2022
Ukuzinza kwiZaqhwithi
UCanzibe 2022


“Ukuzinza kwiZaqhwithi,” Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha Canzibe 2022.

UMyalezo weNyanga weLiyahona UCanzibe 2022

Ukuzinza kwiZaqhwithi

Izicatshulwa

Umfanekiso
indlu yesikhanyisi

Kwabo bethu bazixhalabeleyo kunye nabo sibathandayo, kukho ithemba kwisithembiso esenziwe nguThixo sendawo yokhuseleko kwizaqwithi ezizayo. …

Amazwi obuprofeti kakumkani uBhenjamin ayasebenza kuthi kumhla wethu. …

Yena wamema abantu bakhe kunye nathi ukuba sakhe phezu kolwalwa oluqinisekileyo lokhuseleko, elinguMsindisi. Yena wayenza yacaca into yokuba sikhululekile ukuba sikhethe phakathi kokulungileyo nokubi yaye asinakuziphepha iziphumo zokukhetha kwethu. …

Indalo yethu iyatshintsha ukuze ibe njengomntwana omncinci, othobela uThixo kwaye onothando ngakumbi. Olo tshintsho luyakusenza sifanele ukuba sonwabele izipho eziza ngoMoya oyiNgcwele. Ukuba nobudlelwane boMoya kuya kusithuthuzela, kusikhokele, kwaye kusomeleze. …

Xa izaqhwithi zobomi zisiza, ungazinza kuba umi phezu kolwalwa lokholo lwakho kuYesu Krestu. Olo kholo luya kukukhokelela kuguquko lwemihla ngemihla nasekugcineni iminqophiso okungaguqukiyo. Yaye uya kusoloko umkhumbula Yena. Kwaye kwizaqhwithi zentiyo kunye nenkohlakalo, uya kuziva uzinzile kwaye unethemba. …

… Njengomntwana olulamileyo nonothando, yamkela uncedo lwaKhe. Yenza kwaye ugcine iminqophiso Yena ayinikezelayo kwiBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela. Yona iyakukomeleza. UMsindisi uyazazi izaqhwithi kunye neendawo zokhuseleko endleleni egodukayo eya kuYe nakuBawo wethu waseZulwini. Yena uyayazi indlela. Yena uyiNdlela.