ngeentsikelelo zobubingeleli ebomini bakho—iintsikelelo eziza ngenxa yamandla obubingeleli bukaThixo obungapheliyo kunye nezo ziza ngokukodwa ngegunya lobubingeleli elinikwe kwaye lagunyaziswa eBandleni likaThixo.

Izikhumbuzo

  1. Dale G. Renlund and Ruth Lybbert Renlund, The Melchizedek Priesthood: Understanding the Doctrine, Living the Principles (2018), 11.

  2. Dallin H. Oaks, “The Melchizedek Priesthood and the Keys,” Tshazimpunzi 2020 kwinkomfa yajikelele (Ensign okanye Liyahona, Canzibe 2020, 69).

  3. President M. Nelson, “Spiritual Treasures,” EyeDwarha 2019 inkomfa yajikelele (Ensign okanye Liyahona, EyeNkanga. 2019, 78).