2022
Uthando lobuThixo kwiCebo likaBawo
UCanzibe 2022


“Uthando lobuThixo kwiCebo likaBawo,” Liyahona, Canzibe 2022.

UMyalezo weNyanga weLiyahona Canzibe 2022

Uthando lobuThixo kwiCebo likaBawo

Izicatshulwa

Umfanekiso
iintaba ezinyukela emafini

KwiBandla elibuyisiweyo likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela, sinokuqonda okukodwa kwecebo likaBawo wethu waseZulwini. Oku kusinika indlela eyahlukileyo yokujonga injongo yobomi basemhlabeni, umgwebo wobuthixo olandela bona, kunye nesiphelo esizukileyo sabo bonke abantwana bakaThixo. …

… Imfundiso etyhiliweyo yeBandla elibuyisiweyo likaYesu Krestu ifundisa ukuba bonke abantwana bakaThixo—ngaphandle kwezinxaxhi ekungumda ukuba zingaqwalaselwa apha—ekugqibeleni bayakuphelela kubukumkani bozuko. …

… Obona buphakamileyo kwezi kukuphakanyiswa kubukumkani beselestiyali, apho sinokuthi sibe njengoBawo wethu noNyana waKhe, uYesu Krestu. …

… Umsebenzi weBandla elibuyisiweyo kukunceda bonke abantwana bakaThixo bafanelekele oko uThixo akunqwenelayo njengesiphelo sabo sokugqibela. …

Okusiseko kuthi sisityhilelo sikaThixo sokuba ukuphakanyiswa kunokuzuzwa kuphela ngokunyaniseka kwiminqophiso yomtshato wanaphakade phakathi kwendoda nomfazi. Loo mfundiso yobuthixo yiyo loo nto sifundisa ukuba “isini siluphawu olubalulekileyo somntu ngamnye sobomi bangaphambili, sobomi basemhlabeni, kunye nesazisi sanaphakade nenjongo yanaphakade” [“USapho: IsiBhengezo kwiHlabathi,” ChurchofJesusChrist.org]. …

… Siyaqinisekisa ukuba isibhengezo sosapho, esisekwe kwimfundiso engenakuguqulwa, sichaza uhlobo lobudlelwane bosapho apho eyona ndawo ibalulekileyo yophuhliso lwethu lwanaphakade inokwenzeka khona. …

… Kufuneka sifune ukwabelana nabanye ngezi nyaniso zanaphakade. Kodwa ngothando esilutyala kubo bonke abamelwane bethu, sisoloko sizamkela izigqibo zabo. Njengoko umprofeti weNcwadi kaMormoni wafundisayo, kufuneka sifunzele phambili, sibe “nothando lukaThixo nolwabantu bonke” [2 Nifayi 31:20].