Uncedo lweZifundo
10. IKanan ngamaXesha eTestamente eNdala


10. IKanan ngamaXesha eTestamente eNdala

Umfanekiso
Imaphu yeBhayibhile 10

Mn

Tsidon

Damasko

IiNtaba zaseLebhanon

Ntaba Hermon

Lithani

Farpare

Tire

Foneshiya

Dan (Layishe)

Hatsore

Chibi iHule (Manzi aseMerom)

Ako

Bashan

Lwandle lwaseKinerete (Galili)

Kishon

Ntlambo yaseYizereli

Gati-hefere

Ntaba Karmele

Endore

Ntaba Tabhore

Yarmuki

Megido

Nduli yaseMore

Yizereli

Bhete-shan

Dotan

Ntaba Gilibhowa

Samari

Samari

Giliyadi

Thafa laseSharon

Shekem

Ntaba Ebhali

Peniweli

Mahanayim

Ntaba Gerizim

Yabhoki

Yafo

Shilo

Lwandle oluKhulu (Lwandle iMedithera)

Ayalon

Betheli (Luzi)

Ayi

Mlambo iYordan

Rabha (Aman)

Gibheyon

Yeriko

Amon

Soreki

Yerusalem

Ashode

Ekron

Ntaba yeMinquma

Ntaba Nebho

Gati

Bhetelehem

Ashkelon

Ela

Tekowa

Lwandle oluFileyo (Lwandle lweTyuwa)

Gaza

Shephela

Thafa laseFilisti

Lakishe

Hebron

Engedi

Arnon

Gerare

Gerare

Yuda

Mowabhi

Bhesore

Bher-shebha

Kir-hareshete

Edom

Mmandla waseSodom neGomorrah

Negev

Arabha

Zerede

Edom

IiKhilomitha

0 20 40 60

A B C D

1 2 3 4 5 6 7 8

1

2

3

4

5

6

7

8

9

10

11

12

13

14

15

15

15

15

15

16

17

18

19

20

21

  1. Dan (Layishe) Yarobheham wenza ithole legolide ukuze uBukumkani bangaseNtla bulinqule (Ⅰ OoKum. 12:26–33). UDan yayingumda wangasentla kaSirayeli wamandulo.

  2. Ntaba iKarmele UEliya wacela umngeni kubaprofeti bakaBhahali waza wavula amazulu anise imvula (Ⅰ OoKum. 18:17–46).

  3. Megido Indawo yamadabi amaninzi (AbaG. 4:13–16; 5:19; Ⅱ OoKum. 23:29; Ⅱ IziKr. 35:20–23). USolomon wanyusa uviko ukuba akhe iMegido (Ⅰ OoKum. 9:15). UKumkani uYosiya wakwaYuda wenzakaliswa wafa kwidabi ngokuchasene noFaro Neko waseYiputa (Ⅱ OoKum. 23:29–30). EkuBuyeni kweSibini kweNkosi, imbambano enkulu neyokugqibela iya kwenzeka kwiNtlambo iYizereli njengenxenye yedabi laseArmagedon (Yow. 3:14; Isityh. 16:16; 19:11–21). Igama iArmagedon lubhalo ngoonobumba bolunye uhlobo lwesiGrike ukusuka kwesiHebhere Har Megiddon, okanye Ntaba yeMegido.

  4. Yizereli Ligama lesixeko kwintlambo yakwaSirayeli eyiyeyona inkulu netyebileyo ngegama elifanayo. OoKumkani boBukumkani bangaseNtla bakha ibhotwe apha (Ⅱ Sam. 2:8–9; Ⅰ OoKum. 21:1–2). UKumkanikazi uIzebhele wahlala waza wafela apha (Ⅰ OoKum. 21; Ⅱ OoKum. 9:30).

  5. Bhete-shan USirayeli wajongana namaKanan apha (Yosh. 17:12–16). Umzimba kaSawule wabethelelwa eludongeni lwale nqaba (Ⅰ Sam. 31:10–13).

  6. Dotan UYosefu wathengiswa ebukhobokeni ngabakhuluwa bakhe (Gen. 37:17, 28; 45:4). UElisha waba nombono wentaba ezele ngamahashe neenqwelo (Ⅱ OoKum. 6:12–17).

  7. Samari Isixeko soBukumkani baseNtla (Ⅰ OoKum. 16:24–29). UKumkani uAhabhi wakhela itempile uBahali (Ⅰ OoKum. 16:32–33). UEliya noElisha balungiselela (Ⅰ OoKum. 18:2; Ⅱ OoKum. 6:19–20). Ngowama-721 P.K. amaAsiriya ayithimba, egqibezela ukuthinjwa kwezizwe ezili-10 (Ⅱ OoKum. 18:9–10).

  8. Shekem UAbraham wakha isibingelelo (Gen. 12:6–7). UYakobi wahlala kufutshane nalapha. USimon noLevi babulala onke amadoda kwesi siseko (Gen. 34:25). Inkuthazo kaYoshuwa “ekuzonyuleleni … ngolo mhla” ukukhonza uThixo weza kwaShekem (Yosh. 24:15). Apha uYarobheham wamisa isixeko sokuqala soBukumkani bangaseNtla (Ⅰ OoKum. 12).

  9. Ntaba Ebhali neNtaba iGerizim UYoshuwa wohlula uSirayeli kwezi ntaba zimbini—iintsikelelo zomthetho zabhengezwa eNtabeni iGerizim, ngexesha iziqalekiso zeza zivela eNtabeni ye-Ebhali (Yosh. 8:33). AmaSamari kamva akha itempile eGerizim (Ⅱ OoKum. 17:32–33).

  10. Penuweli (Peniyeli) Apha uYakobi wazamazamana ubusuku bonke nesithunywa seNkosi (Gen. 32:24–32). UGidiyon watshabalalisa inqaba yamaMidiyan (AbaG. 8:5, 8–9).

  11. Yafo UYona wahamba ngenqanawa esuka apha esiya ngaseTarshishe ephepha umsebenzi wakhe eNineve (Yona 1:1–3).

  12. Shilo Ngethuba lexesha laBagwebi, isixeko sakwaSirayeli nomnquba zazifumaneka apha (Ⅰ Sam. 4:3–4).

  13. Bheteli (Luzi) Apha uAbraham wahlukana noLote (Gen. 13:1–11) kwaye waba nombono (Gen. 13; Abr. 2:19–20). UYakobi waba nombono weleli efikelele emazulwini (Gen. 28:10–22). Umnquba wawufumaneka apha okwexeshana (AbaG. 20:26–28). UYarobheham wenza ithole legolide ukuze uBukumkani bangaseNtla bulinqule (Ⅰ OoKum. 12:26–33).

  14. Gibheyon Abantu bamaHivi ukusuka apha bamkhohlisa uYoshuwa angene kumnqophiso (Yosh. 9). Ilanga lema ngxi xa uYoshuwa waphumelela indabi (Yosh. 10:2–13). Esi kanjalo yayisisiza sethutyana somnquba (Ⅰ IziKr. 16:39).

  15. Gaza, IAshdodi, iAshkelon, iEkron, Gati (zizixeko ezihlanu zamaFilisti) Kwezi zixeko amaFilisti ayesenza imfazwe rhoqo namaSirayeli.

  16. Bhetelehem URakheli wangcwatywa kufutshane (Gen. 35:19). URute noBohazi babehlala apha (Rute 1:1–2; 2:1, 4). Yayibizwa ngokuba sisixeko sikaDavide (Luka 2:4).

  17. Hebron UAbraham (Gen. 13:18), uIsake, uYakobi (Gen. 35:27), uDavide (Ⅱ Sam. 2:1–4), noAbhisalom (Ⅱ Sam. 15:10) babehlala apha. Eli yayilikomkhulu lokuqala lakwaYuda phantsi koKumkani uDavide (Ⅱ Sam. 2:11). Kukholelwa ukuba uAbraham, uSara, uIsake, uRebheka, uYakobi, noLeya bangcwatyelwa apha emqolombeni waseMakapela (Gen. 23:17–20; 49:31, 33).

  18. Engedi UDavide wazimela kuSawule waza wasindisa ubomi bukaSawule (Ⅰ Sam. 23:29–24:22).

  19. Gerare UAbraham noIsake bahlala apha okwexeshana (Gen. 20–22; 26).

  20. Bher-shebha UAbraham wagrumba iqula apha waza wanqophisana noAbimeleki (Gen. 21:31). UIsake wabona iNkosi (Gen. 26:17, 23–24), noYakobi wayehlala apha (Gen. 35:10; 46:1).

  21. Sodom neGomora ULote wakhetha ukuhlala eSodom (Gen. 13:11–12; 14:12). UThixo watshabalalisa iSodom neGomora ngenxa yenkohlakalo (Gen. 19:24–26). UYesu kamva wasebenzisa ezi zixeko njengemiqondiso yenkohlakalo (Mat. 10:15).