Isalathiso seemaphu sinako ukukunceda ufumane indawo ethile emaphini. Ungeniso ngalunye lubandakanya inombolo yemaphu elandelwa luthungelwano emaphini lwesalathiso olwenziwe ngodityaniso loonobumba namanani. Umzekelo, ukufakwa kukaRabha (Aman) kwimaphu yokuqala kudweliswe nje 1:D5—oko kukuthi, imaphu 1, isikwere D5. Unako ukufumana izikwere ezizodwa kwimaphu nganye ngokukhangela kwizilungelelanisi kumphezulu necala laloo maphu. Amagama angamanye eendawo adwelisiwe kwizigweqe; umzekelo, Rabha (Aman). Uphawu lombuzo olulandela igama labonisa ukuba loo ndawo iboniswe emaphini iyiyo okanye mhlawumbi ke ayikathi iqiniseke.