2022
Amandla oMfutho woMoya
UCanzibe 2022


UMyalezo weNyanga weLiyahona UCanzibe 2022

Amandla oMfutho woMoya

Ndingathanda ukucebisa amanyathelo amahlanu awodwa esinokuwathabatha ukuze asincede sigcine umfutho olungileyo womoya.

Bazalwana noodade bam abathandekayo, ndiyanithanda. Ndiyalivuyela eli thuba lokuthetha nani namhlanje. Ndithandaza mihla le ukuba niyakukhuselwa kuhlaselo oluqatha lotshaba kwaye nibe namandla okutyhalela phambili kuyo nayiphi na imiceli mngeni enijongene nayo.

Ezinye izilingo ziyimithwalo enzulu yangasese ekungekho mntu wumbi unokuyibona. Ezinye zidlalwa kwiqonga lehlabathi. Ingxabano yezixhobo kwimpuma Yurophu yenye yezi. Ndake ndaya eUkraine naseRussia amaxesha amaninzi. Ndiyayithanda loo mihlaba, abantu neelwimi zabo. Ndiyalila kwaye ndiyabathandazela bonke abachatshazelwa yile ngxabano. Njengebandla senza konke esinako ukunceda abo babandezelekileyo nabatsala nzima ukuze baphile. Simema wonke umntu ukuba aqhubeke nokuzila ukutya kwaye athandazele bonke abantu abakhathazwa yile ntlekele. Nayiphi na imfazwe kukwaphulwa okoyikekayo kwayo yonke into iNkosi uYesu Krestu eyimeleyo neyifundisayo.

Akukho namnye kuthi onokukwazi ukulawula iintlanga okanye izenzo zabanye okanye kwanamalungu eentsapho zethu. Kodwa thina singakwazi ukuzibamba. Ubizo lwam namhlanje, bazalwana noodade abathandekayo, kukuphelisa iingxabano ezigquba ezintliziyweni zenu, ekhayeni lenu, nasebomini benu. Lufihle naluphi na utyekelo lokwenzakalisa abanye—nokuba olo tyekelo ngumsindo, ulwimi olubukhali, okanye ukucaphukela umntu okuvise ubuhlungu. UMsindisi wasiyalela ukuba siguqule esinye isidlele,1 sithande iintshaba zethu, kwaye sibathandazele abo basigxekayo.2.

Kunokuba nzima kabuhlungu ukuyeka umsindo ovakala ukuba ufanelekile. Kusenokubonakala kungenakwenzeka ukubaxolela abo izenzo zabo ezitshabalalisayo ziye zavisa buhlungu abamsulwa. Ukanti, uMsindisi wasilumkisa thina ukuba “nixolele bonke abantu.”3

Singabalandeli boMthetheleli woXolo. Ngoku ngakumbi kunangaphambili, sidinga uxolo Yena kuphela anokuluzisa. Sinokululindela njani uxolo lubekhona ehlabathini xa thina singabantu ngabanye singalufuni uxolo nemvisiswano? Bazalwane noodade, ndiyazi ukuba le nto ndiyicebisayo ayilulanga. Kodwa abalandeli bakaYesu Krestu bafanele bamisele umzekelo wokulandelwa lihlabathi lonke. Ndiyanicenga ukuba nenze konke eninako ukuphelisa iingxabano zobuqu ezigqubayo ngoku ezintliziyweni zenu nasebomini benu.

Ndingalugxininisa olu bizo lokwenza ngokuxoxa ngombono endikhunjuzwe ngawo mva nje ngelixa bendibukele umdlalo webhola yomnyazi.

Kuloo mdlalo, isiqingatha sokuqala ibilidabi likaveletshona, ilutshintshiselwano. Emva koko, ebudeni bemizuzwana emihlanu yokugqibela yesiqingatha sokuqala, umlindi kwelinye iqela wenza imbumbulu entle yamanqaku amathathu. Kushiyeke umzuzwana omnye kuphela, umdlali weqela lakhe waba ibhola eyayipaselwa ngaphakathi wafaka elinye inqaku xa kukhala isithonga! Ke elo qela liye langena kwigumbi lokutshintsha liphambili ngamanqaku amane ngokwanda komfutho okubonakalayo. Bakwazile ukuthwala lo mfutho kwisiqingatha sesibini bawuphumelela umdlalo.

Umfutho ngumbono onamandla. Sonke siye sanamava wawo ngendlela enye okanye ngolunye uhlobo—umzekelo, kwisithuthi esinyusa isantya okanye ngokungaboni ngasonye okujika kube yingxabano ngesiquphe.

Ngoko ndiyabuza, yintoni enokuvuselela umfutho womoya? Siyibonile yomini imizekelo yomfutho olungileyo nongalunganga. Siyabazi abalandeli bakaYesu Krestu abathi baguquka baza bakhula elukholweni lwabo. Kodwa siyazi kananjalo nangamakholwa awayekhe azinikela awawayo. Umfutho unokujingela nakweliphi na icala.

Umfanekiso
intombazana encinane

Asizange siwudinge umfutho olungileyo womoya ngaphezu kunangoku, ukuze sithintele isantya ububi kunye nemiqondiso yamaxesha amnyama obanda ngaso. Umfutho womoya olungileyo uya kusigcina sisiya phambili phakathi koloyiko kunye nokungaqiniseki okudalwa ngoobhubhane, iitsunami, ugqabhuko-dubulo lwentaba-mlilo, kunye nobutshaba obuxhobileyo. Umfutho womoya ungasinceda simelane nolungenalusini uhlaselo, olungcolileyo lotshaba kwaye sithintele imigudu yakhe yokutshabalalisa isiseko sethu somoya.

Izenzo ezininzi zinokuvuselela umfutho womoya. Intobeko, uthando, ukuthobeka, inkonzo, kunye nombulelo4 zezimbalwa kodwa nje.

Namhlanje ndingathanda ukucebisa amanyathelo amahlanu awodwa esinokuwathabatha ukuze asincede sigcine umfutho womoya olungileyo.

Okokuqala: Ngena kwindlela yomnqophiso kwaye uhlale apho.

Kwixeshana elingelidanga elidlulileyo, ndiye ndaba nephupha elicacileyo apho ndidibane neqela elikhulu labantu. Bandibuze imibuzo emininzi, eyona yayisoloko imalunga nendlela yomnqophiso kwaye kutheni ibalulekile nje.

Ephupheni lam, ndiye ndacacisa ukuba singena kwindlela yomnqophiso ngokubhaptizwa kwaye senze umnqophiso wethu wokuqala noThixo.5 Ixesha ngalinye sithabatha umthendeleko, sithembisa kwakhona ukuthabathela kuthi igama loMsindisi, ukumkhumbula Yena, kunye nokugcina imiyalelo yaKhe. Ukubuyisa, uThixo uyasiqinisekisa ukuba sinako ukusoloko sinoMoya weNkosi kunye nathi.

Kamva senza iminqophiso eyongezelelweyo etempileni, apho sifumana izithembiso ezinkulu nangakumbi. Imimiselo kunye neminqophiso isinika ukufikelela kumandla obuthixo. Indlela yomnqophiso kukuphela kwendlela ekhokelela ekuphakanyisweni nakubomi obungunaphakade.

Ephupheni lam, umfazi emva koko uye wabuza ukuba umntu owaphule iminqophiso yakhe angabuyela njani kuloo ndlela. Impendulo yam kumbuzo wakhe ikhokelela kwingcebiso yam yesibini:

Fumana uvuyo lwenguquko yemihla ngemihla.

Ibaluleke kangakanani inguquko? UAlma wafundisa ukuba kufuneka “bangashumayeli nto ngaphandle kokuba kube yinguquko nokholo eNkosini.”7 Inguquko iyafuneka kuye wonke umntu onokuziphendulela onqwenela uzuko olungunaphakade.8 Akukho ukukhetha. Kwisityhilelo kuMprofeti uJoseph Smith, iNkosi yakhalimela iinkokeli zeBandla zakuqala ngokungafundisi ivangeli kubantwana babo.9 Ukuguquka kusisitshixo kwinkqubela phambili. Ukholo olunyulu lusigcina siqhubela phambili kwindlela yomnqophiso.

Nceda ungoyiki okanye ulibazise ukuguquka. USathana uyonwaba kusizi lwakho. Yinqumle ibemfutshane. Lahla impembelelo yakhe ebomini bakho! Qala namhlanje ukuba namava ovuyo okulahla umntu wemvelo.10 UMsindisi uyasithanda ngamaxesha onke kodwa ngakumbi xa siguquka. Yena wathembisa ukuba nangona “iintaba ziya kumka, zize neenduli zishenxiswe … ububele bam abusayi kumka kuwe.”11

Ukuba uziva uphambukile kwindlela yomnqophiso kude kakhulu okanye ixesha elide kwaye awunandlela yokubuya, oko ngokulula akuyonyani.12 Nceda uqhagamshelane nobhishophu okanye umongameli wesebe lakho. Yena ungumthunywa weNkosi kwaye uyakukunceda ube namava ovuyo kunye nesiqabu sokuguquka.

Ngoku, isilumkiso: Ukubuyela kwindlela yomnqophiso akuthethi ukuba ubomi buya kuba lula. Le ndlela ingqongqo kwaye ngamanye amaxesha iyakuvakala ngathi kukunyuka umnqantsa.13 Oku kunyuka, nangona kunjalo, kuyilelwe ukuvavanya nokusifundisa, ukusulungekisa indalo yethu, nokusinceda ukuba sibe ngabangcwele. Yeyona ndlela ekuphela kwayo ekhokelela ekuphakanyisweni. Omnye umprofeti14 wachaza, “ngemo eneentsikelelo neyolonwabo lwabo bayigcinayo imiyalelo kaThixo. Kuba qaphelani, basikelelwe kuzo zonke izinto, kunye ezomzuzwana nezasemphefumlweni; kwaye ukuba bayanyamezela benyanisekile kwade kwaba sekupheleni bayamkelwa ezulwini … [yaye] babenokuhlala noThixo bekwimo yolonwabo olungasokuze luphele.”5

Ukuhamba indlela yomnqophiso, kudityaniswe noguquko lwemihla ngemihla, kuvuselela umfutho womoya olungileyo.

Umfanekiso
umfazi ubukele inkomfa

Uruguay

Ingcebiso yam yesithathu: Funda ngoThixo nangendlela Yena asebenza ngayo.

Omnye wemiceli mngeni emikhulu namhlanje kukwahlula phakathi kweenyaniso zikaThixo kunye neenkohliso zikaSathana. Yiyo loo nto iNkosi yasilumkisa ukuba “thandaza[ni] rhoqo, … ukuze [si]moyise uSathana, kwaye … uphuncuke ezandleni zezicaka zikaSathana ezixhasa umsebenzi wakhe.”16

UMoses wanikela umzekelo wendlela yokwahlula phakathi kukaThixo noSathana. Xa uSathana wafikayo ehenda uMoses, wayibona inkohliso ngenxa yokuba wayesandula ukuthetha ubuso ngobuso noThixo. UMoses wakhawuleza wamqonda uSathana wayengubani waza wamyalela ukuba emke.17 Xa uSathana wazingisayo, uMoses wayazi indlela yokucela uncedo olungakumbi kuThixo. UMoses wafumana amandla obuthixo, wabuya wamkhalimela ongendawo kwakhona, esithi, “Suka kum, Sathana, kuba ngulo mnye kuphela uThixo endiya kumnqula.”18

Sifanele silandele loo mzekelo. Lahlela impembelelo kaSathana ngaphandle ebomini bakho! Nceda ungamlandeli ukuya ezantsi “kumsantsa wenkxwaleko nesimbonono esingenasiphelo.”19

Ngesantya esoyikekayo, ubungqina obungondliwa mihla le “ngelizwi elilungileyo likaThixo”20 bunokudilika. Ngoko ke, iyeza leqhinga likaSathana licacile: sifuna amava emihla ngemihla okunqula iNkosi nokufunda ivangeli yaYo. Ndiyanicela ukuba nivumele uThixo oyise ebomini benu. Mnike Yena isabelo esifanelekileyo sexesha lakho. Njengoko usenza njalo, phawula oko kwenzekayo kwinkqubela yakho yomfutho womoya olungileyo.

Ingcebiso yesine: Funa kwaye ulindele imimangaliso.

UMoronayi wasiqinisekisa ukuba “noThixo akaphezanga ukuba nguThixo wemimangaliso.”21 Yonke incwadi yesibhalo ibonisa indlela iNkosi ezimisele ngayo ukungenelela ebomini babo bakholwayo kuYe.22 Yena wahlukanisela uMoses uLwandle oluBomvu, wanceda uNifayi ukuba afumane amacwecwe obhedu, kwaye wabuyisela iBandla laKhe ngoMprofeti uJoseph Smith. Nganye yale mimangaliso yathatha ixesha yaye isenokuba yayingeyonto kanye le yayifunwa ngabo bantu kuYehova.

Ngendlela efanayo, iNkosi iyakusikelela wena ngemimangaliso ukuba uyakholelwa kuYe, “[u]ngathandabuzi nto.”23 Yenza umsebenzi womoya ukufuna imimangaliso. Ngomthandazo cela uThixo akuncede usebenzise olo hlobo lokholo. Ndiyathembisa ukuba unganamava ngokwakho ukuba uYesu Krestu “umnika otyhafileyo amandla, ongenakomelela amandisele ukuqina.”24 Zimbalwa izinto eziya kukhawulezisa umfutho womoya ngaphezu kokuqonda ukuba iNkosi iyakunceda ukususa intaba ebomini bakho.

Umfanekiso
usapho lubekele inkomfa yajikele

Taiwan

Ingcebiso yesihlanu: Phelisa ingxabano kubomi bakho bobuqu.

Ndiyaphinda ubizo lwam lokuphelisa iingxabano ebomini benu. Sebenzisa intobeko, inkalipho, nokomelela okufunekayo kokubini ukuze uxolele nokucela ukuxolelwa. UMsindisi uthembisile ukuba “ukuba [thina] sibaxolela abantu iziphoso zabo, uYihlo [wethu] osemazulwini uya kusixolela [nathi].”25

Kwiiveki ezimbini ukusukela namhlanje sibhiyozela iPasika. Ukususela ngoku ukuya kutsho ngelo xesha, ndiyakumema ukuba ufune ukuphelisa ingxabano yobuqu ethe yakucinezela. Ingaba kungakho isenzo esifanelekileyo ngakumbi sombulelo kuYesu Krestu ngeNtlawulelo yaKhe? Ukuba ukuxolela kubonakala kungenakwenzeka ngoku, cela amandla ngegazi elihlawulelayo likaYesu Krestu ukuze akuncede. Njengoko usenza njalo, ndithembisa uxolo lobuqu kunye nokugqabhuka komfutho womoya.

Xa uMsindisi wahlawulela lonke uluntu, Yena wavula indlela yokuba abo bamlandelayo babe nokufikelela kwimpiliso yaKhe, ukomelezwa, kunye namandla akhululayo. La malungelo omoya ayafumaneka kubo bonke abafuna ukumva Yena kwaye bamlandele Yena.

Bazalwane noodade bam abathandekayo, ngako konke ukucenga kwentliziyo yam, ndiyanibongoza ukuba ningene endleleni yomnqophiso kwaye nihlale apho. Yiba namava ovuyo loguquko lwemihla ngemihla. Funda ngoThixo nangendlela Yena asebenza ngayo. Funa kwaye ulindele imimangaliso. Zabalazela ukuphelisa ingxabano ebomini benu.

Njengoko nisenza kolusukelo, ndiyanithembisa ukubanako ukuqhubela phambili kwindlela yomnqophiso ngomfutho owandileyo, ngaphandle kwaso nasiphi na isithintelo eningene naso. Kwaye ndinithembisa ukomelela okukhulu okuxhathisa kwisihendo, uxolo lwengqondo olungakumbi, inkululeko evela kuloyiko, nomanyano olukhulu kwiintsapho zenu.

UThixo uyaphila! UYesu unguKrestu! Yena uyaphila! Yena uyasithanda yaye uya kusinceda. Ngoku ndiyangqina egameni loMkhululi wethu, uYesu Krestu, amen.

Amanqaku

  1. Bona 3 Nifayi 12:39

  2. Bona 3 Nifayi 12:44

  3. IMfundiso neMinqophiso 64:10; bona kananjalo umqolo 9.

  4. Njengoko uMpostile uPawulos wathi, “Ezintweni zonke bulelani” (1 Tesalonika 5:18). Elinye lamayeza aqinisekileyo lokuphelelwa lithemba, ukutyhafiswa, nokutyhafa ngokomoya ngumbulelo. Zeziphi ezinye zezinto esinokumbulela ngazo uThixo? Mbulele Yena ngobuhle bomhlaba, ngeMbuyiselo yevangeli, kwaye nangeendlela ezingabalekiyo Yena noNyana waKhe abenza ngazo ukuba amandla aBo afumaneke kuthi apha kulo mhlaba. Mbulele Yena ngezibhalo, ngeengelosi eziphendula izicelo zethu kuThixo zoncedo, ngesityhilelo, nangeentsapho zanaphakade. Kwaye ngaphezu kwako konke, bulela uThixo ngesipho soNyana waKhe neNtlawulelo kaYesu Krestu, eyenza ukuba sikwazi ukuzalisekisa imisebenzi esithunyelelwe yona emhlabeni.

  5. Ukuqonda indlela yomnqophiso, kubalulekile ukuqonda ukuba umnqophiso ubandakanya ukuzibophelela ngeendlela ezimbini phakathi koThixo nomnye womntwana waKhe. Kumnqophiso, uThixo ubeka imigaqo, kwaye siyavumelana naloo migaqo. Ngotshintshiselwano, uThixo wenza izithembiso kuthi. Iminqophiso emininzi ikhatshwa ziimpawu zangaphandle—okanye imimiselo engcwele—apho sithatha inxaxheba kuyo namangqina akhoyo. Ngokomzekelo, ubhaptizo luphawu eNkosini lokuba umntu obhaptizwayo wenze umnqophiso wokugcina imiyalelo kaThixo.

  6. Bona Moronayi 4:3; 5:2; IMfundiso neMinqophiso 20:77,79.

  7. Mozaya 18:20.

  8. Bona Moses 6:50,57.

  9. Bona IMfundiso neMinqophiso 93:40–48.

  10. Bona Mozaya 3:19.

  11. Isaya 54:10, ugxininiso longezelelwe; bona kananjalo 3 Nifayi 22:10. Ububele buguqulelwe kwigama lesiHebhere elithi hesed, igama elinamandla elinentsingiselo enzulu equka ububele, inceba, uthando lomnqophiso, nokungakumbi.

  12. Kunokwenzeka ukuba yenziwe imbuyekezo yezinye izono kodwa hayi ezinye. Ukuba umntu uxhaphaze okanye wabetha omnye, okanye ukuba ubani uthatha ubomi bomnye, imbuyekezo epheleleyo ayinakwenziwa. Umoni kwezo meko angenza kuphela okuninzi, kwaye intsalela enkulu ishiywe inetyala. Ngenxa yokuzimisela kweNkosi ukuxolela intsalela emele ukubhatalwa, sinokuza kuYo nokuba siye salahleka kangakanani na. Xa siguquka ngokunyanisekileyo, Yena uya kusixolela. Nayiphi na intsalela phakathi kwezono zethu kunye nokukwazi kwethu ukwenza imbuyekezo epheleleyo kunokuhlawulwa kuphela ngokusebenzisa iNtlawulelo kaYesu Krestu, onokwenza isipho senceba. Ukuzimisela kwaKhe ukuxolela intsalela emele ukuhlawulwa yakho kusisipho esixabisekileyo.

  13. Bona 2 Nifayi 31:18–20.

  14. Umprofeti womNifayithi uKumkani uBhenjamin.

  15. Mozaya 2:41.

  16. IMfundiso neMinqophiso 10:5; ugxininiso longezelelwe.

  17. Bona Moses 1:16;bona kananjalo imiqolo 1–20.

  18. Moses 1:20.

  19. Hilamani 5:12.

  20. Moronayi 6:4

  21. Mormoni 2:45; bona kananjalo umqolo 19.

  22. UYohane uMpostile wabhengeza ukuba wabhala imimangaliso yoMsindisi ukuze “[si]kholwe ukuba uYesu unguye uKrestu” (Yohane 20:31).

  23. Mormoni 9:21.

  24. Isaya 40:29.

  25. UMateyu 6:14.