IMbonakalo Jikelele neSitshixo
Imida ekwimaphu engezantsi ibonisa incam yeemaphu ngazinye ezinomboliweyo ezilandelayo. Ezi maphu zineengingqi ezinkulu njengemimandla yezelizwe engqanyaniswe ngokucutheneyo.
Okulandelayo sisitshixo ukuze uqonde imiqondiso eyahlukeneyo neentlobo ezinye zoonobumba ezisetyenziswe kwiimaphu. Ukongeza, iimaphu ezizodwa zinokuqulatha izitshixo ezineenkcazelo zemiqondiso eyongezelelweyo ngokuphathelele kuloo maphu ithile.
- ●
-
Ichokoza elibomvu limele isixeko okanye idolophu.
- ▲
-
Unxantathu omncinane omnyama umele intaba.
- ULwandle oluFileyo
-
Olu hlobo lunye loonobumba lusetyenziselwa ukuphawula iindawo zejografi, ezinje ngeelwandle, imilambo, iintaba, iintlango, neziqithi.
- IYerusalem
-
Olu hlobo lunye loonobumba lusetyenziselwa izixeko needolophu (neendawo ezicacisiweyo kwimaphu yesixeko saseYerusalem.)
- MOWABHI
-
Olu hlobo lunye loonobumba lusetyenziselwa izahlulo zopolitiko ezinjengeengingqi, abantu, neentlanga.
- Yuda
-
Olu hlobo lunye loonobumba lusetyenziselwa izahlulo zopolitiko ezikhulu ngakumbi, ezinje ngezikumkani eziqulathe amanye amazwe nezizwe.