2010
Incwadi kaMormoni njengeNkokheli YoMntu
Septemba 2010


Umyalezo wesiMongameli SokuQala, Septemba 2010

INcwadi kaMormoni njengeNkokheli YoMntu

Sonke ngemyona mizuzu yethu emihle kakhulu, sive ulangazelelo lokubuyela ekhayeni siphile noThixo. Wasinika isipho soNyana Wakhe oyiNtandane ukuba abe nguMsindisi wethu asinike indlela kwaye asifundise indlela yokuyilandela. Wasinika abaprofeti ukuba balathe indlela. Umprofeti uJoseph Smith waphenjelelwa ukuba aguqule imbali eyayigciniwe yabaprofeti le iyiNcwadi kaMormoni. Iyinkokheli eqinisekileyo endleleni eya ekhaya kuThixo.

UJoseph Smith wathi ngaleNcwadi ixabisekileyo, “Ndabaxelela abazalwane ukuba iNcwadi ka Mormoni ngeyona ncwadi ilunge ncam ekuguqulelweni kwayo kuzo zonke incwadi emhlabeni, kwaye ililitye elivulayo elisisitsixo elibalulekileyo enkolweni yethu yeCawa neyenkolelo ezingcwele, kwaye umntu angasondela kuThixo ngokuthobela imiyalelo yayo, kunenye incwadi.”1

Imiyalelo yeNcwadi kaMormoni yimithetho kaThixo esiyifumayo kuyo. Eminye yimiyalelo evela ngqo kuMsindisi ngabaprofeti Bakhe ukuba senze ntoni na kwaye sibe yintoni na. Incwadi kaMormoni isinika umzekelo kaMsindisi wokuba sinyuse ukholo lwethu kunye nokuzimisela ukuthobela umthetho wakhe wokuMlandela. Le ncwadi igcwele zimfundiso zikaKrestu esikhokela. Nanku umzekelo ophuma ku 2 Nefayi:

“[UYesu] wathi kubantwana babantu: Landelani mna. Ke Ngoko, bazalwane bam, singamlandela na uYesu ngaphandle kokuba siyalangazelela ukugcina imithetho kaBawo?

“Kwaye uBawo wathi: Guqukani nina, guqukani nina, kwaye nibhaptizwe egameni likaNyana wam Oyintandane” (2 Nefayi 31:10–11).

Le ncwadi yenza ukuba kucace ukuba kufanele ukuba sifumane uMoya oyiNgcwele njengobhaptizo lomlilo ukusinceda ukuba sihlale kwindlela eme gca nankqo, emxinwa esa ebomini banaphakade. Siyafundiswa ukuba kufuneka ukuba sithandaze rhoqo ngegama likaKrestu, singawi, kwaye ukuba siyathandaza sinesisithembiso: “Kengoko, kufanele ukuba nicinezelele phambili niqinise ukubambelela kuKrestu, ninokholo olukhanyayo, kwaye nothando lukaThixo kwaye nolwabantu bonke. Ke Ngoko, ukuba niyakucinezelela phambili, nitye niliphange ilizwi likaThixo, kwaye ninyamezele kude kubesekugqibeleni, bonani, wathi uBawo niyakuba nobomi banaphakade kunye noThixo” (2 Nefayi 31:20).

INcwadi kaMormoni yenza kucace gca kwintshumayelo engummangaliso kaKumkani Benjamin ukuba kuthetha ukuthini ukuba nothando lukaThixo nolabantu bonke. Xa iimeko zendalo yethu zitshintsha ngamandla eNtlawulo kwaye nangokholo lwethu ngokuthobela imithetho, siyakugcwala luthando lukaThixo (bona Mozaya 4:1–12).

INcwadi kaMormoni iphinda isinike ukuzithemba ukuze sihlanjwe sibenyulu kobubomi ukuze singabinalo ulangazelelo lokwenza okubi (bona Mozaya 5:2). Elithemba lisinika ubugokra kunye nentuthuzelo xa uSathana ezama ukusihenda kwaye asityafise endleleni yethu.

Qho kwixesha eNdifunda imigca embalwa kwiNcwadi kaMormon, Ndiyabuva ubungqina bam busomelezwa ukuba le incwadi iyinyaniso, ukuba uYesu nguYesu Krestu, ukuba singamlandela siye naye ekhaya, kwaye ukuba singathatha abo sibathandayo siye ekhaya kunye nabo. Kum ibe yincwadi yeencwadi. Ililizwi likaThixo.

Ndiyathandaza ukuba thina kunye nabanye abantu esibathandayo siyakukusela nzulu kwaye narhoqo ngemini kuyo. Ndiyangqina ngegama likaYesu Krestu ukuba iyinkokheli inenkokhelo yokwenene eyinyaniso.

Izikhumbuzo

  1. Iimfundiso zooMongameli beCawa: Joseph Smith (2007), 369.

Ukufundisa ngaloMyalezo

“Xa sisebenzisa izibhalo ezingcwele kunye namazwi abaprofeti beentsuku zokugqibela njengentsusa yako konke esikufundisayo, simema uMoya ukuba abelingqina. Oku kusizisa kwimfundiso yethu ‘amandla kaThixo ekufundiseni abantu’ (Imfundiso neMinqophiso 11:21)” (Teaching, No Greater Call [1999], 51). Cingisisa ngokufunda la manqaku agxininisiweyo kulomyalezo kaMongameli Eyring, kunye namazwi kaJoseph Smith ngeNcwadi kaMormoni. Mema amalungu osapho abelane ngendlela ukuphila ezimfundiso zikwiNcwadi kaMormoni ezibanceda ngayo ukuba basondele kuThixo.

“Xa abafundi bexoxa ngalemigaqo ephuma kwizibhalo ezingcwele, bakhulisa ubugcisa nobulumko ababusweleyo ukuze bakwazi uzifundela izibhalo ezingcwele xa bebodwa.” (Teaching, No Greater Call, 54). Zikisa ukucinga ngokuba ufunde izibhalo ezingcwele ezinikiweyo kulomyalezo kwaye ukhangele kwaye uxoxe imigaqo eziyifundisayo.