Izibhalo
3 Nifayi 12


Isahluko 12

UYesu ubiza kwaye anike igunya kwabalishumi elinesibini abadisipile—Unikela kumaNifayithi intetho efana neNtshumayelo yaphezu kweNtaba—Uthetha iZibhengezo zoYolo—Iimfundiso zakhe zodlula kwaye zithabatha indawo phezu komthetho kaMoses—Abantu bayalelwa ukuba bafezeke kwananjengokuba Yena noYise befezekile—Thelekisa Mateyu 5. Malunga E.K. 34.

1 Kwaye kwenzekile okokuba akuba uYesu ewathethile la mazwi kuye uNifayi, kwaye nakwabo babebiziwe, (ngoku inani labo babebiziwe, kwaye bamkela amandla negunya lokubhaptiza, ababelishumi elinambini) kwaye qaphelani, wasolulela phambili isandla sakhe kuso isihlwele, waza wadanduluka kuso, esithi: bNinoyolo nina ukuba niya kunika inyameko kuwo amazwi aba balishumi elinambini cendibonyuleyo phakathi kwenu ukuba bafundise kuni, nokuba babe zizicaka zenu; kwaye kubo ndinike amandla ukuze babe nokunibhaptiza ngamanzi; kwaye emva kokuba nibhaptiziwe ngamanzi, qaphelani, ndiya kunibhaptiza ngomlilo kwaye nangawo uMoya oyiNgcwele; ke ngoko ninoyolo nina ukuba niya kukholelwa kum kwaye nibhaptizwe, emva kokuba nindibonile kwaye nisazi okokuba ndikho.

2 Kwaye kwakhona, banoyolo ngakumbi abaya akukholelwa kuwo amazwi enu ngenxa yokuba niya kungqina okokuba nindibonile, nokuba niyazi okokuba ndikho. Ewe, banoyolo abo baya kukholelwa kuwo amazwi enu, baze bbehlele ezantsi kwinzulu yentobeko baze babhaptizwe, kuba baya kuvelelwa cngomlilo nangoMoya oyiNgcwele, kwaye baya kufumana uxolelo lwezono zabo.

3 Ewe, banoyolo aabangamahlwempu ngomoya abathi bbeze kum, kuba ubukumkani bezulu bobabo.

4 Kwaye kwakhona, banoyolo bonke abo bakhedamileyo, kuba baya konwatyiswa bona.

5 Kwaye banoyolo aabanobulali, ngokuba bumhlaba baya kuwudla ilifa bona.

6 Kwaye banoyolo bonke abo abalambela baze bbanxanelwe cubulungisa, ngokuba baya kuzaliswa ngoMoya oyiNgcwele.

7 Kwaye banoyolo aabanenceba, ngokuba baya kwenzelwa inceba bona.

8 Kwaye banoyolo bonke aabahlambulukileyo intlinziyo, ngoku baya bkumbona uThixo.

9 Kwaye banoyolo bonke aabaxolisi, ngokuba baya kubizwa ngokuba bbangabantwana bakaThixo.

10 Kwaye banoyolo bonke abo abatshutshiswa ngenxa yegama lam, ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo.

11 Kwaye ninoyolo nina xa abantu beya kuningcikiva banitshutshise, kwaye beya kuthetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka, ngenxa yam;

12 Kuba niya kuba novuyo olukhulu kwaye nivuye ngokugqithisileyo, kuba uya kuba mkhulu aumvuzo wenu ezulwini; kuba babatshutshisa njalo abaprofeti ababekho ngaphambi kwenu.

13 Inene, inene, ndithi kuni, ndininika ukuba nibe ayityuwa yomhlaba; kodwa ukuba ityuwa iya kuphelelwa sisongo sayo uya kuvakaliswa ngantoni na umhlaba? Ityuwa emva koko ayi kulungela nto, kodwa ukulahlelwa ngaphandle nokunyathelwa phantsi kweenyawo zabantu.

14 Inene, inene, ndithi kuni, ndininika ukuba nibe kukukhanya kubo aba bantu. Isixeko esimiswe endulini asinakufihlakala.

15 Qaphelani, ingaba abantu bayalikhanyisa na aikhandlela baze balibeke phantsi kwesitya? Hayi, kodwa phezu kwesiphatho sekhandlela, lize linike ukukhanya kubo bonke abo basendlwini;

16 Ke ngoko makukhanye kangako aukukhanya kwenu phambi kwabo aba bantu, ukuze babe nokuyibona imisebenzi yenu emihle baze bamdumise uYihlo osemazulwini.

17 Musani ukucinga ukuba ndize ukuba nditshabalalise umthetho okanye abaprofeti. Andizanga kutshabalalisa kodwa ukuzalisekisa;

18 Kuba inene ndithi kuni, iganyana elinye nasuntswana linye alidlulanga kuwo aumthetho, kodwa ngam yazalisekiswa.

19 Kwaye qaphelani, ndininikile umthetho nemiyalelo kaBawo, ukuze nibe nokukholelwa kum, nokuze niguquke ezonweni zenu, kwaye nize kum angentliziyo eyaphukileyo nomoya otyumkileyo. Qaphelani, ninayo imiyalelo phambi kwenu, kwaye bumthetho uzalisekisiwe.

20 Ke ngoko yizani kum nize nisindiswe; kuba inene ndithi kuni, ukuthi ngaphandle kokuba niya kuyigcina imiyalelo yam, endiniyalele yona ngeli lixa, aniyi kubanako nangayiphina indlela ukungena kubo ubukumkani bamazulu.

21 Nivile okokuba kuthethiwe ngabo belixa lakudala, kananjalo kubhaliwe phambi kwenu, okokuba akusayi akubulala, kwaye nabanina oya kubulala uya kuba sengozini yomgwebo kaThixo;

22 Kodwa nditsho kuni, ukuthi nabani na onomsindo kumntakwabo uya kuba sengozini yomgwebo wakhe. Kwaye nabanina oya kuthi kumntakwabo, Rakha, uya kuba sengozini yequmrhu; kwaye nabani na oya kuthi, Siyathandini, uya kuba sengozini kuso isihogo somlilo.

23 Ke ngoko, ukuba uya kuza kum, okanye uya kunqwenela ukuza kum, uze ukhumbule okokuba umntakwenu unento ngokuchasene nawe—

24 Hamba uye kumntakwenu, uze kuqala auxolise kumntakwenu, uze ke uze kum ngenjongo epheleleyo yentliziyo, kwaye ndiya kukwamkela.

25 Vumelanani kunye notshaba lwenu ngokukhawuleza ngeli lixa nisendleleni kunye nalo, hleze nangaliphi na ilixa lunizuze, nize niphoswe entolongweni.

26 Inene, inene, ndithi kuni, anisayi kubanako ukuphuma apho nide nibe nihlawule neyona yokugqibela isenayini. Kwaye ngeli lixa nisentolongweni ingaba ninako ukuhlawula kwanenye aisenayini? Inene, inene, ndithi kuni, Hayi.

27 Qaphelani, kubhaliwe ngabo abamandulo, okokuba anisayi akukrexeza;

28 Kodwa ndithi kuni, ukuthi nabani na okhangela kumfazi, ukuze aamnqwenele, sele ekrexezile entliziyweni yakhe.

29 Qaphelani, ndininika umyalelo, okokuba ningavumeli nanye yezi zinto ukuba ingene aentliziyweni yenu;

30 Kuba kulungile ukuba ningazilvimba kwezi zinto, ngokuthi niwuthwale aumnqamlezo wenu, kunokuba ningaphoselwa esihogweni.

31 Kubhaliwe, okokuba nabani na oya kumlahla umfazi wakhe, makamnike auqhawulo mtshato olubhaliweyo.

32 Inene, inene, ndithi kuni, ukuthi nabani na oya akumlahla umfazi wakhe, ngaphandle kwesizathu bsokubula, umbangela ukuba cakrexeze; kwaye nabani na oya kuthi amtshate lowo ulahliweyo uyakrexeza.

33 Kwaye kwakhona kubhaliwe, anisayi kufunga nixoka, kodwa niya kuzenza kuyo iNkosi aizifungo zenu;

34 Kodwa inene, inene, ndithi kuni, amusani ukufunga kwaphela; nangezulu, kuba liyitrone kaThixo;

35 Nangawo umhlaba, kuba usisihlalo seenyawo zakhe;

36 Ningasayi kufunga nangentloko yenu, ngenxa yokuba akunako nokwenza nonwele olunye lubemnyama okanye mhlophe;

37 Kodwa uthungelwano lwenu malube nguEwe, ewe; Hayi, hayi; kuba nantoni na ephumayo engaphezulu kunezi ibububi.

38 Kwaye qaphelani, kubhaliwe, ailiso ngeliso, nezinyo ngezinyo;

39 Kodwa nditsho kuni, ukuthi aniyi akumelana nobubi, kodwa nabani na oya kunibetha esidleleni senu sasekunene, bguqulela kuye nesinye kanjalo;

40 Kwaye ukuba nawuphina umntu uya kukumangalela emthethweni aze ahluthe ingubo yakho yangaphantsi, mnike nesambatho sakho kanjalo;

41 Kwaye nabani na oya kuninyanzela ukuba nihambe imayile, hambani naye ezimbini.

42 aMpheni lowo ucelayo kuni, kwaye nalowo oya kuthi aboleke kuni ningamgxothi.

43 Kwaye qaphelani kubhaliwe kanjalo, okokuba uya kumthanda ummelwane wakho uze uluthiye utshaba lwakho;

44 Kodwa qaphelani ndithi kuni, thandani aiintshaba zenu, nibasikelele abo baniqalekisayo, yenza okulungileyo kwabo banithiyileyo, nize bnibathandazele abo benza ngenkohlakalo kuni baze banitshutshise;

45 Ukuze nibe nokuba ngabantwana boYihlo osezulwini; kuba ulenza ilanga lakhe liphakame kwabanobubi kwaye nakwabalungileyo.

46 Ke ngoko ezo zinto ezaye zizezamaxesha akudala, ezaye ziphantsi komthetho, ngam zonke zizalisekisiwe.

47 aIzinto ezindala zidlule, kwaye zonke izinto zisuke zabantsha.

48 Ke ngoko ndinga aningafezeka kwananjengokuba mna, okanye uYihlo osemazulwini efezekile.