2010
Umsebenzi Wethu Wokonga Isizukulu EsiKhulayo
Septemba 2010


Umyalezo wabaNdwendweli Makhaya, Septemba 2010

Umsebenzi wethu Wokonga Isizukulu EsiKhulayo

Funda lo myalezo, kwaye ngokufanelekileyo uxoxe ngawo kunye noodade obandwendwelayo. Sebenzisa lemibuzo ukukunceda womeleze oodade bakho kwaye nokukwenza Umbutho wooMama usebenze kwindawo yawo ebomini bakho.

Umfanekiso
Relief Society seal

Ukholo • Usapho • Uncedo

Okuvela kwiZibhalo EziNgcwele

Imizekeliso 22:6; AbaseEfese 6:4; Enosi 1:1; Alma 53:20–21; 56:47; 57:27

Ngaphandle kokonga, isizukulu sethu esikhulayo singasengozini sokuba njengale ichazwa kuMozaya 26. Ulutsha oluninzi lwalungakholelwa kumasiko ootata babo kwaye babangabantu abahlukileyo ngokokholo lwabo, bahlala benjalo emva koko. Isizukulu esikhulayo singakwazi naso ukukhokelwa kude ukuba abaqondi indawo yabo kwicebo likaBawo waseZulwini.

Kengoku yintoni eyakugcina esi sizukulu sikhulayo sikhuselekile? Ecaweni, sifundisa imigaqo esindisayo, kwaye loo migaqo yimigaqo yosapho, imigaqo eyakukuncedaisizukulu esikhulayo ukuba sibumbe usapho, sifundise olosapho, kwaye silulungiselele imimiselo olosapho kunye neminqophiso—kwaye emva koko isizuklu esilandelayo siyakufundisa esilandelayo njalo njalo.

Njengabazali, neenkokheli, kunye namalungu eCawa, silungiselela esi sizukulu iintsikelelo zikaAbraham, zetempile. Sinomthwalo wokuba sicace gca kumanqaku abalulekileyo asisitshixo emfundiso efumaneka kwisaziso sosapho. Ukuba ngumama kunye notata yindima kwaye nomsebenzi wanaphakade. Umntu ngamnye kuthi uthwele umthwalo wokubayindoda okanye umfazi kwihafu yecebo.

Singafundisa lemfundiso kuyo yonke imeko. Kufuneka sithethe ngomtshato kunye nosapho ngesimilo nentlonipho. Kwaye kumzekelo wethu, isizukulu esikhulayo singazuza ithemba elikhulu kunye nokuqonda—hayi nje ngokwamazi esiwathethayo kodwa ngesikuvayo nesikubonisayo ekwandiseni umoya wosapho.

Julie B. Beck, umongameli wajikelele woMbutho woMama.

Kuphuma Embalini Yethu

Ethetha noodade boMbutho woMama wajikelele kwintlanganiso yango Septemba 23, 1995, uMongameli Gordon B. Hinckley wathu: “Ihlabathi esikulo lihlabathi lempixano, lokuphenduka kwezinto nemigaqo siseko elixabiso. Amazwi atswinayo akhwaza into enye okanye enye ekungcatshweni kwamabanga exesha ekudala ekho avavanywa endlela umntu ayiyo nezinto azenzayo.1 UMongameli Hinckley emva koko waqhubekeka waxelela oodade, icawa kwaye okukugqibela abantu kuyo yonke indawo “Usapho: Isaziso eHlabathini”

Kwiminyaka elandeleyi eliphepha liprofetayo liguquliwe kwilwimi ezininzi kwaye lasasazwa kwinkokheli zelizwe. Icela abahlali kunye neenkokheli zikaRhulumente ukuba “zipapashe zinyusele phambili izilinganiselo neendlela ezidalelwe ukugcina kwaye nokomeleza usapho njengomzimba wabahlali osisiseko esibalulekileyo.”2

Esi saziso side saba sisiseko senkolo yabaNgcwele beNtsuku ZokuGqibela ngosapho, inkcazelo nentetho esinokuqinisa ukubambelela kuyo kwaye siyazi ukuba ngokuphila ngokwemiyalelo yayo, someleza iintsapho namakhaya ethu.

Izikhumbuzo

  1. Gordon B. Hinckley, “Stand Strong Against the Wiles of the World,” Ensign, Nov. 1995, 99.

  2. Bona “The Family: A Proclamation to the World,” Liahona, Oct. 2004, 49.

Yintoni Endinokukwazi Ukuyenza?

  1. Ndingabanceda njani oodade bam ukuba basebenzise “Usapho: Isaziso Ehlabathini” ukunesa isizukulu esikhulayo?

  2. Ndingasinesa Njani Isizukulwana Esikhulayo? Ungacinga ngokufikelela kumalungu ewadi yakho yecawa, esebe lecawa, okanye osapho, okanye endawo ohlala kuyo abangazuza ngenxa yokubahoya nokubathanda kwakho.