Uncedo lweZifundo
11. ILizwe eliNgcwele ngamaXesha eTestamente eNtsha


11. ILizwe eliNgcwele ngamaXesha eTestamente eNtsha

Umfanekiso
Imaphu yeBhayibhile 11

Mn

Isitshixo

Imida yopolitiki

Tsidon

Abhilene

Sarepta

IiNtaba zaseLebhanon

Damasko

Lithani

Aram

Ntaba Hermon

Farpare

Tire

Fonishiya

Kesareya Filipi

Ntlambo iHule

GaliliI

Tolimayi (Ako)

Korazin

Bhetesayida

Kapernahum

Kishon

Kana

Magadala

Lwandle lwaseGalili (Kinerete)

Ntaba Karmele

Nazarete

Tibheriya

Ntaba Tabhore

Yarmuki

Nayin

Gadara

Kesareya

Ntaba Gilibhowa

Dekapoli

Samari

Salim?

Samari

Enon?

Thafa laseSharon

Sikare

Ntaba Ebhali

Yabhoki

Yafo

Ntaba Gerizim

Arimati?

Ayalon

Bheteli

Mlambo iYordan

Periya

Filadelfi

Yeriko

Lwandle oluKhulu (Lwandle iMedithera)

Azoto

Soreki

Emawusi

Bhetabhara

Yerusalem

Ntaba yeMinquma

Bhetefage

Bhetani

Khumran

Mathafa akwaMowabhi

Ntaba Nebho

Askeloni

Ela

Bhetelehem

Yuda

Gaza

Hebron

Makayerasi

Gerare

Edom

Lwandle oluFileyo

Arnon

Bhesore

Bher-shebha

Masada

Ntlango yakwaYuda

Nabhatayiya

Zerede

IiKhilomitha

0 20 40 60

A B C D

1 2 3 4 5 6 7 8

1

1

2

2

3

4

5

6

7

8

9

10

11

12

13

14

15

16

17

  1. Tire neTsidon UYesu wathelekisa iKorazin neBhetesayida neTire kwiTsidon (Mat. 11:20–22). Waphilisa intombi yomfazi oyiNtlanga (Mat. 15:21–28).

  2. Ntaba yoKumila Kumbi UYesu wenziwa kumila kumbi phambi koPetros, uYakobi, noYohane, kwaye bafumana izitshixo zobukumkani (Mat. 17:1–13). (Abanye bakholelwa ukuba iNtaba yoKumila Kumbi ukuba yiNtaba iHermon; abanye bakholelwa ukuba yiNtaba iTabhore.)

  3. Kesareya Filipi UPetros wangqina ukuba uYesu unguKrestu kwaye wathenjiswa izitshixo zobukumkani (Mat. 16:13–20). UYesu waxela ngaphambili ukufa Kwakhe novuko (Mat. 16:21–28).

  4. Ngingqi yaseGalili UYesu wachitha elona xesha lininzi lobomi Bakhe nobufundisi eGalili (Mat. 4:23–25). Apha Yena wanika iNtshumayelo yaseNtabeni (Mat. 5–7); waphilisa oneqhenqa (Mat. 8:1–4); kwaye wonyula, wamisela, waza wathumela phambili aBapostile abaLishumi elineSibini, kubo kuphela nguYuda Sikariyoti ekwakucacile ukuba wayengenguye umGalili (Marko 3:13–19). EGalili uKrestu ovukileyo wabonakala kuBapostile (Mat. 28:16–20).

  5. Lwandle lwaseGalili, kamva kwathiwa luLwandle lwaseTibhereya UYesu wafundisa esemkhombeni kaPetros (Luka 5:1–3) waza wabiza uPetros, uAndreya, uYakobi, noYohane ukuba babe ngabalobi babantu (Mat. 4:18–22; Luka 5:1–11). Kanjalo wazolisa uqhwithela (Luka 8:22–25), wafundisa imizekeliso esemkhombeni (Mat. 13), wahamba phezu kolwandle (Mat. 14:22–32), kwaye wabonakala kubafundi Bakhe emva koVuko Lwakhe (Yoh. 21).

  6. Bhetesayida UPetros, uAndreya, noFilipu babezalelwe eBhetesayida (Yoh. 1:44). UYesu waya kude ngasese naBapostile kufutshane neBhetesayida. Indimbane yamlandela, waza Yena wadlisa ama-5,000 (Luka 9:10–17; Yoh. 6:1–14). Apha uYesu waphilisa indoda eyimfama (Marko 8:22–26).

  7. Karpenahum Eli yayilikhaya likaPetros (Mat. 8:5, 14). EKarpenahum, uMateyu awayibiza ukuba “sisixeko esisesakhe,” uYesu waphilisa onedumbe (Mat. 9:1–7; Marko 2:1–12), waphilisa isicaka somthetheli-khulu, waphilisa umkhwekazi kaPetros (Mat. 8:5–15), wabiza uMateyu abe ngomnye waBapostile Bakhe (Mat. 9:9), wavula amehlo eemfama, wakhupha oomtyholi (Mat. 9:27–33), waphilisa isandla esomilayo sendoda ngeSabatha (Mat. 12:9–13), wanika intshumayelo yesonka sobomi (Yoh. 6:22–65), kwaye wavuma ukuhlawula iirhafu, exelela uPetros ukuba athathe imali emlonyeni wentlanzi (Mat. 17:24–27).

  8. Magadala Eli yayilikhaya likaMariya waseMagadala (Marko 16:9). UYesu weza apha wadlisa ama-4,000 (Mat. 15:32–39), kwaye abaFarisi nabaSadusi bacela ukuba Yena ababonise umqondiso ophuma emazulwini (Mat. 16:1–4).

  9. Kana UYesu wajika amanzi ayiwayini (Yoh. 2:1–11) kwaye waphilisa unyana wegosa lakomkhulu eKarpenahum (Yoh. 4:46–54). IKana kanjalo yayilikhaya likaNataniyeli (Yoh. 21:2).

  10. Nazarete Ukuvakaliswa kuMariya noYosefu kwenzeka eNazarete (Mat. 1:18–25; Luka 1:26–38; 2:4–5). Emva kokubuya eYiputa, uYesu wachithela ubuntwana Bakhe nobutsha apha (Mat. 2:19–23; Luka 2:51–52), kwaziswa ukuba Yena wayenguMesiya, kwaye Yena waliwa ngabakhe (Luka 4:14–32).

  11. Yeriko UYesu wanika ukubona kwindoda eyimfama (Luka 18:35–43). Kanjalo wadla noZakeyu, “intloko yababuthi berhafu” (Luka 19:1–10).

  12. Bhetabhara UYohane uMbhaptizi wangqina ukuba “ulilizwi lodandulukayo entlango” (Yoh. 1:19–28). UYohane wabhaptiza uYesu kuMlambo iYordan waza wangqina ukuba uYesu yiMvana kaThixo (Yoh. 1:28–34).

  13. Ntlango yakwaYuda UYohane uMbhaptizi washumayela entlango (Mat. 3:1–4), apho uYesu wazila ukutya iintsuku ezingama-40 kwaye wahendwa (Mat. 4:1–11).

  14. Emawusi UKrestu ovukileyo wahamba endleleni eya e-Emawusi kunye nababini babafundi Bakhe (Luka 24:13–32).

  15. Bhetefage Abafundi ababini bazisa kuYesu ithole le-esile kulo waqalisa ukungena Kwakhe koloyiso eYerusalem (Mat. 21:1–11).

  16. Bhetani Eli yayilikhaya likaMariya, uMarta, noLazaro (Yoh. 11:1). UMariya weva amazwi kaYesu, kwaye uYesu wathetha kuMarta ngokunyula “isabelo esilungileyo” (Luka 10:38–42); UYesu wavusa uLazaro ekufeni (Yoh. 11:1–44); noMariya wathambisa iinyawo zikaYesu (Mat. 26:6–13; Yoh. 12:1–8).

  17. Bhetelehem UYesu wazalelwa waza walaliswa emkhumbini (Luka 2:1–7); iingelosi zavakalisa iindaba zokuzalwa kukaYesu kubelusi (Luka 2:8–20); izazi zazalathiswe kuYesu yinkwenkwezi (Mat. 2:1–12); kwaye uHerode wabulala abantwana (Mat. 2:16–18).