2010
INcwadi Yam kaMormoni
Septemba 2010


ulutsha

INcwadi Yam kaMormoni

NgoAgasti 2005, xa uMongameli Gordon B. Hinckley (1910–2008) wakhupha isicelo esinzima kuwo onke amalungu eCawa ukuba afunde iNcwadi kaMormoni phambi kokuphela konyaka, Ndazithembisa ukuba Ndiyakuyinda yonke laNcwadi. Ndandisendiwaqhelile amabali akwiNcwadi kaMormoni kodwa ndingazange ndiyifunde ukuqala ekugqibeleni uyotsho ekupheleni kwayo olo hlobo. Ngoku Ndazimisela ukusigcina isithembiso sam.

Ndandifundisiwe ukusebenzisa izibhalo ezingcwele ebomini bam kwaye ndizenze ezam. Ngoko ke Ndafunda, Ndabhala emigceni yephepha endandikubona njenge nqaku elibalulekileyo kwezo zahluko. Kwaye ndakrwela umgca phantsi kwamagama aphinda phindiweyo ukubonakalisa ugxininiso.

Ndabeka igama lam phambi kwamagama asezibhalweni ezingcwele ukundinceda ukuba ndikhumbule ilizwi likaThixo elithethwa kwabanye kwaye lingalilizwi elithethwayo kum. Umzekelo, ku 2 Nefayi 2:28 Ndabhala igama lam: “Kwaye ngoku, [Hilary]. Ndingathanda ukuba ukhangele kuMthetheleli omkhulu, kwaye umamele imithetho yakhe emikhulu.” Xa ndandisenza kakhulu ukuba Incwadi kaMormoni ibe yeyam, imincili nolonwabo lwalundenza ukuba ndibenomdla novuyo oluthe chatha ukuba ndiyifunde ngakumbi kunakuqala.

Njengokuba ndandiyifunda rhoqo ngemini, imithandazo yam yayiphuma kwaye ivakala kakhulu entliziyweni yam kwaye ibhekise kum ngqo. Kwaye ndandikwazi ukuzimisela ndizinze eziklasini sam kwaye ndilandele iimpembelelo zoMoya zokuba nditshomane nabanye. Kubusuku bokugqibela baloonyaka, Ndayigqiba iNcwadi kaMormoni.

Kengoko Ndakuqonda ukubaluleka bokufunda yonke iNcwadi kaMormoni, kunye nezinye izibhalo ezingcwele, kwaye ndafuna ukwenza njalo amaxesha amaninzi ebomini bam.