Izibhalo
UBungqina baMangqina amaThathu


UBungqina baMangqina amaThathu

Makwazeke kuzo zonke izizwe, izalamane, iilwimi, nabantu, abo oya kuthi lo msebenzi ufike kubo: Ukuba thina, ngobabalo lukaThixo uBawo, neNkosi yethu uYesu Krestu, siwabonile amacwecwe aqulethe le mbali, eyimbali yabantu bakaNifayi, kanjalo neyamaLeymenayithi, abazalwana babo, kanjalo neyabantu bakaYerede, ababevela kwinkcochoyi ebe kuthethwe ngayo. Kwaye siyazi kanjalo okokuba aguqulwa ngesipho nangamandla kaThixo, kuba izwi lakhe layibhengeza kuthi; ngako oko siyazi ngokuqinisekileyo okokuba umsebenzi uyinyani. Kwaye siyangqina kanjalo okokuba siyibonile imikrolo ephezu kwamacwecwe; kwaye iboniswe kuthi ngamandla kaThixo, kwaye ingengawo awabantu. Kwaye sivakalisa ngamazwi azolileyo, okokuba ingelosi kaThixo yehla yeza ivela ezulwini, kwaye yawazisa yawabeka phambi kwamehlo ethu, ukuze siwabone amacwecwe, kwaye nemikrolo ekuwo; kwaye siyazi okokuba kungobabalo lukaThixo uBawo, nolweNkosi yethu uYesu Krestu, ukuba sibone kwaye sinike ubungqina bokuba ezi zinto ziyinyani. Kwaye kungummangaliso emehlweni ethu. Nangona kunjalo, izwi leNkosi lasiyalela ukuba maze sinike ubungqina ngayo, ngako oko, sibe nokuthobela imiyalelo kaThixo, sinika ubungqina ngazo ezi zinto. Kwaye siyazi okokuba sinyanisekile kuKrestu, siya kulihlamba igazi labo bonke abantu kwizambatho zethu, size sifumaneke singenachaphaza phambi kwesihlalo-somgwebo sikaKrestu, kwaye siya kuhlala naye ngonaphakade emazulwini. Kwaye uzuko malube kuYise, nakuye uNyana, nakuye uMoya oyiNgcwele, abanguThixo omnye. Amen.

Oliver Cowdery

David Whitmer

Martin Harris